{ "version": "https://jsonfeed.org/version/1.1", "user_comment": "This feed allows you to read the posts from this site in any feed reader that supports the JSON Feed format. To add this feed to your reader, copy the following URL -- https://elitshanews.org.za/xh/feed/json -- and add it your reader.", "next_url": "https://elitshanews.org.za/xh/feed/json?paged=2", "home_page_url": "https://elitshanews.org.za/xh", "feed_url": "https://elitshanews.org.za/xh/feed/json", "language": "xh-ZA", "title": "Elitsha", "description": "Ubomi bethu, amabali ethu", "icon": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2017/02/favicon.png?fit=256%2C256&ssl=1", "items": [ { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=22367", "url": "https://elitshanews.org.za/2023/10/19/isibonelelo-senkxaso-sikarhulumente-asinanto-yokwenza-nokumitha-kwamantombazana/", "title": "Isibonelelo senkxaso sikarhulumente asinanto yokwenza nokumitha kwamantombazana", "content_html": "\n
Ingxelo ye Children’s Institute ilikhuphe lacaca elokuba ukukhulelwa kwamantombazana bebancici akunanto yokwenza nesibonelelo senkxaso yabantwana karhulumente. Ubungqina bophando olwenziwe yi-Children\u2019s Institute bubonisa okokuba izinga lokuzala nokukhulelwa kwabantwana abangaphatsi kweminyaka liyehla minyaka le.
\n\n\n\nLe ngxelo ithi isibonelelo senkxaso-mali yabantwana sinendima esiyidlalileyo ekuhleni kwezinga lokukhulelwa nokwabelana ngesondo emantombazaneni afikisayo. Ayiphelelanga apho, ikwadlala indima nasekubakhuseleni kweminye imikhuba efana nokusetyenziswa kweziyobisi notywala.
\n\n\n\n\u201cAbantu abagxeka inkonzo yezibonelelo zikarhulumente bakholelwa okokuba abantu kufuneka baziphatha ngendlela engafanelekileyo okanye basebenzise ubuqhophololo ukuze baxhamle kwezizibonelelo. Kanti elinye elixhaphakileyo lithi abaxhamli besisibonelelo abayisebenzisi ngokufaneleyo lemali\u2013 benza iinwele, bayichithe etywaleni, nezinye nezinye. Ezi zezinye zezizathu ezibangele ukuba lwenziwe olu phando, ngoba zizizathu ezaneleyo ukuba kuthwathe isigqibo sokuba zincitshiswe okanye zinqunyanyiswe na ezinkonzo zesibonelelo,\u201d utsho uKatherine Hall ongumphandi oyintloko.
\n\n\n\n\n\n\n\nIziko labantwana i-Children\u2019s Institute kwiDyunivesithi yaseKapa i-UCT, likhuphe ingxelo ethi ukulwa ukumitha kwamantombazana amancinci kufuneka kuliwe ukunqongophala kwemfundiso ngokwabelana ngesondo, ucalu-calulo ngokwesini, kunye neenkonzo zokuzala (reproductive healths ervices) ezingekho mgangathweni. Umfanekiso ogciniweyo ngu Dibuseng Phaloane
\n\n\n\nLe ngxelo ithi kwinani labantu abamalunga nezigidi ezili-7.4 abafumana isibonelelo senkxaso yabantwana, lingaphantsi kuka-1% inani labangaphantsi kwama-20 ubudala. \u201cLiyinene elokuba uMzantsi-Afrika unezinga eliphezulu kakhulu lokukhulelwa kwabantwana abasebancinci kwaye yinto ekudala ikhona leyo ngaphambi kokufika kwezizibonelelo zika rhulumente. Ezona nto ziyintsusa yoku; kukungafikeleleki kweenkonzo zozalo (reproductive health services), kukunqongophala kwemfundiso ngokwabelana ngesondo, ucalu-calulo ngokwesini, noburhabxa kubasebenzi bamaziko ezempilo.Yinto ke leyo enokubathintela abantwana abazibandakanya kwinkonzo yokwabelana ngesondo ukuba bangayi ukuyothintela,\u201d utshilo uHall.
\n\n\n\nInkxaso yesibonelelo sabantwana ayonelanga
\n\n\n\nNgokuchaseneyo noko, ingxelo ifumanise ukuba ngaphezulu kwekota yabantwana eMzantsi Afrika basaqhubeka nokuthwala ubunzima bentlupheko nangona besifumana esisiboneleleo sabantwana nyanga nenyanga. Nangona eli ilelinye lamanyathelo aphumeleleyo karhulumente ngokufikeleleka abantwini, kodwa aliyizalisekisi injongo yokuphelisa indlala ebantwaneni.
\n\n\n\nI-Children\u2019s Institute ithi umda wemali yokuphuma ebuhlwempini (FPL) ngo-2023 uzakuba yi-R760 umntu ngenyanga. Ingxelo esihloko esithi, Reducing Child Poverty, ichaza ukuba lo ngowona mlinganiselo uphantsi wokubonelela ngezona zidingo zibalulekileyo. Ukuba isibonelelo sabantwana (R510) singenyuselwa kumda wokwazi ukuphuma ebuhlwempini (R760), lonto ingenza umahluko omkhulu kakhulu ekunciphiseni izinga lendlala ebantwaneni. Inani labantwana elingapha kwezigidi ezi-1.5 linganyuka ngaphezulu komda wendlala-kutya (FPL), kunciphe nezinga lwendlala, ukungondleki nokudodobala kwabantwana.
\n\n\n\nOmnye womzali wabaxhamli abathathu besibonelelo sabantwana noxhomekeke kuso kuphela njengengeniso lwasekhaya, u-Phathiswa Bawuti, uthi kunzima kakhulu kuba lemali ayizoneli izidingo zabo. \u201cKunzima kuba imali ayifikeleli kwizidingo zethu zenyanga, asikwazi nokufumana ukutya okwaneleyo ukusixhasa inyanga yonke,\u201d utshilo.
\n\n\n\nYatshintsha ngakumbi imeko yolusapho ngexesha lokumiswa kweentshumo zonke kweli, Covid-19, abantwana bengayi esikolweni wonke umntu esedlini. Nto ke leyo eyabangela uxinzelelo ulokhulu ngakumbi ekutyeni. \u201cZange kubonakale mahluko, koko imeko yasuke yambi nangakumbi, abantwana balamba oko behleli nje bayatya,\u201dutshilo uPhathiswa.
\n\n\n\n\n\n\n\nNgexesha kwakukhutshwa ukutya kunikezelwa kubantu ngexesha lokuvalwa ngenxa yesifo seCovid-19. Umfanekiso nguLilita Gcwabe
\n\n\n\nNangona ezinye iintsapho zivakalise ukungoneli kwesisibonelelo se-CSG, bakhona abancomayo nabathi bona siwenzile umahluko kumakhaya wabo. U-Noluvuyo Meva, oneshishini lokoja nokuthengisa inyama akawuvali umlomo wakhe ngendlela isibonelelo sikarhulumente sabantwana esithe salulutho ngayo kusapho lwakhe. \u201cSandinceda kakhulu mna isibonelelo sabantwana bam, kuba kaloku besingasaphangeli sobabini nomyeni wam. Amajoni ebebetha wonke abambona esendleleni engathi uyathengisa okanye uqhuba naliphi na ishishini,\u201d utsho lo wakwa Meva.
\n\n\n\nNangonakunjalo, yinyani engenakuphikiswa ukuba nokube iCSG ibikunokujongana neemfuno zomntwana kuphela, akwanelanga, itsho ingxelo yeZiko Lwabantwana. Umsantsa phakathi komgca wokuhlwempuzeka kokutya kunye ne CSG yinto engenakurhoxiswa. NgokweChildrens’ Institute, oku kuye kwanda ngenxa yonyuso lonyaka oluye lwagcinwa ukuze lulungenelelane nesixase CSG. \u201cUkunyuka kwamaxabiso okutya kuye kwaphakama ngokukhethekileyo kule minyaka mibini idluleyo, yaye ngeloxesha umsantsa wanda kakhulu. Amandla okuthenga e-CSG acinyiwe kwaye ixabiso legranti (eligama R510 ngenyanga) ngoku lingaphantsi kwama-33% kumda wentlupheko yokutya (iR760 ngenyanga),\u201d utshilo uKatherine Hall, uMphandi omkhulu weZiko Lwabantwana.
\n\n\n\nNgokwe-Pietermaritzburg Economic Justice and Dignity Group’s Household Affordability Index, ingobozi yokutya yasekhaya ngoSeptember ibonisa ukuba ukutya okukwibhaskithi kuxabisa i-R5,155.77, i-R31.43 (0.6%) ngaphezu kuka-August ibixabisa i-R5,124.34. kunye ne-R349.91 (7.3%) ngaphezu konyaka odlulileyo. Elona xabiso linyuke kakhulu lelerayisi (i-10kg), apho ixabiso lenyuke nge-R11.18, ukusuka kwi-R146.61 ngo-August ukuya kwi-R157.79 ngo-September. Okunye ukwanda okukhulu kuphawulwe kwi-butternut (17%), i-peanut butter (18%), iCremora (5%), ibanana (7%), ama-oranges (12%) kunye ne-Peanut butter (5%).
\n", "content_text": "Ingxelo ye Children’s Institute ilikhuphe lacaca elokuba ukukhulelwa kwamantombazana bebancici akunanto yokwenza nesibonelelo senkxaso yabantwana karhulumente. Ubungqina bophando olwenziwe yi-Children\u2019s Institute bubonisa okokuba izinga lokuzala nokukhulelwa kwabantwana abangaphatsi kweminyaka liyehla minyaka le.\n\n\n\nLe ngxelo ithi isibonelelo senkxaso-mali yabantwana sinendima esiyidlalileyo ekuhleni kwezinga lokukhulelwa nokwabelana ngesondo emantombazaneni afikisayo. Ayiphelelanga apho, ikwadlala indima nasekubakhuseleni kweminye imikhuba efana nokusetyenziswa kweziyobisi notywala.\n\n\n\n\u201cAbantu abagxeka inkonzo yezibonelelo zikarhulumente bakholelwa okokuba abantu kufuneka baziphatha ngendlela engafanelekileyo okanye basebenzise ubuqhophololo ukuze baxhamle kwezizibonelelo. Kanti elinye elixhaphakileyo lithi abaxhamli besisibonelelo abayisebenzisi ngokufaneleyo lemali\u2013 benza iinwele, bayichithe etywaleni, nezinye nezinye. Ezi zezinye zezizathu ezibangele ukuba lwenziwe olu phando, ngoba zizizathu ezaneleyo ukuba kuthwathe isigqibo sokuba zincitshiswe okanye zinqunyanyiswe na ezinkonzo zesibonelelo,\u201d utsho uKatherine Hall ongumphandi oyintloko.\n\n\n\n\n\n\n\nIziko labantwana i-Children\u2019s Institute kwiDyunivesithi yaseKapa i-UCT, likhuphe ingxelo ethi ukulwa ukumitha kwamantombazana amancinci kufuneka kuliwe ukunqongophala kwemfundiso ngokwabelana ngesondo, ucalu-calulo ngokwesini, kunye neenkonzo zokuzala (reproductive healths ervices) ezingekho mgangathweni. Umfanekiso ogciniweyo ngu Dibuseng Phaloane\n\n\n\nLe ngxelo ithi kwinani labantu abamalunga nezigidi ezili-7.4 abafumana isibonelelo senkxaso yabantwana, lingaphantsi kuka-1% inani labangaphantsi kwama-20 ubudala. \u201cLiyinene elokuba uMzantsi-Afrika unezinga eliphezulu kakhulu lokukhulelwa kwabantwana abasebancinci kwaye yinto ekudala ikhona leyo ngaphambi kokufika kwezizibonelelo zika rhulumente. Ezona nto ziyintsusa yoku; kukungafikeleleki kweenkonzo zozalo (reproductive health services), kukunqongophala kwemfundiso ngokwabelana ngesondo, ucalu-calulo ngokwesini, noburhabxa kubasebenzi bamaziko ezempilo.Yinto ke leyo enokubathintela abantwana abazibandakanya kwinkonzo yokwabelana ngesondo ukuba bangayi ukuyothintela,\u201d utshilo uHall.\n\n\n\nInkxaso yesibonelelo sabantwana ayonelanga\n\n\n\nNgokuchaseneyo noko, ingxelo ifumanise ukuba ngaphezulu kwekota yabantwana eMzantsi Afrika basaqhubeka nokuthwala ubunzima bentlupheko nangona besifumana esisiboneleleo sabantwana nyanga nenyanga. Nangona eli ilelinye lamanyathelo aphumeleleyo karhulumente ngokufikeleleka abantwini, kodwa aliyizalisekisi injongo yokuphelisa indlala ebantwaneni.\n\n\n\nI-Children\u2019s Institute ithi umda wemali yokuphuma ebuhlwempini (FPL) ngo-2023 uzakuba yi-R760 umntu ngenyanga. Ingxelo esihloko esithi, Reducing Child Poverty, ichaza ukuba lo ngowona mlinganiselo uphantsi wokubonelela ngezona zidingo zibalulekileyo. Ukuba isibonelelo sabantwana (R510) singenyuselwa kumda wokwazi ukuphuma ebuhlwempini (R760), lonto ingenza umahluko omkhulu kakhulu ekunciphiseni izinga lendlala ebantwaneni. Inani labantwana elingapha kwezigidi ezi-1.5 linganyuka ngaphezulu komda wendlala-kutya (FPL), kunciphe nezinga lwendlala, ukungondleki nokudodobala kwabantwana.\n\n\n\nOmnye womzali wabaxhamli abathathu besibonelelo sabantwana noxhomekeke kuso kuphela njengengeniso lwasekhaya, u-Phathiswa Bawuti, uthi kunzima kakhulu kuba lemali ayizoneli izidingo zabo. \u201cKunzima kuba imali ayifikeleli kwizidingo zethu zenyanga, asikwazi nokufumana ukutya okwaneleyo ukusixhasa inyanga yonke,\u201d utshilo.\n\n\n\nYatshintsha ngakumbi imeko yolusapho ngexesha lokumiswa kweentshumo zonke kweli, Covid-19, abantwana bengayi esikolweni wonke umntu esedlini. Nto ke leyo eyabangela uxinzelelo ulokhulu ngakumbi ekutyeni. \u201cZange kubonakale mahluko, koko imeko yasuke yambi nangakumbi, abantwana balamba oko behleli nje bayatya,\u201dutshilo uPhathiswa.\n\n\n\n\n\n\n\nNgexesha kwakukhutshwa ukutya kunikezelwa kubantu ngexesha lokuvalwa ngenxa yesifo seCovid-19. Umfanekiso nguLilita Gcwabe\n\n\n\nNangona ezinye iintsapho zivakalise ukungoneli kwesisibonelelo se-CSG, bakhona abancomayo nabathi bona siwenzile umahluko kumakhaya wabo. U-Noluvuyo Meva, oneshishini lokoja nokuthengisa inyama akawuvali umlomo wakhe ngendlela isibonelelo sikarhulumente sabantwana esithe salulutho ngayo kusapho lwakhe. \u201cSandinceda kakhulu mna isibonelelo sabantwana bam, kuba kaloku besingasaphangeli sobabini nomyeni wam. Amajoni ebebetha wonke abambona esendleleni engathi uyathengisa okanye uqhuba naliphi na ishishini,\u201d utsho lo wakwa Meva.\n\n\n\nNangonakunjalo, yinyani engenakuphikiswa ukuba nokube iCSG ibikunokujongana neemfuno zomntwana kuphela, akwanelanga, itsho ingxelo yeZiko Lwabantwana. Umsantsa phakathi komgca wokuhlwempuzeka kokutya kunye ne CSG yinto engenakurhoxiswa. NgokweChildrens’ Institute, oku kuye kwanda ngenxa yonyuso lonyaka oluye lwagcinwa ukuze lulungenelelane nesixase CSG. \u201cUkunyuka kwamaxabiso okutya kuye kwaphakama ngokukhethekileyo kule minyaka mibini idluleyo, yaye ngeloxesha umsantsa wanda kakhulu. Amandla okuthenga e-CSG acinyiwe kwaye ixabiso legranti (eligama R510 ngenyanga) ngoku lingaphantsi kwama-33% kumda wentlupheko yokutya (iR760 ngenyanga),\u201d utshilo uKatherine Hall, uMphandi omkhulu weZiko Lwabantwana.\n\n\n\nNgokwe-Pietermaritzburg Economic Justice and Dignity Group’s Household Affordability Index, ingobozi yokutya yasekhaya ngoSeptember ibonisa ukuba ukutya okukwibhaskithi kuxabisa i-R5,155.77, i-R31.43 (0.6%) ngaphezu kuka-August ibixabisa i-R5,124.34. kunye ne-R349.91 (7.3%) ngaphezu konyaka odlulileyo. Elona xabiso linyuke kakhulu lelerayisi (i-10kg), apho ixabiso lenyuke nge-R11.18, ukusuka kwi-R146.61 ngo-August ukuya kwi-R157.79 ngo-September. Okunye ukwanda okukhulu kuphawulwe kwi-butternut (17%), i-peanut butter (18%), iCremora (5%), ibanana (7%), ama-oranges (12%) kunye ne-Peanut butter (5%).", "date_published": "2023-10-19T22:00:00+02:00", "date_modified": "2023-10-19T19:46:41+02:00", "authors": [ { "name": "Papama Mninzi", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/papama-mninzi/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/0e9841a2634c27ace6304d04cb04e893?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Papama Mninzi", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/papama-mninzi/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/0e9841a2634c27ace6304d04cb04e893?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2023/10/A-4.webp?fit=678%2C381&ssl=1", "tags": [ "Indlala nentlupheko", "Inkxaso yabantwana kaRhulumente", "Isini", "Ukucinezelwa kwabafazi", "Ukumitha kwamantombazana amancinci", "Ukungalingani ngesini", "Cape Town", "Iyavela", "Uncategorised" ], "summary": "Iziko labantwana i-Children\u2019s Institute kwiDyunivesithi yaseKapa i-UCT, likhuphe ingxelo echazayo okokuba izinga lokukhulelwa kwabantwana abancinci lichatshazelwa kukunqongophala kwemfundiso ngokwabelana ngesondo, ucalu-calulo ngokwesini, kunye neenkonzo zokuzala (reproductive healths ervices) ezingekho mgangathweni." }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=22090", "url": "https://elitshanews.org.za/2023/09/26/imbongi-yamanzi/", "title": "Imbongi Yamanzi", "content_html": "\nULiso Ngqunge ozalelwe eCofimvaba kwilali yase Nquqhu apho afundele khona amabanga akhe aphantsi nothi uyi Mbongi Yamanzi, uthi akazikhumbuli kakuhle ukuba waqala nini ukubonga ngoba akazange akukhethe ukubonga, kukubonga okwakhetha yena.
\n\n\n\n“Mna ndiyimbongi yamanzi, ebomini ukuze umntu aphile udinga amanzi. Sidinga isakhono semibongo ezakusivula ingqondo nohlobo esicinga ngalo,\u201d ucacise ngelitshoyo.
\n\n\n\nXa ecacisa eligama lakhe laseqongeni elithi ”Imbongi Yamanzi” uthi, ” U Thixo ekuqalekeni wohlukanisa amanzi kwamanye, mna ndingalamanzi ashekayo angazange akhethwe ngu somBawo ukwenzela ndikhulule abantu ngokubonga kwam.\u201d
\n\n\n\nUNgqunge uthi apho akhulele khona isakhono sakhe sokubonga zange akwazi ukusiphuhlisa. Uthi wathi wakufudukela eStrand watsho wabona uhlumelo nento ekhula kwesisakhono sakhe. Uthi wabona abantu base Strand benemvakalelo xa bemamele imibongo yakhe watsho wazibona ukuba uyaphi nesi sipho sakhe.
\n\n\n\nXa eseqongeni uye azive engomnye umntu, uthi luye lubeluninzi utshintsho phakathi kuye. Uthi eyonanto imonwabisa kakhulu kukufumana ixesha lokudiza lento ayivayo nokucikozela abantu ngokudlala ngamagama.
\n\n\n\nUthi uye azive ekwelinye ilizwe, kwenye impilo eyahlukileyo athi inga ngasuke ahlale kwelolizwe. “Impilo eyakhiwe ngamagama, kwimpilo eyakhiwe ngamaqhalo nezaci eziphuhlisa ingqondo. Xa ndisenza imibongo ndiye ndizive ndiqhagamshelane nenkcubeko yam. Uninzi lwemibongo yam ibhalwe ngelwimi lakwaNtu ngohlobo lokugcina ixabiso lolwimi lwethu.\u201d
\n\n\n\n\n\n\n\nOmnye umbongo weMbongi Yamanzi othetha ngemeko abantu abaphila ngayo elokishini yakhe eStrand.
\n\n\n\nUthi abantu abambambe ngesandla bamsondeza kakhulu kwesi sipho sakhe ngabantu abafana noKhanyiso Thakoli, Cofa Amankazana, Yamkela Mdoda kunye noBulelani. Uthi ngabona bantu bamnika ukuzithemba ngetalente yakhe, bamenza ukuba azithembe.
\n\n\n\n“Ngokumane ndibukela imisebenzi yabo nokusebenzisana nabo ndiye ndakwazi ukukhulisa isakhono sam.”
\n\n\n\nUNgqunge uthi akaboni ingathi ikhona indima edlalwa ngurhulumente ukuncedisa iimbongi ezifana naye ngokuphuhlisa isakhono sazo.
\n\n\n\n“Ukuba urhulumente ibikhona indima ayidlalayo ngendingekho apha esikolweni ngendiphiliswa sisakhono sam. Ndithetha nawe ngoku ndingumfundi wase CPUT ndifundela ukuba ngumfundisi-ntsapho, ngendlela yokhangela ubomi obungcono. Ayikuba ndiyenza kuba ndithanda, ndiyenza kuba ndifuna ubomi obungcono. Ukubangaba bekusithiwa likhona ithemba lokuba ndingaphila ngesiphiwo sam sokubonga sodwa, ngekudala ndayikhetha londlela.”
\n\n\n\nUthi ngenxa yokungabikho kwamaziko okuphuhlisa letalente nenkxaso esuka kurhulumente, uzibona sesenza izinto angazithandiyo ukuze akwazi ukubeka isonka etafileni.
\n", "content_text": "ULiso Ngqunge ozalelwe eCofimvaba kwilali yase Nquqhu apho afundele khona amabanga akhe aphantsi nothi uyi Mbongi Yamanzi, uthi akazikhumbuli kakuhle ukuba waqala nini ukubonga ngoba akazange akukhethe ukubonga, kukubonga okwakhetha yena.\n\n\n\n“Mna ndiyimbongi yamanzi, ebomini ukuze umntu aphile udinga amanzi. Sidinga isakhono semibongo ezakusivula ingqondo nohlobo esicinga ngalo,\u201d ucacise ngelitshoyo.\n\n\n\nXa ecacisa eligama lakhe laseqongeni elithi ”Imbongi Yamanzi” uthi, ” U Thixo ekuqalekeni wohlukanisa amanzi kwamanye, mna ndingalamanzi ashekayo angazange akhethwe ngu somBawo ukwenzela ndikhulule abantu ngokubonga kwam.\u201d\n\n\n\nUNgqunge uthi apho akhulele khona isakhono sakhe sokubonga zange akwazi ukusiphuhlisa. Uthi wathi wakufudukela eStrand watsho wabona uhlumelo nento ekhula kwesisakhono sakhe. Uthi wabona abantu base Strand benemvakalelo xa bemamele imibongo yakhe watsho wazibona ukuba uyaphi nesi sipho sakhe.\n\n\n\nXa eseqongeni uye azive engomnye umntu, uthi luye lubeluninzi utshintsho phakathi kuye. Uthi eyonanto imonwabisa kakhulu kukufumana ixesha lokudiza lento ayivayo nokucikozela abantu ngokudlala ngamagama.\n\n\n\n Uthi uye azive ekwelinye ilizwe, kwenye impilo eyahlukileyo athi inga ngasuke ahlale kwelolizwe. “Impilo eyakhiwe ngamagama, kwimpilo eyakhiwe ngamaqhalo nezaci eziphuhlisa ingqondo. Xa ndisenza imibongo ndiye ndizive ndiqhagamshelane nenkcubeko yam. Uninzi lwemibongo yam ibhalwe ngelwimi lakwaNtu ngohlobo lokugcina ixabiso lolwimi lwethu.\u201d\n\n\n\n\n\n\n\nOmnye umbongo weMbongi Yamanzi othetha ngemeko abantu abaphila ngayo elokishini yakhe eStrand.\n\n\n\nUthi abantu abambambe ngesandla bamsondeza kakhulu kwesi sipho sakhe ngabantu abafana noKhanyiso Thakoli, Cofa Amankazana, Yamkela Mdoda kunye noBulelani. Uthi ngabona bantu bamnika ukuzithemba ngetalente yakhe, bamenza ukuba azithembe.\n\n\n\n“Ngokumane ndibukela imisebenzi yabo nokusebenzisana nabo ndiye ndakwazi ukukhulisa isakhono sam.”\n\n\n\nUNgqunge uthi akaboni ingathi ikhona indima edlalwa ngurhulumente ukuncedisa iimbongi ezifana naye ngokuphuhlisa isakhono sazo.\n\n\n\n “Ukuba urhulumente ibikhona indima ayidlalayo ngendingekho apha esikolweni ngendiphiliswa sisakhono sam. Ndithetha nawe ngoku ndingumfundi wase CPUT ndifundela ukuba ngumfundisi-ntsapho, ngendlela yokhangela ubomi obungcono. Ayikuba ndiyenza kuba ndithanda, ndiyenza kuba ndifuna ubomi obungcono. Ukubangaba bekusithiwa likhona ithemba lokuba ndingaphila ngesiphiwo sam sokubonga sodwa, ngekudala ndayikhetha londlela.”\n\n\n\nUthi ngenxa yokungabikho kwamaziko okuphuhlisa letalente nenkxaso esuka kurhulumente, uzibona sesenza izinto angazithandiyo ukuze akwazi ukubeka isonka etafileni.", "date_published": "2023-09-26T21:00:00+02:00", "date_modified": "2023-09-26T17:57:27+02:00", "authors": [ { "name": "Onesisa Khalipha", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/onesisa-khalipha/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/7a1f031842e8b6eb404affb44e68b22d?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Onesisa Khalipha", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/onesisa-khalipha/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/7a1f031842e8b6eb404affb44e68b22d?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2023/09/imbongi-yamanzi.jpg?fit=640%2C640&ssl=1", "tags": [ "Inkcubeko namagugu", "Inyanga yenkcubeko", "Liso Ngqunge", "Mbongi Yamanzi", "Ukubhala imibongo", "Cape Town", "Iyavela", "Oorhulemente basemakhaya", "Uncategorised" ], "summary": "Imbongi Yamanzi ithi ayizange ikukhethe ukubonga koko kukubonga okwakhetha yona.", "attachments": [ { "url": "https://elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2023/09/SIBULALE-NKOKHELI.mp4", "mime_type": "video/mp4", "size_in_bytes": 85238314 } ] }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=22043", "url": "https://elitshanews.org.za/2023/09/20/makube-chosi-kube-hele/", "title": "Makube chosi kube hele", "content_html": "\n\u201cIzixhobo zomculo wakwantu akusiyonto yakunqula izinyanya kuphela. Ewe ziyasetyenziwa ngabanye abantu njengesixhobo sokunxulumana nazo, kodwa ayiphelelanga apho. Into ixhomekeke kulomntu usidlalayo eso sixhobo ukuba ithini na injongo yakhe ngaso.\u201d
\n\n\n\nLa ngamazwi yenzwakazi yakwaXhosa, isitsho isithi yona ingum-Kristu kwaye iyawathanda futhi iyawahlonipha namawayo, kodwa ukudlala kwakhe uhadi akudibenanga nanto yokunxulumana nezinyanya. Le yenye yempixano nokungaqondi okuxhaphakileyo kakhulu kubalandeli bakhe kumakhasi onxulumano, ngenxa yesingqi somculo wakhe.
\n\n\n\nU Lindokuhle Matina owaziwa ngo-Chosi, igama lakhe leqonga, yenye yeemvumi zesingqi sesintu apha eMzantsi-Afrika. Eli gama lithi \u2018Chosi\u2019 wazinika lona esakubona okokuba ubuhle obebulindwe ngabazali bakhe bufikile ngaye, nto ke leyo amaxhosa athi xa eyicacisa bukhahlela, \u2018makube chosi kube hele\u2019.
\n\n\n\nLentokazi ina mashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, izalwe yaze yakhulela eGqeberha kwilokishi yakwaZakhele. Kodwa, izifundo zakhe uzenzele kweli lase Ntshona-Koloni, ukuqala kumabanga aphantsi ukuya kutsho kwidyunivesithi e-UCT apho wathweswa khona isidanga kwi-Film and Social Anthropology ngonyaka ka-2019.
\n\n\n\nNgokutsho kwalo ka Matina, wakhula ehlala nomakhulu wakhe, onguye owathi wanegalelo ekuthandeni kwakhe umculo. Ayonto aqeqeshelwe kuyo umculo, kodwa wadibana nabahlobo edyunivesithi abathi bavuselela uthando lwesingqi sesintu kuye kwaye bamfundisa nokudlala izixhobo ezifana nohadi, umrhubhe, umtshingo (Bamboo flute) nenyunga-nyunga (Kalimba /thumb piano). Nto leyo ke ethe yasiphuhlisa nangakumbi isakhono sakhe somculo, ingakumbi isingqi sesintu.
\n\n\n\n\u201cMna ndikhuliswa ngumakhulu wam, umntu obesithanda kakhulu isintu. Lonto yandenza ukuba ndisithande kwaye ndizingce ngemvela-phi yam, isintu nobu-Africa. Xa ndiva esisingqi sindikhumbuza kakhulu ikhaya nomakhulu wam, sisingqi esiphuma ngemveli kum ukodlula zonke ezinye iindidi zomculo,\u201d utsho uChosi.
\n\n\n\n\n\n\n\nLoka Matina eseqongeni nabo acula nabo. Umfanekiso uthathwe kwikhasi lakhe like Instagram
\n\n\n\nLenzwakazi iziphiwo-zininzi akaculi adlale uhadi kuphela, koko uqeqeshwe nasekubhalen, yilonto ekwayiyo nembongi yosiba. Unengqokelela yemibongo eshicilelweyo; i-Black Consciousness Poetry (BCP) kunye nethi-Ukombela (Open Book Festival). Kanti uyawenza nomculo owaziwa ngokuba yi-Rap. Kodwa ke ngokucacileyo esona siphiwo sibalaseleyo kuye nasibeka phambili kunezinye ngulo wesingqi sesintu.
\n\n\n\nU-Chosi wathi wazenza indumasi kukhuphiswano lomculo lukamabona-kude i-Idols. Ukusukela ngokozange aphinde asuke emilonyeni yeli. Wangenela olukhuphiswano ngengoma awayibhala ngokwakhe u-Ntinga ezidlalela nohadi lwakhe.
\n\n\n\nUkungenela kwakhe olu khuphiswano uthi yayingeyonto yayisezicwangcisweni zakhe koko wayefuna nje ukwabelana nokubonakalalisa isakhono sakhe nobuhle nemvelaphi yomntu omnyama kwizwe lonke jikelele. Xa ezichaza uthi ungumntu ongathandi kugxila engxakini kakhulu koko ukholwa kukuza nezisombululo. Ukuya kwakhe kwi-Idols ibisesinye sezisombululo kwingxaki yokunqaba nokujongelwa phantsi kwesingqi sesintu.
\n\n\n\n\n\n\n\nLe yeminye yemiqolo kwingoma kaChosi, uthi xa eyicacisa, \u201cU-Ntinga yingoma endayidlala ndicinga ingoma ka-Madosini u-Yaka-yaka ndemka nohlungulwane kwaye ndandifuna ukubhala ingoma ezakukhuthaza iimvumi ezisakhasayo ukuba zingatyhafi zihlale zinethemba lokuba zisezophumelela zibhabhele phezulu zixelise uhlungulwane.\u201d
\n\n\n\nLo ka-Matina uthi ukungenela kwakhe i-Idols kwamvulela amathuba amanintsi kwishishini lomculo, kwaye lwakhula ngokukhawuleza ukhono lwakhe emculweni. Emva kovavanyo lwakhe olwahamba phambili kakhulu, wayesele echwechwelwa ngabantu asele bephumelele emculweni befuna ukusebenza naye. Ndibala wena Prince Kaybee, Kuhle Mda (The Soil) kanti nabenzi-feshini babefuna ukumnxibisa xa esiya kwindawo awayebizwa ukuzocula kuzo.
\n\n\n\nUthi xa ethetha, amaxesha amaninzi kunzima ukukhula emculweni ingakumbi kulo wesingqi sesintu kuba abantu benolwazi oluncinci ngawo. Nenkxaso karhulumente ayibonakali ncam kwelicandelo, kwaye inobucedu-cedu nobukhethane indlela yokufaka isicelo senkxaso-mali, kuba ayifikeleli kubantu bonke.
\n\n\n\n\u201cNam ndikwiphulo lokukhangela inkxaso-mali kurhulumente ndizoqala isiseko sam sokuxhasa abantwana abathanda umculo nenkcubeko, nokuvula amaziko okwenza oku ekuhlaleni,\u201d utsho uChosi.
\n\n\n\nEmva kokuphuma kwakhe kwii-Idols wathatha unyaka ehleli phantsi lo kaMatina ezigoca-goca ezikhangela okokuba myalezo-mni lo afuna ukuwuthumela eluntwini nokokuba ungathi ungqamane njani nenkolo yakhe yobu-Kristu.
\n\n\n\n\u201cUmculo endizowenza ukubheka phambili uzokuba ngoka Thixo. Uzawubonakalisa kakhulu uthando lwakhe, indlela angumsimelelo wam nokulunga kwakhe ebomini bam.\u201d
\n", "content_text": "\u201cIzixhobo zomculo wakwantu akusiyonto yakunqula izinyanya kuphela. Ewe ziyasetyenziwa ngabanye abantu njengesixhobo sokunxulumana nazo, kodwa ayiphelelanga apho. Into ixhomekeke kulomntu usidlalayo eso sixhobo ukuba ithini na injongo yakhe ngaso.\u201d\n\n\n\nLa ngamazwi yenzwakazi yakwaXhosa, isitsho isithi yona ingum-Kristu kwaye iyawathanda futhi iyawahlonipha namawayo, kodwa ukudlala kwakhe uhadi akudibenanga nanto yokunxulumana nezinyanya. Le yenye yempixano nokungaqondi okuxhaphakileyo kakhulu kubalandeli bakhe kumakhasi onxulumano, ngenxa yesingqi somculo wakhe.\n\n\n\nU Lindokuhle Matina owaziwa ngo-Chosi, igama lakhe leqonga, yenye yeemvumi zesingqi sesintu apha eMzantsi-Afrika. Eli gama lithi \u2018Chosi\u2019 wazinika lona esakubona okokuba ubuhle obebulindwe ngabazali bakhe bufikile ngaye, nto ke leyo amaxhosa athi xa eyicacisa bukhahlela, \u2018makube chosi kube hele\u2019.\n\n\n\nLentokazi ina mashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, izalwe yaze yakhulela eGqeberha kwilokishi yakwaZakhele. Kodwa, izifundo zakhe uzenzele kweli lase Ntshona-Koloni, ukuqala kumabanga aphantsi ukuya kutsho kwidyunivesithi e-UCT apho wathweswa khona isidanga kwi-Film and Social Anthropology ngonyaka ka-2019.\n\n\n\nNgokutsho kwalo ka Matina, wakhula ehlala nomakhulu wakhe, onguye owathi wanegalelo ekuthandeni kwakhe umculo. Ayonto aqeqeshelwe kuyo umculo, kodwa wadibana nabahlobo edyunivesithi abathi bavuselela uthando lwesingqi sesintu kuye kwaye bamfundisa nokudlala izixhobo ezifana nohadi, umrhubhe, umtshingo (Bamboo flute) nenyunga-nyunga (Kalimba /thumb piano). Nto leyo ke ethe yasiphuhlisa nangakumbi isakhono sakhe somculo, ingakumbi isingqi sesintu.\n\n\n\n\u201cMna ndikhuliswa ngumakhulu wam, umntu obesithanda kakhulu isintu. Lonto yandenza ukuba ndisithande kwaye ndizingce ngemvela-phi yam, isintu nobu-Africa. Xa ndiva esisingqi sindikhumbuza kakhulu ikhaya nomakhulu wam, sisingqi esiphuma ngemveli kum ukodlula zonke ezinye iindidi zomculo,\u201d utsho uChosi.\n\n\n\n\n\n\n\nLoka Matina eseqongeni nabo acula nabo. Umfanekiso uthathwe kwikhasi lakhe like Instagram\n\n\n\nLenzwakazi iziphiwo-zininzi akaculi adlale uhadi kuphela, koko uqeqeshwe nasekubhalen, yilonto ekwayiyo nembongi yosiba. Unengqokelela yemibongo eshicilelweyo; i-Black Consciousness Poetry (BCP) kunye nethi-Ukombela (Open Book Festival). Kanti uyawenza nomculo owaziwa ngokuba yi-Rap. Kodwa ke ngokucacileyo esona siphiwo sibalaseleyo kuye nasibeka phambili kunezinye ngulo wesingqi sesintu.\n\n\n\nU-Chosi wathi wazenza indumasi kukhuphiswano lomculo lukamabona-kude i-Idols. Ukusukela ngokozange aphinde asuke emilonyeni yeli. Wangenela olukhuphiswano ngengoma awayibhala ngokwakhe u-Ntinga ezidlalela nohadi lwakhe.\n\n\n\nUkungenela kwakhe olu khuphiswano uthi yayingeyonto yayisezicwangcisweni zakhe koko wayefuna nje ukwabelana nokubonakalalisa isakhono sakhe nobuhle nemvelaphi yomntu omnyama kwizwe lonke jikelele. Xa ezichaza uthi ungumntu ongathandi kugxila engxakini kakhulu koko ukholwa kukuza nezisombululo. Ukuya kwakhe kwi-Idols ibisesinye sezisombululo kwingxaki yokunqaba nokujongelwa phantsi kwesingqi sesintu.\n\n\n\n\n\nU Chosi uthi le yingoma awayibhala ekhuthazwa yingoma ka-Madosini eti Yaka-Yaka ngenjongo zo kukhuthaza iimvumi\u00a0ezisakhasayo. Ushicilelo\u00a0luthathwe ngu Alive Somagula\u00a0\n\n\n\nLe yeminye yemiqolo kwingoma kaChosi, uthi xa eyicacisa, \u201cU-Ntinga yingoma endayidlala ndicinga ingoma ka-Madosini u-Yaka-yaka ndemka nohlungulwane kwaye ndandifuna ukubhala ingoma ezakukhuthaza iimvumi ezisakhasayo ukuba zingatyhafi zihlale zinethemba lokuba zisezophumelela zibhabhele phezulu zixelise uhlungulwane.\u201d\n\n\n\nLo ka-Matina uthi ukungenela kwakhe i-Idols kwamvulela amathuba amanintsi kwishishini lomculo, kwaye lwakhula ngokukhawuleza ukhono lwakhe emculweni. Emva kovavanyo lwakhe olwahamba phambili kakhulu, wayesele echwechwelwa ngabantu asele bephumelele emculweni befuna ukusebenza naye. Ndibala wena Prince Kaybee, Kuhle Mda (The Soil) kanti nabenzi-feshini babefuna ukumnxibisa xa esiya kwindawo awayebizwa ukuzocula kuzo.\n\n\n\nUthi xa ethetha, amaxesha amaninzi kunzima ukukhula emculweni ingakumbi kulo wesingqi sesintu kuba abantu benolwazi oluncinci ngawo. Nenkxaso karhulumente ayibonakali ncam kwelicandelo, kwaye inobucedu-cedu nobukhethane indlela yokufaka isicelo senkxaso-mali, kuba ayifikeleli kubantu bonke.\n\n\n\n\u201cNam ndikwiphulo lokukhangela inkxaso-mali kurhulumente ndizoqala isiseko sam sokuxhasa abantwana abathanda umculo nenkcubeko, nokuvula amaziko okwenza oku ekuhlaleni,\u201d utsho uChosi.\n\n\n\nEmva kokuphuma kwakhe kwii-Idols wathatha unyaka ehleli phantsi lo kaMatina ezigoca-goca ezikhangela okokuba myalezo-mni lo afuna ukuwuthumela eluntwini nokokuba ungathi ungqamane njani nenkolo yakhe yobu-Kristu.\n\n\n\n\u201cUmculo endizowenza ukubheka phambili uzokuba ngoka Thixo. Uzawubonakalisa kakhulu uthando lwakhe, indlela angumsimelelo wam nokulunga kwakhe ebomini bam.\u201d", "date_published": "2023-09-20T20:00:00+02:00", "date_modified": "2023-09-20T18:50:40+02:00", "authors": [ { "name": "Papama Mninzi", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/papama-mninzi/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/0e9841a2634c27ace6304d04cb04e893?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Papama Mninzi", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/papama-mninzi/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/0e9841a2634c27ace6304d04cb04e893?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2023/09/Chosi.jpg?fit=1080%2C608&ssl=1", "tags": [ "Chosi", "Inkcubeko namafa", "Inkcubeko namagugu", "Inyanga yenkcubeko", "Inyanga yenkcubeko namagugu", "Izixhobo zokudlala umculo", "Lindokuhle Matina", "Ukubhala imibongo", "Cape Town", "Iyavela", "Uncategorised" ], "summary": "U Lindokuhle Matina owaziwa ngelika Chosi uthi intlobo yesixhobo somculo asinantsingiselo inye, kuye kuxhomekeke kulomntu usidlalayo." }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=19685", "url": "https://elitshanews.org.za/2022/10/21/imbongi-eneziphiwo-ezininzi-ithi-ifuna-uluntu-lufunde-ukuzimela/", "title": "Imbongi eneziphiwo ezininzi ithi ifuna uluntu lufunde ukuzimela", "content_html": "\nUkuziqhelisa ukufunda iincwadi kuncedisa ingqondo yomntu kuphuhlise ulwimi kwaye incedisa nokubhala, uLandiso Magqaza owaziwa ngelika-Hlalutjah ngomnye wabantu aba bubungqina boku. Lo kaMagqaza uzalelwe e-Kapa waze wakhulela eHout Bay. Wenza izifundo zakhe eziphakamileyo eNdamase Senior Secondary, eNgqeleni, apho afunde khona ukubhala, waze wazibandakanya nezifundo Zembali esengumfundi.
\n\n\n\nWaqala ukubhala kwindibano yeNdamase Poetry eskolweni, iqonga lababhali, kunye nabadlali beqonga. Kulapho uthando loncwadi lwaqala khona, kwaye ukuthazwe zizifundo zeMbali ukubhala ngesiXhosa nangembali.
\n\n\n\nOku kwaphembelela isigqibo sakhe sokwenza izifundo ngeMbali nezifundo zobuNtatheli kwi-Yunivesithi i-Rhodes apho enza khona izifundo zeMasters ngembali yomculo nosasazo lweMaskandi kuMhlobo Wenene fm ukusukela ngonyaka ka 1985 ukuya ku-2015.
\n\n\n\nUHlalutjah ngumbhali, umtoliki kodwa ugxile kakhulu kwimibongo. Imibongo kaHlalutjah igxininise kwimbali, nokubaluleka kozazi. \u201cUbulungisa kuluntu ayonto yasini sithile, bubuntu, sisidima nokuzithanda.\u201d
\n\n\n\n\n\n\n\nEzinye izinto ezinegalelo kumsebenzi wobugcisa nohlobo aqiqa ngalo uHlalutjah yinkolo yakhe yobuRasta. Kulapho abone khona ukubaluleka kolwazi lwembali nokuthanda ukukuthaza abantu ngokuzimela.
\n\n\n\nUkuphakanyiselwa phezulu kweencwadi ezibhalwe ngesiNgesi kuluntu kuvamile oku kubangela ingxaki engumceli-mngeni ekubhaleni kolwimi lwenkobe
\n\n\n\nuHlalutjah uphawula ukuba oku kwenza abantu bangafuni ukufunda isiXhosa, lo kaNdima uqale i-blog \u201cIndlwana\u201d apho abhala khona ngesiXhosa. \u201cSinzima isiXhosa kwaye sinesigama esinzima. Kodwa kweyam imibongo ndiye ndifake nenguqulelo yesiNgesi ngenxa yabantu abamamela imibongo yam abangathethi ulwimi lwesiXhosa.\u201d
\n\n\n\n\n\n\n\nUHlalutjah uphawule ukuba ubuchwephesha namaqonga onxibelelwabo zezona zinto eziphuhlisa ulwimi lwesiXhosa kuluntu jikelele nomsantsha othile kwikhasi uYoutube ukuze imiyalezo ingapheleli kuphela kwabo bathetha ulwimi lwesiXhosa.
\n\n\n\nUmqweno kaHlalutjah malunga noluntu kukuthaza uluntu ukuba luzimele, kwaye lungazoyamanisi nabasemagunyeni. Uthe izinto mazingalungi kuba kutsho urhulumente. \u201cAkufunekanga uluntu lulahlakesiwe, ukuba umthetho awulunganga, masingoyiki ukuthi oku noku akulunganga.\u201d
\n", "content_text": "Ukuziqhelisa ukufunda iincwadi kuncedisa ingqondo yomntu kuphuhlise ulwimi kwaye incedisa nokubhala, uLandiso Magqaza owaziwa ngelika-Hlalutjah ngomnye wabantu aba bubungqina boku. Lo kaMagqaza uzalelwe e-Kapa waze wakhulela eHout Bay. Wenza izifundo zakhe eziphakamileyo eNdamase Senior Secondary, eNgqeleni, apho afunde khona ukubhala, waze wazibandakanya nezifundo Zembali esengumfundi.\n\n\n\nWaqala ukubhala kwindibano yeNdamase Poetry eskolweni, iqonga lababhali, kunye nabadlali beqonga. Kulapho uthando loncwadi lwaqala khona, kwaye ukuthazwe zizifundo zeMbali ukubhala ngesiXhosa nangembali.\n\n\n\nOku kwaphembelela isigqibo sakhe sokwenza izifundo ngeMbali nezifundo zobuNtatheli kwi-Yunivesithi i-Rhodes apho enza khona izifundo zeMasters ngembali yomculo nosasazo lweMaskandi kuMhlobo Wenene fm ukusukela ngonyaka ka 1985 ukuya ku-2015.\n\n\n\nUHlalutjah ngumbhali, umtoliki kodwa ugxile kakhulu kwimibongo. Imibongo kaHlalutjah igxininise kwimbali, nokubaluleka kozazi. \u201cUbulungisa kuluntu ayonto yasini sithile, bubuntu, sisidima nokuzithanda.\u201d\n\n\n\n\n\nEnye yomibongo ka Hlalutja. Ithathwe kwikhasi lakhe lika Youtube.\n\n\n\nEzinye izinto ezinegalelo kumsebenzi wobugcisa nohlobo aqiqa ngalo uHlalutjah yinkolo yakhe yobuRasta. Kulapho abone khona ukubaluleka kolwazi lwembali nokuthanda ukukuthaza abantu ngokuzimela.\n\n\n\nUkuphakanyiselwa phezulu kweencwadi ezibhalwe ngesiNgesi kuluntu kuvamile oku kubangela ingxaki engumceli-mngeni ekubhaleni kolwimi lwenkobe\n\n\n\nuHlalutjah uphawula ukuba oku kwenza abantu bangafuni ukufunda isiXhosa, lo kaNdima uqale i-blog \u201cIndlwana\u201d apho abhala khona ngesiXhosa. \u201cSinzima isiXhosa kwaye sinesigama esinzima. Kodwa kweyam imibongo ndiye ndifake nenguqulelo yesiNgesi ngenxa yabantu abamamela imibongo yam abangathethi ulwimi lwesiXhosa.\u201d\n\n\n\n\n\nUmbongo ka Hlalutjah ngexesha le Covid-19 nokuvalwa kwelizwe. Ithathwe ku Youtube.\n\n\n\n UHlalutjah uphawule ukuba ubuchwephesha namaqonga onxibelelwabo zezona zinto eziphuhlisa ulwimi lwesiXhosa kuluntu jikelele nomsantsha othile kwikhasi uYoutube ukuze imiyalezo ingapheleli kuphela kwabo bathetha ulwimi lwesiXhosa.\n\n\n\nUmqweno kaHlalutjah malunga noluntu kukuthaza uluntu ukuba luzimele, kwaye lungazoyamanisi nabasemagunyeni. Uthe izinto mazingalungi kuba kutsho urhulumente. \u201cAkufunekanga uluntu lulahlakesiwe, ukuba umthetho awulunganga, masingoyiki ukuthi oku noku akulunganga.\u201d", "date_published": "2022-10-21T22:00:00+02:00", "date_modified": "2022-10-21T14:49:41+02:00", "authors": [ { "name": "Nobathembu Ndzengu", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/nobathembu-ndzengu/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/2c83da47c780c6a30315aed8bd3ead39?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Nobathembu Ndzengu", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/nobathembu-ndzengu/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/2c83da47c780c6a30315aed8bd3ead39?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2022/10/Hlalutjah.jpg?fit=1125%2C1125&ssl=1", "tags": [ "Hlalutjah", "imbongi zesiXhosa", "Maskandi", "Ubuntu", "Ukubhala imibongo", "Umculo wombhaqanga", "Urhulumente wabantu", "Cape Town", "Iyavela", "Uncategorised" ], "summary": "\u201cUbulungisa kuluntu ayonto yasini sithile, bubuntu, sisidima nokuzithanda.\u201d" }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=19672", "url": "https://elitshanews.org.za/2022/10/20/isikolo-esiphuma-emagqabini-sichaze-imfihlelo-yaso/", "title": "Isikolo esiphuma emagqabini sichaze imfihlelo yaso", "content_html": "\nIsikolo esi kwilokishi erhanqwe yintlupheko nentswela-ngqesho eMdantsane siyaqhubeka ukuzenzela indumasi kwicala lemfundo. Kulo nyaka uphelileyo nango 2020 kuphumelele wonke umfundi webanga leshumi kwesi sikolo kwaye siyaqhubeka ukunqenqeza phambili kwi sithili iRubusana iphela.
\n\n\n\nEsi sikolo sikwa NU2 sityhala ngesifuba ukunyusa izinga leziphumo ingakumbi kweZezibalo neNzululwazi. Esi sikolo sigqiba into engapha kweminyaka emihlanu siphuma emagqabini kwiziphumo zabafundi bebanga leshumi.
\n\n\n\nInqununu yesisikolo, uEdmond Makhalima owafika elityendyana elineminyaka engamashumi amabini anesine (24) kuphela ngonyaka ka-1978 engumfundisi-ntsapho ohlohla izifundo Zezibalo ubalule wathi, \u201cKuleminyaka idlulileyo sinomfundisi-ntsapho uGashe, saqhaphela ukuba ekuhlaleni zininzi izinto eziye ziphazamise abafundi baphele benga qhubi kakuhle ezifundweni. Yiyo lo nto siqinisekisa abantwana bayasuka eluntwini nakwiziphazamiso, bahlale esikolweni ngexesha lemviwo.\u201d
\n\n\n\nNangona esi sikolo siphuma emagqabini minyaka le kwizifundo zonke, siya silela ngasemva kwizixhobo zokufundisa ezithi ziqinisekise ukuba abafundi bayayazi lento kuthethwa ngayo.
\n\n\n\n\u201cAsinayo ilebhu yokufundisa abafundi ngeKhemesitri. Siphila ngokuzizoba ezinye izinto ezidingekayo kubafundi, okanye bazobele abafundi umfanekiso-ngqondweni xa ililixa lokwenza imifuniselo,\u201d utshilo uMakhalima.
\n\n\n\n\u201cUkuze sifunde iKhemesitri, utishala wethu weNzululwazi, ngamanye amaxesha uye akhuphe kwipokotho yakhe, athenge lo nto siyidingayo okanye azame ukusizobela umfanekiso ngqondweni walonto. Umzekelo imayikroskopu ukuze sibenayo wayithenga ngokwakhe,\u201d utshilo uLikhona Mbenya (18) umfundi webanga leshumi owenza izifundo Zezibalo neNzululwazi.
\n\n\n\nEsi sisikolo sesokuqala ukufumana u-100% eMdantsane uphelele amatyeli amaninzi, sisuka ku28% ngonyaka ka 2009 ke phofu. Inqununu yesisikolo ithi imfihlelo yesisikolo yokusoloko iphuma emagqabini minyaka le yingqeqesho kunye noxanduva oluthi luthathwe ngumntu wonke. Ubalule abafundi, abazali kwakunye nokuqesha abafundisi-ntsapho abasebancinci abaphuma eziDyunivesithi beze ngobuso elizweni.
\n\n\n\n\u201cApha sifundisa abantwana asifuni ziphazamisi, abafundi bonke mabafane, kwaye babe ngabantu abathatha uxanduva ngalo lonke ixesha ngaphandle kwamabali. Yilonto isikolo sethu siqala ngentsimbi sesixhenxe siphume ngentsimbi yesithandathu mihla le kumabanga onke,\u201d utshilo uMakhalima.
\n\n\n\nUkuqinisekisa ukuba iphuma emagqabini ingakumbi kwizifundo Zezibalo neNzululwazi i-Ulwazi isebenzisana ne-Maths and Science Infinity Organization eqhutywa ngu Zeneth Tsengwa,
\n\n\n\nLo mbutho uneminyaka esebenzisana nesi sikolo ukuphuhlisa inani labafundi abaphumelela izifundo Zezibalo neNzululwazi
\n\n\n\n\u201cSinabahlohli be Zibalo ne Nzululwazi abancedisana nesikolo mihla le kwaye aba hlohli bethi siye kuqala sibanike uqeqesho phambi kokuba sibafake esikolweni,\u201d utshilo uTsengwa.
\n\n\n\nAbabahlohli eUlwazi bancedisa ukunyusa izphumo kwaye baphinde bancedisa wonke umfundi othe akacacelwa ncam xa umfundisi-ntsapho efundisa.
\n\n\n\nIMaths and Science Infinity Organization ine ofisi kulo lonke eli lasemzantsi nabahlohli abazingcaphephe kwiZibalo neNzululwazi. eUlwazi ababahlohli bancedisa ukuqala kwibanga lesibhozo uyothi ga kwibanga le shumi.
\n\n\n\nNgonyaka ophelileyo esi sikolo kwizifundo Zezibalo sifumane u100% kwiNzululwazi safumana u98%.
\n\n\n\n\u201cLuninzi uxinizelelo xa ungumfundi wase Ulwazi, kwaye asiyifumani esikolweni kuphela kodwa nangaphandle abantu basijonga ngezikhondo zamehlo belindele okuhle kodwa kuthi ngalo lonke ixesha, kwaye xa ungumfundi apha izinto ezinzi uye uzincame,\u201d Utshilo uAsenathi Skritshi (17) umfundi webanga le shumi.
\n\n\n\nAbafundi bebanga le shumi bathi bachithe inyanga yeSilimela neyoMga minyaka le esikolweni belungiselela imviwo kude kuluntu neziphazamisi. Lenkampu yababafundi inkxaso bayifumana kubantu aba be funda kwesisikolo abasele bephumelele kunye nokungena kwindawo ngendawo becela amalizo.
\n\n\n\nUmfundisi-intsapho weZibalo uAndile Ntshotovu, obe ngumfundisi wababafundi abathi bafumana u100% kunyaka ophelileyo uthi inkampu yeyona nto ibancedayo ukuze ba phumelele emagqabini.
\n\n\n\nIsithethi sesebe lezemfundo eMpuma-Koloni uMalibongwe Mtima uphawule wathi izikolo ezingenazo ilebhu yeNzululwazi kungenxa yohlahlo lwabiwo lwemali. Lo ka Mtima woleke ngelithi iphondo iMpuma-Koloni belisoloko linezinto ezingekho mgangathweni kodwa urhulumente uzama kangangoko ukulungisa oku.
\n", "content_text": "Isikolo esi kwilokishi erhanqwe yintlupheko nentswela-ngqesho eMdantsane siyaqhubeka ukuzenzela indumasi kwicala lemfundo. Kulo nyaka uphelileyo nango 2020 kuphumelele wonke umfundi webanga leshumi kwesi sikolo kwaye siyaqhubeka ukunqenqeza phambili kwi sithili iRubusana iphela.\n\n\n\nEsi sikolo sikwa NU2 sityhala ngesifuba ukunyusa izinga leziphumo ingakumbi kweZezibalo neNzululwazi. Esi sikolo sigqiba into engapha kweminyaka emihlanu siphuma emagqabini kwiziphumo zabafundi bebanga leshumi.\n\n\n\nInqununu yesisikolo, uEdmond Makhalima owafika elityendyana elineminyaka engamashumi amabini anesine (24) kuphela ngonyaka ka-1978 engumfundisi-ntsapho ohlohla izifundo Zezibalo ubalule wathi, \u201cKuleminyaka idlulileyo sinomfundisi-ntsapho uGashe, saqhaphela ukuba ekuhlaleni zininzi izinto eziye ziphazamise abafundi baphele benga qhubi kakuhle ezifundweni. Yiyo lo nto siqinisekisa abantwana bayasuka eluntwini nakwiziphazamiso, bahlale esikolweni ngexesha lemviwo.\u201d\n\n\n\nNangona esi sikolo siphuma emagqabini minyaka le kwizifundo zonke, siya silela ngasemva kwizixhobo zokufundisa ezithi ziqinisekise ukuba abafundi bayayazi lento kuthethwa ngayo.\n\n\n\n \u201cAsinayo ilebhu yokufundisa abafundi ngeKhemesitri. Siphila ngokuzizoba ezinye izinto ezidingekayo kubafundi, okanye bazobele abafundi umfanekiso-ngqondweni xa ililixa lokwenza imifuniselo,\u201d utshilo uMakhalima.\n\n\n\n\u201cUkuze sifunde iKhemesitri, utishala wethu weNzululwazi, ngamanye amaxesha uye akhuphe kwipokotho yakhe, athenge lo nto siyidingayo okanye azame ukusizobela umfanekiso ngqondweni walonto. Umzekelo imayikroskopu ukuze sibenayo wayithenga ngokwakhe,\u201d utshilo uLikhona Mbenya (18) umfundi webanga leshumi owenza izifundo Zezibalo neNzululwazi.\n\n\n\nEsi sisikolo sesokuqala ukufumana u-100% eMdantsane uphelele amatyeli amaninzi, sisuka ku28% ngonyaka ka 2009 ke phofu. Inqununu yesisikolo ithi imfihlelo yesisikolo yokusoloko iphuma emagqabini minyaka le yingqeqesho kunye noxanduva oluthi luthathwe ngumntu wonke. Ubalule abafundi, abazali kwakunye nokuqesha abafundisi-ntsapho abasebancinci abaphuma eziDyunivesithi beze ngobuso elizweni.\n\n\n\n\u201cApha sifundisa abantwana asifuni ziphazamisi, abafundi bonke mabafane, kwaye babe ngabantu abathatha uxanduva ngalo lonke ixesha ngaphandle kwamabali. Yilonto isikolo sethu siqala ngentsimbi sesixhenxe siphume ngentsimbi yesithandathu mihla le kumabanga onke,\u201d utshilo uMakhalima.\n\n\n\nUkuqinisekisa ukuba iphuma emagqabini ingakumbi kwizifundo Zezibalo neNzululwazi i-Ulwazi isebenzisana ne-Maths and Science Infinity Organization eqhutywa ngu Zeneth Tsengwa,\n\n\n\nLo mbutho uneminyaka esebenzisana nesi sikolo ukuphuhlisa inani labafundi abaphumelela izifundo Zezibalo neNzululwazi\n\n\n\n\u201cSinabahlohli be Zibalo ne Nzululwazi abancedisana nesikolo mihla le kwaye aba hlohli bethi siye kuqala sibanike uqeqesho phambi kokuba sibafake esikolweni,\u201d utshilo uTsengwa.\n\n\n\nAbabahlohli eUlwazi bancedisa ukunyusa izphumo kwaye baphinde bancedisa wonke umfundi othe akacacelwa ncam xa umfundisi-ntsapho efundisa.\n\n\n\nIMaths and Science Infinity Organization ine ofisi kulo lonke eli lasemzantsi nabahlohli abazingcaphephe kwiZibalo neNzululwazi. eUlwazi ababahlohli bancedisa ukuqala kwibanga lesibhozo uyothi ga kwibanga le shumi.\n\n\n\nNgonyaka ophelileyo esi sikolo kwizifundo Zezibalo sifumane u100% kwiNzululwazi safumana u98%.\n\n\n\n\u201cLuninzi uxinizelelo xa ungumfundi wase Ulwazi, kwaye asiyifumani esikolweni kuphela kodwa nangaphandle abantu basijonga ngezikhondo zamehlo belindele okuhle kodwa kuthi ngalo lonke ixesha, kwaye xa ungumfundi apha izinto ezinzi uye uzincame,\u201d Utshilo uAsenathi Skritshi (17) umfundi webanga le shumi.\n\n\n\nAbafundi bebanga le shumi bathi bachithe inyanga yeSilimela neyoMga minyaka le esikolweni belungiselela imviwo kude kuluntu neziphazamisi. Lenkampu yababafundi inkxaso bayifumana kubantu aba be funda kwesisikolo abasele bephumelele kunye nokungena kwindawo ngendawo becela amalizo.\n\n\n\nUmfundisi-intsapho weZibalo uAndile Ntshotovu, obe ngumfundisi wababafundi abathi bafumana u100% kunyaka ophelileyo uthi inkampu yeyona nto ibancedayo ukuze ba phumelele emagqabini.\n\n\n\nIsithethi sesebe lezemfundo eMpuma-Koloni uMalibongwe Mtima uphawule wathi izikolo ezingenazo ilebhu yeNzululwazi kungenxa yohlahlo lwabiwo lwemali. Lo ka Mtima woleke ngelithi iphondo iMpuma-Koloni belisoloko linezinto ezingekho mgangathweni kodwa urhulumente uzama kangangoko ukulungisa oku.", "date_published": "2022-10-20T20:15:00+02:00", "date_modified": "2022-10-20T20:00:48+02:00", "authors": [ { "name": "Lihle Krwala", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/lihle-krwala/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/fc619d1dd1460233cd8d547ad186b586?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Lihle Krwala", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/lihle-krwala/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/fc619d1dd1460233cd8d547ad186b586?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2022/10/Ulwazi.jpg?fit=1070%2C803&ssl=1", "tags": [ "Edmond Makhalima", "Ezobunzululwazi", "Izifundo zeZibalo neNzululwazi", "izikolo zaselokishini", "Maths and Science Infinity Organization", "Ukufundiswa kwezobu Nzululwazi", "Ulwazi High School", "East London", "Ezemfundo", "Iyavela", "Uncategorised" ], "summary": "Inqununu yesisikolo ithi imfihlelo yesisikolo yokusoloko iphuma emagqabini minyaka le yingqeqesho kunye noxanduva oluthi luthathwe ngumntu wonke." }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=19193", "url": "https://elitshanews.org.za/2022/08/26/ukungabikho-kwendawo-zokuzonwabisa-escenery-park-kubalulwe-njenge-ngxaki/", "title": "Ukungabikho kwendawo zokuzonwabisa eScenery Park kubalulwe njenge ngxaki", "content_html": "\nIsehlo sokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini kwindawo yobumnandi, Enyobeni, eScenery Park iyenye yezinto ezibonisa ukungabikho kwezinye iindlela zokuphuhlisa nokonwabisa ulutsha ingakumbi ezemidlalo. Imiphumela yoku yeyokuba abantwana bathi bazibandakanye neziyobisi kunye neendawo zentselo.
\n\n\n\nNgexesha enodliwano-ndlebe ne Elitsha umqeqeshi we-Karate, uThabo Maseti, ubalule ukungabikho kweendawo zokuqeqesha nokuqhelanisa abantwana neKarate. \u201cItalente ikhona apha, imidlalo ekhoyo apha eScenery park yiKarate yibhola yomnyazi kunye nebhola ekhatywayo, kodwa awekho amaholo okwenza ezinye iinkqubo zokuphuhlisa abantwana ekuhlaleni,\u201d utshilo uMaseti.
\n\n\n\nEzemidlalo azinikwanga ngqwalasela ngokupheleleyo ezikolweni njengakudala kwaye oku kungqinwe ngumhlali uThobeka Sparks othe, \u201cAbantwana ngoku basebenzisa iziyobisi kuba banesithukuthezi. Kwaye abantwana bayazenza izinto ngokuzimisela xa into isuka esikolweni.\u201d
\n\n\n\nLo kaSparks uthe, ukungasiwa iliso kwezemidlalo ezikolweni akuncedisi ekuphuhliseni abantwana kwaye enye yemiceli-mngeni ejongene nayo i-Scenery Park kuku khulelwa kwabantwana nokusetyenziswa kweziyobisi ngabantwana.
\n\n\n\nIsithethi sikaMasipala Ombaxa i-Buffalo City uSamkelo Ngwenya ungqinile ukuba azikho izibonelelo zemidlalo eScenery Park kodwa bazakubuyela eScenery Park bayobuza abahlali ngezinto abazifunayo.
\n\n\n\nUkusela utywala kuza nenkxwaleko kwaye kubeka impilo yomntu esichengeni, oku kutshiwo yi-Association For Alcohol Responsibility and Education (Aware.org). Ophuma kwi-Aware.org uFelicity Pegram ubalule ukusilela esikolweni njengenye imiphumela yokusela kwabantwana abancinci.
\n\n\n\n\u201cUkuselwa kotywala ngabantwana kuphazamisa indlela abaqhuba ngayo ezifundweni. Oku kuquka nokunyuka kwamanani okungabikho esikolweni,\u201d utshilo uPegram.
\n\n\n\nUkuqinisekisa ukuba utywala abufikeleleki ezandleni zabantwana luxanduva loluntu jikelele. Abe- Aware.org bathe kufuneka kuthintelwe ngamaxesha onke ukuthengiselwa nokuba bunikwe abathengi abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) utywala.
\n\n\n\nLo kaPegram wongeze ngelithi ukusetyenziswa kotywala kuchapazela ikamva lomntu ngokomsebenzi yaye kwandisa ukuziphatha okuyingozi ngokwesondo kunye nokwanda kwamathuba okusetyenziswa kwezinye iziyobisi.
\n\n\n\n\u201cIshishini lotywala alikukhuthazi ukusela utywala kwabantwana kwaye kukho imfuneko engxamisekileyo yokugxila ekunyanzeliseni komthetho kunye nokuxhobisa uluntu ukuba luchaze izehlo zabantu abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) ukuba bafikelele etywaleni. Amapolisa nabo basemagunyeni botywala kufuneka bathathe amanyathelo malunga noku\u201d, utshilo uPegram.
\n\n\n\nAbe-Aware.org bakhuthaza abathengisi botywala ukuba bacele ukubhengezwa kwesazisi kwiimeko apho bakrokrela ukuba umthengi unokuba ngaphantsi kweminyaka esemthethweni yokusela.
\n", "content_text": "Isehlo sokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini kwindawo yobumnandi, Enyobeni, eScenery Park iyenye yezinto ezibonisa ukungabikho kwezinye iindlela zokuphuhlisa nokonwabisa ulutsha ingakumbi ezemidlalo. Imiphumela yoku yeyokuba abantwana bathi bazibandakanye neziyobisi kunye neendawo zentselo.\n\n\n\nNgexesha enodliwano-ndlebe ne Elitsha umqeqeshi we-Karate, uThabo Maseti, ubalule ukungabikho kweendawo zokuqeqesha nokuqhelanisa abantwana neKarate. \u201cItalente ikhona apha, imidlalo ekhoyo apha eScenery park yiKarate yibhola yomnyazi kunye nebhola ekhatywayo, kodwa awekho amaholo okwenza ezinye iinkqubo zokuphuhlisa abantwana ekuhlaleni,\u201d utshilo uMaseti.\n\n\n\nEzemidlalo azinikwanga ngqwalasela ngokupheleleyo ezikolweni njengakudala kwaye oku kungqinwe ngumhlali uThobeka Sparks othe, \u201cAbantwana ngoku basebenzisa iziyobisi kuba banesithukuthezi. Kwaye abantwana bayazenza izinto ngokuzimisela xa into isuka esikolweni.\u201d\n\n\n\nLo kaSparks uthe, ukungasiwa iliso kwezemidlalo ezikolweni akuncedisi ekuphuhliseni abantwana kwaye enye yemiceli-mngeni ejongene nayo i-Scenery Park kuku khulelwa kwabantwana nokusetyenziswa kweziyobisi ngabantwana. \n\n\n\nIsithethi sikaMasipala Ombaxa i-Buffalo City uSamkelo Ngwenya ungqinile ukuba azikho izibonelelo zemidlalo eScenery Park kodwa bazakubuyela eScenery Park bayobuza abahlali ngezinto abazifunayo. \n\n\n\nUkusela utywala kuza nenkxwaleko kwaye kubeka impilo yomntu esichengeni, oku kutshiwo yi-Association For Alcohol Responsibility and Education (Aware.org). Ophuma kwi-Aware.org uFelicity Pegram ubalule ukusilela esikolweni njengenye imiphumela yokusela kwabantwana abancinci.\n\n\n\n \u201cUkuselwa kotywala ngabantwana kuphazamisa indlela abaqhuba ngayo ezifundweni. Oku kuquka nokunyuka kwamanani okungabikho esikolweni,\u201d utshilo uPegram. \n\n\n\nUkuqinisekisa ukuba utywala abufikeleleki ezandleni zabantwana luxanduva loluntu jikelele. Abe- Aware.org bathe kufuneka kuthintelwe ngamaxesha onke ukuthengiselwa nokuba bunikwe abathengi abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) utywala.\n\n\n\nLo kaPegram wongeze ngelithi ukusetyenziswa kotywala kuchapazela ikamva lomntu ngokomsebenzi yaye kwandisa ukuziphatha okuyingozi ngokwesondo kunye nokwanda kwamathuba okusetyenziswa kwezinye iziyobisi.\n\n\n\n\u201cIshishini lotywala alikukhuthazi ukusela utywala kwabantwana kwaye kukho imfuneko engxamisekileyo yokugxila ekunyanzeliseni komthetho kunye nokuxhobisa uluntu ukuba luchaze izehlo zabantu abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) ukuba bafikelele etywaleni. Amapolisa nabo basemagunyeni botywala kufuneka bathathe amanyathelo malunga noku\u201d, utshilo uPegram.\n\n\n\nAbe-Aware.org bakhuthaza abathengisi botywala ukuba bacele ukubhengezwa kwesazisi kwiimeko apho bakrokrela ukuba umthengi unokuba ngaphantsi kweminyaka esemthethweni yokusela.", "date_published": "2022-08-26T18:15:00+02:00", "date_modified": "2022-08-26T16:18:22+02:00", "authors": [ { "name": "Nobathembu Ndzengu", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/nobathembu-ndzengu/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/2c83da47c780c6a30315aed8bd3ead39?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Nobathembu Ndzengu", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/nobathembu-ndzengu/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/2c83da47c780c6a30315aed8bd3ead39?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2022/08/sports-facilities-in-Scenery-Park.jpg?fit=1040%2C780&ssl=1", "tags": [ "Enyobeni tarven", "Isithwakumbe saseScenery Park", "Scenery Park", "Ubungozi bobutywala", "Ukuselwa kotywala lulutsha", "Ukuselwa kotywala ngabantwana", "East London", "Ezemidlalo", "Iyavela", "Oorhulemente basemakhaya", "Uncategorised" ], "summary": "Ukuzonwabisa ngeziyobisi ezifana notywala nendawo zentselo sele iyinto eqhelekileyo eScenery Park" }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=18737", "url": "https://elitshanews.org.za/2022/06/21/abahlali-basekhayelitsha-bafuna-indlela-zokuphelisa-ulwaphulo-mthetho/", "title": "Abahlali baseKhayelitsha bafuna indlela zokuphelisa ulwaphulo-mthetho", "content_html": "\nUfakelo nokulondolozwa kwee-khamera ze-CCTV kunye nezibane, uqeqesho lwamapolisa ngokuphatha amatyala okuxhatshazwa kwabantu emakhayeni wabo kwakunye nokuqalwa kwee-ofisi eziphanda ulwaphulo-mthetho kube zezinye zezisombululo ezicetyiswe ngabahlali baseKhayelitsha kwingqungquthela yokusabela iingxaki zabahlali kulwaphulo-mthetho ebibanjelwe e-False Bay ngosuku lokubhiyozela ulutsha.
\n\n\n\nLe ngqungquthela ibiququzelwe yi-Khayelitsha Development Forum, ibiquka abahlali baseKhayelitsha, urhulumente wephondo, kunye necandelo elijongene nokuhlala lamapolisa. Oku kuza emva kokudutyulwa kwabantu abaninzi ngexesha elinye kule lokishi yaseKapa.
\n\n\n\nNgokwe nkcukacha-manani ebenikezwelwa nguMajor-General Vincent Beaton, kwinyanga kaTshazimpunzi kulo nyaka uphelileyo neyo Kwindla kulo nyaka, ngamatyala angamashumi amathathu anesithandathu anxulumene nokudutyulwa kwabantu ngobuninzi. La matyala ahambelana nabantu abangamashumi asibhozo anesithandathu abathe basutywa kukufa ngale ndlela.
\n\n\n\nLoka Beaton uchaze ukuba ukubulawa kwabantu, ukuxhatshazwa kwabafazi, ulwaphulo-thetho olunobundlobongela lwenzeka kakhulu ngempela-veki, kwaye utywala bunendima enkulu obuyidlalayo.
\n\n\n\n\n\n\n\nLe ngqunguthela iye yohlulwa yazikhomishini ezintlanu ezijongene nendlela yokuqinisekisa ukuba abahlali bayinxalenye yokuzisa isipolisa esiphucukileyo, indima ethi idlalwe yimeko abantu abaphila phantsi kwayo, imeko ejongene nendawo abantu abahlala kuyo kunye nokuxhatshazwa ngenxa yesini. Zonke ezikhomishini bezijongene nezimeko nendlela ezibangela ulwaphulo-mthetho kunye nendlela ezinokuqanda ngayo ulwaphulo-mthetho.
\n\n\n\nNgexesha kunikezwa ingxelo emva kokudibana kwekomishini, owayesakuba ngumphathiswa wezokhuseleko eNtshona-Kapa, uLeonard Ramatlakane, nobekhokela enye ikhomishini, uthe abahlali bathi abawathembanga amapolisa kuba ayakwazi ukuhlebela izikrelemnqa ukuba ngubani obampimpileyo. Lekhomishini icebise ukuba kubekho indlela yokukuqanda oku ngokuthi izinto ezikumila kunje zaziwe ngamapolisa athile kuphela. Kusenjalo baye bacebisa ukuba abo be Neighbourhood Watch babonelelwe ngurhulumente.
\n\n\n\nEnye ikhomishini ebikhokelwa ngulowo uphethe iAfrican Centre for Security and Intelligence Praxis (ACSIP) uEldred De Klerk, ithe indlala nemeko yokuhlala ibangela ukuba abantu bangaziboneli ntweni kwaye nenkonzo ezinekezwa abahlali baselokishini azikho kumgangatho omnye nezo zinikezwa abantu abahlala kwindawo zabantu abanemali. Lekhomishini iye yaveza ukubaluleka kunye nokungxamiseka kwento\u00a0 yezithuthi zika wonke-wonke ezikhuselekileyo kwaye ezifikelelekayo kubantu abahluphekayo.
\n\n\n\nOwayengukhomishinari wamapolisa eNtshona-Kapa uMzwandile Petros ebekhokela ikhomishini ecebise ukuba kubuyiselwe ii-ofisi\u00a0zolwaphulo-mthetho kwizitishi zamapolisa. Le-ofisi yenzelwe ukuba amapolisa alindele ukubizwa ayokuqanda okanye aphande ulwaphulo-mthetho. Lekhomishini iye yachaphazela ukufakelwa kwekhamera nayo.
\n\n\n\nUkufakelwa kweekhamera kuxhaswe yikhomishini ebikhokelwa ngu-Alastair Graham osebenzela isiXeko seKapa. Abahalali baphakamise ukulungiswa kwezibane njengenye yezinto ezinokuthintela ulwaphulo-mthetho. Bacebise ukulungiswa kweendlela ngokuvala imingxunya esendleleni njengoko zikhokelela ukuqweqwediswa kwabaqhubi bemoto.
\n\n\n\nIkhomishini ejongene nokuxhatshazwa ngokwesini icebise ukuba amapolisa afumane ingqeqesho ngokumelana nolwaphulo-mthetho olwenzeka endlini kwaye amagumbi axhasa amaxhoba ahlale evuliwe. Osebenzela I Abigail Women\u2019s Movement, uNonzame Sili uchaze ngelithi amaxhoba kufuneka ayazi kuba kufuneka ayephi xa efika esitishini ngoba iyingxaki into yokuba bamane bethunyelwa kubantu ngabantu, bengafumani uncedo.
\n\n\n\nImpendulo zika Bheki Cele
\n\n\n\nNgexesha ebephendula iingcebiso zekhomishini, ongumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uye wagxeka kabukhali isiXeko seKapa ngokungahoyi iilokishi.\u00a0Loka Cele, uthe uninzi lwezibane zaseKhayelitsha azisebenzi. \u201cIsibane esikufutshane nalapho kwagetyengwa abantu abasithandathu ngenyanga kaCanzibe sasingasebenzi, kwaye oku kungasiso isizathu esabangela ukuba babulawelwe phayana. Ukuba yayisebenza la khamera ngesasibambe\u00a0 ngemini elandelayo abo bophula umthetho,\u201d utshilo uCele.
\n\n\n\n\u201cKwiminyaka edlulileyo kukho ipolisa elathi ladutyulwa eSite B phantsi kwekhamera kodwa sathi xa sasifuna ushicilelo zange silifumane ngoba yayiseneminyaka esithandathu ingasebenzi lo khamera,\u201d ucacise ngelitshoyo.
\n\n\n\n\n\n\n\nKumbandela wezibane, isiXeko saseKapa siye sathwalisa uxanduva kubusela nokonakaliswa ngabophuli-mthetho. \u201cIndawo yaseKhayelitsha nezinye indawo apha kwisiXeko siye safumana ukwenyuka kwezinga lobusela, ukonakaliswa kunye nabo bazifakela umbane ngokungekho mthethweni. Le lokishi yaseKhayelitsha yenye yendawo apho silungisa ukonakaliswa umhla nezolo,\u201d utshilo okhokela ikomiti yamandla kwisiXeko uBeverly van Reenen.
\n\n\n\n\u201cSithetha nje zingamashumi amathathu anesine iikhamera ezikhoyo eKhayelitsha. Kodwa, ngenxa yobusela obuqatseleyo, nokonakaliswa kwezinto, zilishumi qha ezibenzayo kwaye isiXeko sisebenza nzima ukufumana isisombululo salento kwaye sithemba ukuba iikhamera ezingasebenziyo zizokulungiswa kule veki izayo,\u201d utshilo u van Reenen.
\n\n\n\nNgokuka-van Reenen uthi isiXeko saseKapa sithathe isigqibo\u00a0sokuba kwiphulo \u201c lokuxhokomezelela kwiikhamera ezikhoyo ubuxhakaxhaka obunesakhono sokubona inombolo plate yemoto. Kodwa ke isiXeko sihlala silumkisa uba ubukho bazo ikhamera\u00a0abusombululi lwaphulo-mthetho ngoba amapolisa nabobulungisa kufuneke benze umsebenzi wabo ngendlela efanelekileyo\u201d.
\n\n\n\n\u201cNgelishwa, inyani yeyokuba ambalwa, kangangepesenti ezilishumi elinesihlanu, amatyala athi amapolisa asebenzise uchishilelo lwekhamera ukuqinisekisa ukuba abophuli-mthetho bathi bagwetywe. Into isiXeko esihlala siyiphakamisa namapolisa. Akukho sengqiqweni ukulindela ukuba iikhamera zeCCTV ibe zizo ezinqanda ulwaphulo-mthetho kodwa amapolisa kufuneka asebenze ngokufanelekileyo ukulwa ulwaphulo-mthetho,\u201d loka van Reenen utshilo.
\n\n\n\nUmba wevenkile eziphantsi kwabemi “bangaphandle”
\n\n\n\nOngusihlalo wenqwanqwa lezophuhliso, iKhayelitsha Development Forum, uNdithini Tyhido ulumkise ngento yokugcwala kwevenkile \u201czabo bangaphandle, ingakumbi abase Somaliya\u201d esithi \u201cyingozi elindele ukwehla.\u201d
\n\n\n\n\u201cZonke ivenkile eziseKhayelitsha ziphantsi kwamaSomaliya. Kodwa, kulento siyithethayo yokuba onqevu benyanzelisa abo banevenkile baseSomaliya uba babarhume ukwenzela ukuba ivenkile zabo zingaphangwa, irekhodi zamapolisa azihambelani nenani levenkile okanye inani lamatyala akumila kunje athe avulwa. Oku kuthetha ukuba nabo abemi bangaphandle abawavuli matyala lonto yokuba nabo bayinxalenye yengxaki sizifumana sikuyo,\u201d utshilo okaTyhido ngaphambi kokuba azilungise athi abayiqhwabeli izandla indlela abo baka Operation Dudula abenza ngayo izinto. \u201cIndlela eziqhuba ngayo akufunekanga ibe yileyo izobangela inzondo kubantu abaphuma ngaphandle,\u201d wongeze ngelitshoyo.
\n\n\n\nEphendula lomba, okaCele uthe kufuneka kubekho indlela yokunqanda abo bangabemi bangaphandle ukuba bangathatheli ushishino lwevenkile kubo. \u201cUkuba ivenkile ezininzi ziphantsi kwabo, bathi mabayephi abantu abatsha balapha? Kufuneka kubekho indlela zokujika izinto. Urhulumente kufuneka axhase abemi beli. Kodwa, ndiyanazi indlela eniyithanda ngayo imali ekhawulezileyo. Ningazifumana ezovenkile nigqibe niphinde nizithengisele abemi bangaphandle,\u201d utshilo uCele.
\n\n\n\n\n", "content_text": "Ufakelo nokulondolozwa kwee-khamera ze-CCTV kunye nezibane, uqeqesho lwamapolisa ngokuphatha amatyala okuxhatshazwa kwabantu emakhayeni wabo kwakunye nokuqalwa kwee-ofisi eziphanda ulwaphulo-mthetho kube zezinye zezisombululo ezicetyiswe ngabahlali baseKhayelitsha kwingqungquthela yokusabela iingxaki zabahlali kulwaphulo-mthetho ebibanjelwe e-False Bay ngosuku lokubhiyozela ulutsha.\n\n\n\nLe ngqungquthela ibiququzelwe yi-Khayelitsha Development Forum, ibiquka abahlali baseKhayelitsha, urhulumente wephondo, kunye necandelo elijongene nokuhlala lamapolisa. Oku kuza emva kokudutyulwa kwabantu abaninzi ngexesha elinye kule lokishi yaseKapa. \n\n\n\nNgokwe nkcukacha-manani ebenikezwelwa nguMajor-General Vincent Beaton, kwinyanga kaTshazimpunzi kulo nyaka uphelileyo neyo Kwindla kulo nyaka, ngamatyala angamashumi amathathu anesithandathu anxulumene nokudutyulwa kwabantu ngobuninzi. La matyala ahambelana nabantu abangamashumi asibhozo anesithandathu abathe basutywa kukufa ngale ndlela.\n\n\n\n Loka Beaton uchaze ukuba ukubulawa kwabantu, ukuxhatshazwa kwabafazi, ulwaphulo-thetho olunobundlobongela lwenzeka kakhulu ngempela-veki, kwaye utywala bunendima enkulu obuyidlalayo.\n\n\n\nUmphathiswa wamapolisa uye wanikezela ngezithuthi ezilishumi kwizitishi zaseKhayelitsha.\n\n\n\nLe ngqunguthela iye yohlulwa yazikhomishini ezintlanu ezijongene nendlela yokuqinisekisa ukuba abahlali bayinxalenye yokuzisa isipolisa esiphucukileyo, indima ethi idlalwe yimeko abantu abaphila phantsi kwayo, imeko ejongene nendawo abantu abahlala kuyo kunye nokuxhatshazwa ngenxa yesini. Zonke ezikhomishini bezijongene nezimeko nendlela ezibangela ulwaphulo-mthetho kunye nendlela ezinokuqanda ngayo ulwaphulo-mthetho.\n\n\n\nNgexesha kunikezwa ingxelo emva kokudibana kwekomishini, owayesakuba ngumphathiswa wezokhuseleko eNtshona-Kapa, uLeonard Ramatlakane, nobekhokela enye ikhomishini, uthe abahlali bathi abawathembanga amapolisa kuba ayakwazi ukuhlebela izikrelemnqa ukuba ngubani obampimpileyo. Lekhomishini icebise ukuba kubekho indlela yokukuqanda oku ngokuthi izinto ezikumila kunje zaziwe ngamapolisa athile kuphela. Kusenjalo baye bacebisa ukuba abo be Neighbourhood Watch babonelelwe ngurhulumente.\n\n\n\nEnye ikhomishini ebikhokelwa ngulowo uphethe iAfrican Centre for Security and Intelligence Praxis (ACSIP) uEldred De Klerk, ithe indlala nemeko yokuhlala ibangela ukuba abantu bangaziboneli ntweni kwaye nenkonzo ezinekezwa abahlali baselokishini azikho kumgangatho omnye nezo zinikezwa abantu abahlala kwindawo zabantu abanemali. Lekhomishini iye yaveza ukubaluleka kunye nokungxamiseka kwento\u00a0 yezithuthi zika wonke-wonke ezikhuselekileyo kwaye ezifikelelekayo kubantu abahluphekayo.\n\n\n\nOwayengukhomishinari wamapolisa eNtshona-Kapa uMzwandile Petros ebekhokela ikhomishini ecebise ukuba kubuyiselwe ii-ofisi\u00a0zolwaphulo-mthetho kwizitishi zamapolisa. Le-ofisi yenzelwe ukuba amapolisa alindele ukubizwa ayokuqanda okanye aphande ulwaphulo-mthetho. Lekhomishini iye yachaphazela ukufakelwa kwekhamera nayo.\n\n\n\nUkufakelwa kweekhamera kuxhaswe yikhomishini ebikhokelwa ngu-Alastair Graham osebenzela isiXeko seKapa. Abahalali baphakamise ukulungiswa kwezibane njengenye yezinto ezinokuthintela ulwaphulo-mthetho. Bacebise ukulungiswa kweendlela ngokuvala imingxunya esendleleni njengoko zikhokelela ukuqweqwediswa kwabaqhubi bemoto. \n\n\n\nIkhomishini ejongene nokuxhatshazwa ngokwesini icebise ukuba amapolisa afumane ingqeqesho ngokumelana nolwaphulo-mthetho olwenzeka endlini kwaye amagumbi axhasa amaxhoba ahlale evuliwe. Osebenzela I Abigail Women\u2019s Movement, uNonzame Sili uchaze ngelithi amaxhoba kufuneka ayazi kuba kufuneka ayephi xa efika esitishini ngoba iyingxaki into yokuba bamane bethunyelwa kubantu ngabantu, bengafumani uncedo. \n\n\n\nImpendulo zika Bheki Cele\n\n\n\nNgexesha ebephendula iingcebiso zekhomishini, ongumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uye wagxeka kabukhali isiXeko seKapa ngokungahoyi iilokishi.\u00a0Loka Cele, uthe uninzi lwezibane zaseKhayelitsha azisebenzi. \u201cIsibane esikufutshane nalapho kwagetyengwa abantu abasithandathu ngenyanga kaCanzibe sasingasebenzi, kwaye oku kungasiso isizathu esabangela ukuba babulawelwe phayana. Ukuba yayisebenza la khamera ngesasibambe\u00a0 ngemini elandelayo abo bophula umthetho,\u201d utshilo uCele.\n\n\n\n\u201cKwiminyaka edlulileyo kukho ipolisa elathi ladutyulwa eSite B phantsi kwekhamera kodwa sathi xa sasifuna ushicilelo zange silifumane ngoba yayiseneminyaka esithandathu ingasebenzi lo khamera,\u201d ucacise ngelitshoyo.\n\n\n\n\nUmphathiswa ugxeke isiXeko seKapa ngokungazisi iinkonzo ezizakuncedisa ukulwa ulwaphulo-mthetho\n\n\n\n\nKumbandela wezibane, isiXeko saseKapa siye sathwalisa uxanduva kubusela nokonakaliswa ngabophuli-mthetho. \u201cIndawo yaseKhayelitsha nezinye indawo apha kwisiXeko siye safumana ukwenyuka kwezinga lobusela, ukonakaliswa kunye nabo bazifakela umbane ngokungekho mthethweni. Le lokishi yaseKhayelitsha yenye yendawo apho silungisa ukonakaliswa umhla nezolo,\u201d utshilo okhokela ikomiti yamandla kwisiXeko uBeverly van Reenen.\n\n\n\n\u201cSithetha nje zingamashumi amathathu anesine iikhamera ezikhoyo eKhayelitsha. Kodwa, ngenxa yobusela obuqatseleyo, nokonakaliswa kwezinto, zilishumi qha ezibenzayo kwaye isiXeko sisebenza nzima ukufumana isisombululo salento kwaye sithemba ukuba iikhamera ezingasebenziyo zizokulungiswa kule veki izayo,\u201d utshilo u van Reenen.\n\n\n\nNgokuka-van Reenen uthi isiXeko saseKapa sithathe isigqibo\u00a0sokuba kwiphulo \u201c lokuxhokomezelela kwiikhamera ezikhoyo ubuxhakaxhaka obunesakhono sokubona inombolo plate yemoto. Kodwa ke isiXeko sihlala silumkisa uba ubukho bazo ikhamera\u00a0abusombululi lwaphulo-mthetho ngoba amapolisa nabobulungisa kufuneke benze umsebenzi wabo ngendlela efanelekileyo\u201d.\n\n\n\n\u201cNgelishwa, inyani yeyokuba ambalwa, kangangepesenti ezilishumi elinesihlanu, amatyala athi amapolisa asebenzise uchishilelo lwekhamera ukuqinisekisa ukuba abophuli-mthetho bathi bagwetywe. Into isiXeko esihlala siyiphakamisa namapolisa. Akukho sengqiqweni ukulindela ukuba iikhamera zeCCTV ibe zizo ezinqanda ulwaphulo-mthetho kodwa amapolisa kufuneka asebenze ngokufanelekileyo ukulwa ulwaphulo-mthetho,\u201d loka van Reenen utshilo.\n\n\n\nUmba wevenkile eziphantsi kwabemi “bangaphandle”\n\n\n\nOngusihlalo wenqwanqwa lezophuhliso, iKhayelitsha Development Forum, uNdithini Tyhido ulumkise ngento yokugcwala kwevenkile \u201czabo bangaphandle, ingakumbi abase Somaliya\u201d esithi \u201cyingozi elindele ukwehla.\u201d\n\n\n\n\u201cZonke ivenkile eziseKhayelitsha ziphantsi kwamaSomaliya. Kodwa, kulento siyithethayo yokuba onqevu benyanzelisa abo banevenkile baseSomaliya uba babarhume ukwenzela ukuba ivenkile zabo zingaphangwa, irekhodi zamapolisa azihambelani nenani levenkile okanye inani lamatyala akumila kunje athe avulwa. Oku kuthetha ukuba nabo abemi bangaphandle abawavuli matyala lonto yokuba nabo bayinxalenye yengxaki sizifumana sikuyo,\u201d utshilo okaTyhido ngaphambi kokuba azilungise athi abayiqhwabeli izandla indlela abo baka Operation Dudula abenza ngayo izinto. \u201cIndlela eziqhuba ngayo akufunekanga ibe yileyo izobangela inzondo kubantu abaphuma ngaphandle,\u201d wongeze ngelitshoyo.\n\n\n\nUmfanekiso ogciniweyo: Ivenkile eziphantsi kwabaseSomaliya ngexesha loqhushululu olujoliswe kubemi bangaphandle ngonyaka ka 2017 e Site C eKhayelitsha.\n\n\n\nEphendula lomba, okaCele uthe kufuneka kubekho indlela yokunqanda abo bangabemi bangaphandle ukuba bangathatheli ushishino lwevenkile kubo. \u201cUkuba ivenkile ezininzi ziphantsi kwabo, bathi mabayephi abantu abatsha balapha? Kufuneka kubekho indlela zokujika izinto. Urhulumente kufuneka axhase abemi beli. Kodwa, ndiyanazi indlela eniyithanda ngayo imali ekhawulezileyo. Ningazifumana ezovenkile nigqibe niphinde nizithengisele abemi bangaphandle,\u201d utshilo uCele.", "date_published": "2022-06-21T09:01:52+02:00", "date_modified": "2022-06-21T09:01:55+02:00", "authors": [ { "name": "Mzi Velapi", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/mzi/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/08ab54eee21abdd69f223eb42319c3e9?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Mzi Velapi", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/mzi/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/08ab54eee21abdd69f223eb42319c3e9?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2022/06/Khayelitsha-residents-and-members-of-SAPS-at-the-Khayelitsha-crisis-response-summit-1-scaled.jpg?fit=2560%2C1707&ssl=1", "tags": [ "Bheki Cele", "Khayelitsha Development Forum", "Ndithini Tyhido", "ulwaphulo mthetho", "Cape Town", "Iyavela", "Oorhulemente basemakhaya", "Uncategorised" ] }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=15968", "url": "https://elitshanews.org.za/2021/05/13/abantu-abadala-bathi-badinga-ulwazi-ngokubhalisela-ugonyo/", "title": "Abantu abadala bathi badinga ulwazi ngokubhalisela ugonyo", "content_html": "\n
Abantu abangaphaya kweminyaka engamashumi amathandathu(60) abathethe neliphephandaba bathi baswele ulwazi ngokubhalisela ugonyo nanjengoko isigaba sesibini sokugonyela iCovid-19 sizakuqalisa kwiveki ezayo.
\n\n\n\nKutshantshe, Isebe lezeMpilo lisungule indlela yokubhalisela ugonyo nelibizwa nge-Electronic Vaccination Data System(EVDS) nedinga ukuba umntu abe unalo uqhakamishelwano kumnatha wonxibelelwano kwaye abe uyakwazi ukusebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla. Kodwa oku kubonakala kungumceli-mngeni kubantu abadala abangayanga esikolweni nabangathathi ntweni.
\n\n\n\nI-Elitsha iye yathetha nabantu abadala abakwilungelo lokugonywa kwisigaba sesibi sogonyo, kwindawo ezahlukeneyo zeli loMzantsi-Afrika.
\n\n\n\nUNocingile Kopolo (60) wakwilali yaseLusizini eNgqeleni uthi unqwenela ukuba urhulumente ayikhawulezise lenkqubo yogonyo. Nangona nje elungxamele ugonyo, uthi akayazi ukuba ukuzakugonyelwa phi kwaye akanalwazi ngobhaliso loku.
\n\n\n\nUMnikelo Bhinase ohlala kwindawo yaseDuncan Village eMonti uthe uvile ukuba abantu abadala bazakuqalisa ukugonyelwa intsholongwane i-Covid-19 kulenyanga, kodwa akanalwazi ukuba ihamba njani inkqubo yokubhalisa. \u201cNjengamntu ophulaphula unomathotholo ndiye ndeva ngolugonyo kwaye ndikulungele ukugonywa xa ithuba lam lifikile,\u201d kutsho uBhinase.
\n\n\n\nUkanti uMsekeli Makosi ominyaka engamashumi asixhenxe anesine (74) nohlala eKhayelitsha uthe uku lungele ukugonywa, kodwa akakeva nto ngendlela yokubhalisa. Oneminyaka engashumi amathandathu anesine (64) u Getrude Malgas waseHarare eKhayelitsha uthe kuzakunyanzeleka ukuba ancediswe ukuze abhalise phantsi kwalenkqubo intsha. \u201cUkusebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla abusilungelanga thina bantu badala, kungako sicela ukuncediswa,\u201d UMalgas uye watsho.
\n\n\n\nUmphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uGqirha Zweli Mkhize ulichaze njengenyathelo lenkqubela phambili kweli ukusetyenziswa kweqonga i-EVDS nezakusetyenziswa ngabo bonke abemi boMzantsi-Afrika ngokungenamkhethe. \u201cIsebe lizakusebenzi izixhobo ezithe zayiminikelo esuka kwimibutho nakumashishini awohlukeneyo ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uyabhalisa phambi kokuba agonywe,\u201d uqhube watsho uMkhize.
\n\n\n\nIsithethi sesebe leZempilo eNtshona-Koloni, uSizwe Kupelo uvakalise ukuba kuzo zonke izithili zephondo kuqeqeshwe abantu abazakuqinisekisa ukuba wonke umntu odinga ukubahlisela ugonyo kuyafikelelwa kuye. \u201cLa ngamaqela azakuqinisekisa ukuba uluntu lufumana ulwazi olupheleyo ngokumayelana nogonyelo lwe-Covid-19,” wongeze ngelitshoyo loka Kupelo.
\n\n\n\nUNomashiya Mthintsilana ongu nompilo eNgqamakhwe uthe usafumana ubunzima ukubhalisa abantu abadala. Uqhube wathi ngabantu abambalwa ababokalisa umdla kubhaliso ukuzokutsho ngoku. \u201cUnobangela woku zindaba ezingeyo nyani ezibandakanya ugonyo lwe-Covid-19 kodwa ndiyaqhubeka nokuqinisekisa ukuba abantu balapha ekuhlaleni ndiyabafundisa kangangoko ngolugonyo,\u201d kutsho uMthintsilana.
\n\n\n\nUkanti isithethi Sesebe Lezempilo kwiPhondo leNtshona Kapa, uNomawethu Sbukwana uthe isebe lizakusebenzisana noNomakhaya ukuqinisekisa ukuba abantu abadala bayancediswa ukubhalisela ugonyo, nanjengoko ingabo abantu asele bebazi abantu abadala kwindawo abahlala kuzo. \u201cOnompilo bebeluncedo kakhulu xa bekuvavanywa abantu, nakwelixesha logonyo bazakudlala indima ebalulekileyo,\u201d kutsho uSbukwana.
\n\n\n\nNalu uhlobo lokubhalisela ugonyo xa unoqhakamishelwano kumnatha wonxibelelwano:
\n\n\n\nIsebe likwaphehlelele indlela yokubhalisa ngohlobo lukaWhatsApp kwanohlobo lwe-SMS: ungabhalisa ngokuthumela igama elithi \u2018Register\u2019 kulenombolo ingu 0600 123 456 okanye ubhalise ngokucofa u *134*832*inombolo yesazisi#
\n\n\n\nXa ungenaso isazisi ungacofa u *134*832# ucele uncedo.
\n", "content_text": "Abantu abangaphaya kweminyaka engamashumi amathandathu(60) abathethe neliphephandaba bathi baswele ulwazi ngokubhalisela ugonyo nanjengoko isigaba sesibini sokugonyela iCovid-19 sizakuqalisa kwiveki ezayo.\n\n\n\nKutshantshe, Isebe lezeMpilo lisungule indlela yokubhalisela ugonyo nelibizwa nge-Electronic Vaccination Data System(EVDS) nedinga ukuba umntu abe unalo uqhakamishelwano kumnatha wonxibelelwano kwaye abe uyakwazi ukusebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla. Kodwa oku kubonakala kungumceli-mngeni kubantu abadala abangayanga esikolweni nabangathathi ntweni.\n\n\n\nI-Elitsha iye yathetha nabantu abadala abakwilungelo lokugonywa kwisigaba sesibi sogonyo, kwindawo ezahlukeneyo zeli loMzantsi-Afrika.\n\n\n\nUNocingile Kopolo (60) wakwilali yaseLusizini eNgqeleni uthi unqwenela ukuba urhulumente ayikhawulezise lenkqubo yogonyo. Nangona nje elungxamele ugonyo, uthi akayazi ukuba ukuzakugonyelwa phi kwaye akanalwazi ngobhaliso loku.\n\n\n\nUMnikelo Bhinase ohlala kwindawo yaseDuncan Village eMonti uthe uvile ukuba abantu abadala bazakuqalisa ukugonyelwa intsholongwane i-Covid-19 kulenyanga, kodwa akanalwazi ukuba ihamba njani inkqubo yokubhalisa. \u201cNjengamntu ophulaphula unomathotholo ndiye ndeva ngolugonyo kwaye ndikulungele ukugonywa xa ithuba lam lifikile,\u201d kutsho uBhinase.\n\n\n\nUkanti uMsekeli Makosi ominyaka engamashumi asixhenxe anesine (74) nohlala eKhayelitsha uthe uku lungele ukugonywa, kodwa akakeva nto ngendlela yokubhalisa. Oneminyaka engashumi amathandathu anesine (64) u Getrude Malgas waseHarare eKhayelitsha uthe kuzakunyanzeleka ukuba ancediswe ukuze abhalise phantsi kwalenkqubo intsha. \u201cUkusebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla abusilungelanga thina bantu badala, kungako sicela ukuncediswa,\u201d UMalgas uye watsho.\n\n\n\nUmphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uGqirha Zweli Mkhize ulichaze njengenyathelo lenkqubela phambili kweli ukusetyenziswa kweqonga i-EVDS nezakusetyenziswa ngabo bonke abemi boMzantsi-Afrika ngokungenamkhethe. \u201cIsebe lizakusebenzi izixhobo ezithe zayiminikelo esuka kwimibutho nakumashishini awohlukeneyo ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uyabhalisa phambi kokuba agonywe,\u201d uqhube watsho uMkhize.\n\n\n\nIsithethi sesebe leZempilo eNtshona-Koloni, uSizwe Kupelo uvakalise ukuba kuzo zonke izithili zephondo kuqeqeshwe abantu abazakuqinisekisa ukuba wonke umntu odinga ukubahlisela ugonyo kuyafikelelwa kuye. \u201cLa ngamaqela azakuqinisekisa ukuba uluntu lufumana ulwazi olupheleyo ngokumayelana nogonyelo lwe-Covid-19,” wongeze ngelitshoyo loka Kupelo.\n\n\n\nUNomashiya Mthintsilana ongu nompilo eNgqamakhwe uthe usafumana ubunzima ukubhalisa abantu abadala. Uqhube wathi ngabantu abambalwa ababokalisa umdla kubhaliso ukuzokutsho ngoku. \u201cUnobangela woku zindaba ezingeyo nyani ezibandakanya ugonyo lwe-Covid-19 kodwa ndiyaqhubeka nokuqinisekisa ukuba abantu balapha ekuhlaleni ndiyabafundisa kangangoko ngolugonyo,\u201d kutsho uMthintsilana.\n\n\n\nUkanti isithethi Sesebe Lezempilo kwiPhondo leNtshona Kapa, uNomawethu Sbukwana uthe isebe lizakusebenzisana noNomakhaya ukuqinisekisa ukuba abantu abadala bayancediswa ukubhalisela ugonyo, nanjengoko ingabo abantu asele bebazi abantu abadala kwindawo abahlala kuzo. \u201cOnompilo bebeluncedo kakhulu xa bekuvavanywa abantu, nakwelixesha logonyo bazakudlala indima ebalulekileyo,\u201d kutsho uSbukwana.\n\n\n\nNalu uhlobo lokubhalisela ugonyo xa unoqhakamishelwano kumnatha wonxibelelwano:\n\n\n\n\n\n\n\nQiniseka ukuba unalo uqhakamishelwano kumnatha wenxibelelwanoYibanemfonomfono yodidi lwalemihla okanye ikhompuyuthaQakamshela kuledilesi ilandela: vaccine.enroll.health.gov.zaUzakufumana imiyalelo womawukwenze ngokulandelayoLandela imiyalelo kwaye ufake inkcukacha ngokwendlela ekuchazwe ngayoUzakufumana umyalezo ongqinayo ukuba ukuludwe lwabantu abazakugonywa. Xa kufika elakho ithuba, uzakuthunyelwelwa omnye umyalezo onenkcukacha zomhla nendawo ozakugonywa kuyo.\n\n\n\nIsebe likwaphehlelele indlela yokubhalisa ngohlobo lukaWhatsApp kwanohlobo lwe-SMS: ungabhalisa ngokuthumela igama elithi \u2018Register\u2019 kulenombolo ingu 0600 123 456 okanye ubhalise ngokucofa u *134*832*inombolo yesazisi#\n\n\n\nXa ungenaso isazisi ungacofa u *134*832# ucele uncedo.", "date_published": "2021-05-13T18:35:00+02:00", "date_modified": "2021-05-13T16:35:40+02:00", "authors": [ { "name": "Nkosemntu Stuurman", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/nkosemntu-stuurman/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/f10fa0ed9c7244674cff90b9f619a99d?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Nkosemntu Stuurman", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/nkosemntu-stuurman/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/f10fa0ed9c7244674cff90b9f619a99d?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2021/05/IMG_1394-scaled.jpg?fit=2560%2C1707&ssl=1", "tags": [ "EVDS", "iCovid-19 eMzantsi-Afrika", "Isigaba sesibini sogonyo lweCovid-19", "Ugonyo lwe Covid-19", "Zweli Mkhize", "Cape Town", "Ezempilo", "Iyavela", "Uncategorised" ], "summary": "Isebe lezeMpilo lithi lizakusebenzisa onompilo ukufundisa abantu abadala nabangafundanga ngokubhalisela ugonyo." }, { "id": "https://elitshanews.org.za/?p=14545", "url": "https://elitshanews.org.za/2020/10/26/batyityimbiselwe-umnwe-oonqevu-ekhayelitsha/", "title": "Batyityimbiselwe umnwe oonqevu eKhayelitsha", "content_html": "\n
Ikhalinyelwe into yonqevu ababhodla idangatye belijolise ngqo kubahlali baseKhayelitsha bebanyanzelisa ukuba babarhume ukuze amashishini wabo angibikho sesichengeni sokuphangwa ngokungena lusini. Oluhlobo lokukhuthuza balibiza ngokuba yi-Protection Fee. Xa besenza lomkhwa ababhali ncwadi, koko bangqala ngqo kulowo uneshishini bagunyazise ukuba bafuna isixa esithile semali ukuze isishishini lomntu likhuseleke.
Inqwanqwa lezophuhliso eKhayelitsha (KDF) liwubhinqe wamfutshane nalapho belibambe umthandazo okhalimela obu bugebenga. Lo mthandazo ububanjelwe kwibala lezemidlalo eKhayelitsha ngeCawa kwaye i-KDF icele oonyawontle ukuba basondeze uluntu kuThixo ukuze kwande ithemba kubantu baseKhayelitsha.
\n\n\n\n\u201cSiyi-KDF besinako ukuba singabizi abefundisi sithi umntu ovakalelwayo makathathe lonto anayo singene edabini ntonje akulunganga ukwenza ngolohlobo. Asikwazi sililizwe sithi sizama ukuziphucula siphinde kwathina siphindise ubugxwayiba ngobugxwayiba. Ootsotsi abakhoyo kulentlanganiso ndiyaqinisekisa ukuba asinoyiki yaye kwanele ngoku\u201d utshilo usihlalo we-KDF uNdithini Tyhido.
\n\n\n\nOkaTyhido uthi besisikhokelo bathula ngethuba abanqevu babe nezivumelwano zokugada iivenkile zabemi bangaphandle ukuze bazuze intlawulo ngelithi bakhusela amashishini wabo. Uthi oko bebengakuxhasi yaye udiza ukuba batsibe ilitye likaphungela xa bengenela uluntu ezindlini befuna i-Protection Fee.
\n\n\n\n\u201cKwanele ngoku sichasene nomkhwa wokuhlawuliswa kuphiliswa kabuhlungu abantu abanamashishini amancinane\u2019, utshilo uTyhido. LokaTyhido ufumene ukuhlaselwa kanye ngalomhla i-KDF idlulise umyalezo wokuba konele. U-Ndithini Tyhido uthi nokuba isiganeko sokuhlaselwa kwakhe sinxumelene nokudlulisa kwabo lomyalezo okanye akunjalo uthi wona umyalezo ufikelele ngqo ezindlebeni zotsotsi. OkaTyhido khange afumane monzakalo koluhlaselo.
\n\n\n\nI-KDF irhwebe umbutho weTaxi iCODETA ukuba ibeyinxalenye yalentlanganiso. \u201cOkwangoku akukabikho sigqibo malunga nesizakwenza singulombutho koko isigqeba solawulo lweTaxi sizakuwuhla amahlongwane lomba phambi kukuba sithathe isigqibo\u201d utshilo uLennox Mtwengwane okwiqoqo lolawulo lombutho weTaxi zakwaCODETA. Uthi umkhombandlela wokuba benze ntoni malunga nalemeko bakuwunikwa ngabahlali kuba ntlandlolo babefudula besilwa nendlobongela kodwa kwakhala kwa uluntu ngelithi bangqwabalala ze oko kwabangela ukuba babuye umva.
\n\n\n\nOkaMtengwane uthi kwilokishi yaseSite-C kukhala izithonga zemipu emini nasebusuku uthi bayathandabuza ukuba bakhona abantu bezokhuselo ngelithi zange bayibona imipu ikhala eminini ilanga lihlabe umhlaba.
\n\n\n\nKungokunje inkonzo yesipolisa eNtshona Koloni sele ikhuphe inombolo yomnxeba yamapolisa engu 021 466 001 nalapho uluntu lungatsalela lenombolo ukubika iziganeko zolwaphulo mthetho ezinxulemene ne-Protection Fee. \u201cAbantu bayoyika ukuvula amatyala kungenjalo ukubika iziganeko zolwaphulo mthetho oko kubangela kubenzima ukuba sikwazi ukufumana abarhanelwa\u201d, utshilo uBrigadier Novela Potelwa.
\n\n\n\nUthi kungokunje sele beqalisile ukuvingca amazibuko nanjengoko kulempelaveki sisuka kuyo bebeqhuba ugqogqo eSite-B naseHarare eKhayelitsha. U-Brigadier Novela Potelwa uthi bazakubamba iintlanganiso nezi-Stakeholders ukuzama ukuvelela amacebo abanokulwa ngawo iProtection Fee.
\n\n\n\nLentlanganiso ibizinyaswe ngusekela- mphathiswa wezokhuselo lombuso kweli loMzantsi Afrika uZizi Kodwa.
\n\n\n\n\u201cXa abantu baseKhayelitsha behlangene ngoluhlobo lonto ithetha ukuba badiniwe kodwa asifuni abantu bathathele umthetho ezandleni. Ukuba kukhona iqaqobana lamapolisa elisebenzisana noonqalintloko kufuneka alumke loomapolisa\u201d utshilo okaKodwa.
\n\n\n\nUthi nabo bengurhulumente badiniwe ziziganeko ezikumila kunje esitsho kananjalo ukuba into efunekayo yimbonakalo yamapolisa phakathi koluntu. Esitsho kananjalo ukuba akaqondi ukuba sele kufuneka ungenelelo lwamajoni ngelithi ntonje uluntu kufuneka lusebenzisane namapolisa.
\n", "content_text": "Ikhalinyelwe into yonqevu ababhodla idangatye belijolise ngqo kubahlali baseKhayelitsha bebanyanzelisa ukuba babarhume ukuze amashishini wabo angibikho sesichengeni sokuphangwa ngokungena lusini. Oluhlobo lokukhuthuza balibiza ngokuba yi-Protection Fee. Xa besenza lomkhwa ababhali ncwadi, koko bangqala ngqo kulowo uneshishini bagunyazise ukuba bafuna isixa esithile semali ukuze isishishini lomntu likhuseleke.\n\n\n\nInqwanqwa lezophuhliso eKhayelitsha (KDF) liwubhinqe wamfutshane nalapho belibambe umthandazo okhalimela obu bugebenga. Lo mthandazo ububanjelwe kwibala lezemidlalo eKhayelitsha ngeCawa kwaye i-KDF icele oonyawontle ukuba basondeze uluntu kuThixo ukuze kwande ithemba kubantu baseKhayelitsha.\n\n\n\n\u201cSiyi-KDF besinako ukuba singabizi abefundisi sithi umntu ovakalelwayo makathathe lonto anayo singene edabini ntonje akulunganga ukwenza ngolohlobo. Asikwazi sililizwe sithi sizama ukuziphucula siphinde kwathina siphindise ubugxwayiba ngobugxwayiba. Ootsotsi abakhoyo kulentlanganiso ndiyaqinisekisa ukuba asinoyiki yaye kwanele ngoku\u201d utshilo usihlalo we-KDF uNdithini Tyhido.\n\n\n\n OkaTyhido uthi besisikhokelo bathula ngethuba abanqevu babe nezivumelwano zokugada iivenkile zabemi bangaphandle ukuze bazuze intlawulo ngelithi bakhusela amashishini wabo. Uthi oko bebengakuxhasi yaye udiza ukuba batsibe ilitye likaphungela xa bengenela uluntu ezindlini befuna i-Protection Fee. \n\n\n\n\u201cKwanele ngoku sichasene nomkhwa wokuhlawuliswa kuphiliswa kabuhlungu abantu abanamashishini amancinane\u2019, utshilo uTyhido. LokaTyhido ufumene ukuhlaselwa kanye ngalomhla i-KDF idlulise umyalezo wokuba konele. U-Ndithini Tyhido uthi nokuba isiganeko sokuhlaselwa kwakhe sinxumelene nokudlulisa kwabo lomyalezo okanye akunjalo uthi wona umyalezo ufikelele ngqo ezindlebeni zotsotsi. OkaTyhido khange afumane monzakalo koluhlaselo.\n\n\n\nLoka Tyhido uthi uya wahlaselwa emveni kokuba bephakamise amazwi wabo kwinto yoburhala-rhume.\n\n\n\nI-KDF irhwebe umbutho weTaxi iCODETA ukuba ibeyinxalenye yalentlanganiso. \u201cOkwangoku akukabikho sigqibo malunga nesizakwenza singulombutho koko isigqeba solawulo lweTaxi sizakuwuhla amahlongwane lomba phambi kukuba sithathe isigqibo\u201d utshilo uLennox Mtwengwane okwiqoqo lolawulo lombutho weTaxi zakwaCODETA. Uthi umkhombandlela wokuba benze ntoni malunga nalemeko bakuwunikwa ngabahlali kuba ntlandlolo babefudula besilwa nendlobongela kodwa kwakhala kwa uluntu ngelithi bangqwabalala ze oko kwabangela ukuba babuye umva. \n\n\n\nOkaMtengwane uthi kwilokishi yaseSite-C kukhala izithonga zemipu emini nasebusuku uthi bayathandabuza ukuba bakhona abantu bezokhuselo ngelithi zange bayibona imipu ikhala eminini ilanga lihlabe umhlaba.\n\n\n\nKungokunje inkonzo yesipolisa eNtshona Koloni sele ikhuphe inombolo yomnxeba yamapolisa engu 021 466 001 nalapho uluntu lungatsalela lenombolo ukubika iziganeko zolwaphulo mthetho ezinxulemene ne-Protection Fee. \u201cAbantu bayoyika ukuvula amatyala kungenjalo ukubika iziganeko zolwaphulo mthetho oko kubangela kubenzima ukuba sikwazi ukufumana abarhanelwa\u201d, utshilo uBrigadier Novela Potelwa.\n\n\n\nUthi kungokunje sele beqalisile ukuvingca amazibuko nanjengoko kulempelaveki sisuka kuyo bebeqhuba ugqogqo eSite-B naseHarare eKhayelitsha. U-Brigadier Novela Potelwa uthi bazakubamba iintlanganiso nezi-Stakeholders ukuzama ukuvelela amacebo abanokulwa ngawo iProtection Fee.\n\n\n\nLentlanganiso ibizinyaswe ngusekela- mphathiswa wezokhuselo lombuso kweli loMzantsi Afrika uZizi Kodwa.\n\n\n\n\u201cXa abantu baseKhayelitsha behlangene ngoluhlobo lonto ithetha ukuba badiniwe kodwa asifuni abantu bathathele umthetho ezandleni. Ukuba kukhona iqaqobana lamapolisa elisebenzisana noonqalintloko kufuneka alumke loomapolisa\u201d utshilo okaKodwa.\n\n\n\nUthi nabo bengurhulumente badiniwe ziziganeko ezikumila kunje esitsho kananjalo ukuba into efunekayo yimbonakalo yamapolisa phakathi koluntu. Esitsho kananjalo ukuba akaqondi ukuba sele kufuneka ungenelelo lwamajoni ngelithi ntonje uluntu kufuneka lusebenzisane namapolisa.", "date_published": "2020-10-26T19:21:54+02:00", "date_modified": "2020-10-26T19:21:57+02:00", "authors": [ { "name": "Phinda Kula", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/phinda/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/6b770a0c35212381171b66f31d07fa66?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Phinda Kula", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/phinda/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/6b770a0c35212381171b66f31d07fa66?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2020/10/IMG_7185-1-scaled.jpg?fit=2560%2C1707&ssl=1", "tags": [ "Khayelitsha Development Forum", "Ndithini Tyhido", "Protection fee in Khayelitsha", "Ubugewu eKhayelitsha", "Ukuthathelwa komthetho ezandleni", "ulwaphulo mthetho", "ulwaphulo mthetho eKhayelitsha", "Cape Town", "Iyavela", "Uncategorised" ], "summary": "Kwintlanganiso ebejoliswe ekufumaneni isisombululo kwinto yobugewu eqatseleyo eKhayelitsha kutshanje, onqali-ntloko batyityimbiselwe iminwe." }, { "id": "http://wwmp.org.za/elitsha/?p=10456", "url": "https://elitshanews.org.za/2019/09/26/imbongi-yomthonyama-yenze-umbongo-ojoliswe-kumadoda-abulala-abantu-abangomama/", "title": "Imbongi yomthonyama yenze umbongo ojoliswe kumadoda abulala abantu abangomama", "content_html": "\nNgexesha apho ukubulawa, ukudlwengulwa, impatho-mbi nokunyamalala kwabantu abangomama ngamadoda kwanabo bathandana nabo kuyinto esendabeni kwaye kuqhanqalazwa imini nezolo ngenxa yalemeko, inenekazi eliyimbongi yomthonyama nalo livakalise elalo ilizwi kule meko.
\n\n\n\nU Siyakha Macaula unombongo othi Ziyemka iinkomo magwalandini, lombongo ubhekise kwintlungu awayeyiva ngokubulawa kwabasetyhini, wawenza lombongo ecinga ngo Uyinene Mrwetyana, Jesse Hess, Leighandre Jegels,Janika Mallo, Lynette Volschenk, Meghan Cremer kunye nabanye.
\n\n\n\nElinenekazi\nlineminyaka engamashumi amabini anesine, likhule liyintombi ethanda ukudlala\nnamakhwenkwe, ekukhuleni kwakhe wayethanda ukudlala imidlalo efana nebhola ekhatywayo,\niqakamba kwaye wayethanda nozingela.
\n\n\n\nLentokazi yazalwa ngu Madoda Macaula no Lulama Phikiso eKapa ngonyaka ka 1995.
\n\n\n\nUthi waqala ukuzazi ukuba uyakwazi ukubonga kwakungo nyaka ka 2007 apho kwakusweleke umakhulu wakhe.
\n\n\n\n\u201cUsweleka kukamakhulu wam, abanye abantwana basekhaya babethetha ngezinto abazokuzenza njengomdaniso nokucula kodwa mna ndandingayazi ukuba ndizakwenza ntoni kodwa kwathi kwakufika ixesha kwakho into ethi mandiphakame, nam ndenza njalo ndavele ndathetha,\u201d utshilo xa ebalisa ngokuqala kwakhe ukuzazi ukuba uyakwazi ukubonga.
\n\n\n\nUgqithele wathi abazali bakhe kunye nabantu baselalini bothuka ukuba uyakwazi ukubonga. \u201cEkhaya ndandingaziwa ukuba ndiyimbongi kuba ndandisaziwa ngobayintombi ethanda ukudlala imidlalo yamakhwenkwe, nam ndothuka kuba ndandingazazi ukuba ndiyakwazi ukubonga,” utshilo
\n\n\n\nEkukhuleni\nkwakhe wasithanda kakhulu isiXhosa kuba kwisikolo awayefunda kuso amabanga\naphantsi iBurnshill Primary School eku Qoboqobo kwilali yaseMthubi sasixatyiswe\nkakhulu.
\n\n\n\nXa kukho umcimbi wolonwabo owathi wacelwa ukuba ayokubonga kuwo, uthi wabona ngokuba abantu bamane bemcela ukuba ngenene esisiphiwo anaso akuyonto ekumele aphuncukane nayo.
\n\n\n\nKwanyanzeleka\nukuba azishiye iilali abuyele eKapa apho wagqibezela khona amabanga aphantsi\nkwisikolo esikwaLanga iSiyabulela Primary School apho wenza khona ibanga lesihlanu\nuyotsho kwibanga lesibhozo.
\n\n\n\nEnye yendawo awakhe wabonga kuyo angasokuze ayilibale liZiko leNgqungquthela Zelizwe eKapa (CTICC) ngonyaka ka 2007. Lemini yayibalulekile ngokutsho kwalo ka Macaula kuba kwakukho nenye imbongi edumileyo uZolani Mkhiva kunye nenkosi zasekuhlaleni. Lomcimbi yayingowe nkokheli zemveli.
\n\n\n\nNgexesha esafunda eSiyabulela wabangomnye wabafundi abakhethwayo ukuba baphume nesikolo baye eNigeria kunye nase United Kingdom apho babeyo bonisa iyantlukwano ekwenzeni ubugcisa. Waya kulamazwe ngenxa yenkqubo ekwakuthiwa yi Connecting Classrooms ngalasemzini.
\n\n\n\nApha ekubongeni kwakhe wazibona ukuba yena uyimbongi yomthonyama, \u201cmna andiyi bhali imibongo endinayo, ndithetha ngokwe mvakalelo endinayo ngeloxesha, umzekelo kulento yohlukunyezwa ko mama nabantwana, ndivele ndifikelwe ngamagama nditsho ndiwakhuphe,” utshilo ngelicacisayo.
\n\n\n\n\u00a0Eminye yemibongo awakhe wayenza ngu Ndimbonile, lombongo wawenza kuba wayemane ebona utata wakhe emaphupheni njengoba wasweleka ngonyaka ka 2012.
\n\n\n\nThula mama, lombongo wawenza kuba ekhuthaza omama ukuba bomelele.
\n\n\n\nAbantu\najonge kubo kwaye abamkhuthazayo njengoba eyintombi esithandayo isiXhosa ngu\nNoxolo Grootboom kunye no Jessica Mbangeni.
\n\n\n\n\u201cNdithanda\nuNoxolo Grootboom kuba ndithanda ihlobo athetha isiXhosa ngalo,uJessica bangeni\nndimthanda kuba ingomnye weembongi okanye eyimbongi yomthonyama engumama\u201d
\n\n\n\nInto ayinqwenelayo ngoku kukuba ngenye imini aze abonge phambi kuka Thabo Mbeki.
\n", "content_text": "Ngexesha apho ukubulawa, ukudlwengulwa, impatho-mbi nokunyamalala kwabantu abangomama ngamadoda kwanabo bathandana nabo kuyinto esendabeni kwaye kuqhanqalazwa imini nezolo ngenxa yalemeko, inenekazi eliyimbongi yomthonyama nalo livakalise elalo ilizwi kule meko.\n\n\n\nU Siyakha Macaula unombongo othi Ziyemka iinkomo magwalandini, lombongo ubhekise kwintlungu awayeyiva ngokubulawa kwabasetyhini, wawenza lombongo ecinga ngo Uyinene Mrwetyana, Jesse Hess, Leighandre Jegels,Janika Mallo, Lynette Volschenk, Meghan Cremer kunye nabanye.\n\n\n\n\n\nU Siyakha uthi lombongo uwenze emveni kokudlwengulwa nokubulawa kwamanina.\n\n\n\nElinenekazi\nlineminyaka engamashumi amabini anesine, likhule liyintombi ethanda ukudlala\nnamakhwenkwe, ekukhuleni kwakhe wayethanda ukudlala imidlalo efana nebhola ekhatywayo,\niqakamba kwaye wayethanda nozingela.\n\n\n\nLentokazi yazalwa ngu Madoda Macaula no Lulama Phikiso eKapa ngonyaka ka 1995.\n\n\n\nUthi waqala ukuzazi ukuba uyakwazi ukubonga kwakungo nyaka ka 2007 apho kwakusweleke umakhulu wakhe.\n\n\n\n\u201cUsweleka kukamakhulu wam, abanye abantwana basekhaya babethetha ngezinto abazokuzenza njengomdaniso nokucula kodwa mna ndandingayazi ukuba ndizakwenza ntoni kodwa kwathi kwakufika ixesha kwakho into ethi mandiphakame, nam ndenza njalo ndavele ndathetha,\u201d utshilo xa ebalisa ngokuqala kwakhe ukuzazi ukuba uyakwazi ukubonga.\n\n\n\n Ugqithele wathi abazali bakhe kunye nabantu baselalini bothuka ukuba uyakwazi ukubonga. \u201cEkhaya ndandingaziwa ukuba ndiyimbongi kuba ndandisaziwa ngobayintombi ethanda ukudlala imidlalo yamakhwenkwe, nam ndothuka kuba ndandingazazi ukuba ndiyakwazi ukubonga,” utshilo\n\n\n\nEkukhuleni\nkwakhe wasithanda kakhulu isiXhosa kuba kwisikolo awayefunda kuso amabanga\naphantsi iBurnshill Primary School eku Qoboqobo kwilali yaseMthubi sasixatyiswe\nkakhulu.\n\n\n\nXa kukho umcimbi wolonwabo owathi wacelwa ukuba ayokubonga kuwo, uthi wabona ngokuba abantu bamane bemcela ukuba ngenene esisiphiwo anaso akuyonto ekumele aphuncukane nayo.\n\n\n\nKwanyanzeleka\nukuba azishiye iilali abuyele eKapa apho wagqibezela khona amabanga aphantsi\nkwisikolo esikwaLanga iSiyabulela Primary School apho wenza khona ibanga lesihlanu\nuyotsho kwibanga lesibhozo.\n\n\n\nEnye yendawo awakhe wabonga kuyo angasokuze ayilibale liZiko leNgqungquthela Zelizwe eKapa (CTICC) ngonyaka ka 2007. Lemini yayibalulekile ngokutsho kwalo ka Macaula kuba kwakukho nenye imbongi edumileyo uZolani Mkhiva kunye nenkosi zasekuhlaleni. Lomcimbi yayingowe nkokheli zemveli.\n\n\n\nNgexesha esafunda eSiyabulela wabangomnye wabafundi abakhethwayo ukuba baphume nesikolo baye eNigeria kunye nase United Kingdom apho babeyo bonisa iyantlukwano ekwenzeni ubugcisa. Waya kulamazwe ngenxa yenkqubo ekwakuthiwa yi Connecting Classrooms ngalasemzini.\n\n\n\nApha ekubongeni kwakhe wazibona ukuba yena uyimbongi yomthonyama, \u201cmna andiyi bhali imibongo endinayo, ndithetha ngokwe mvakalelo endinayo ngeloxesha, umzekelo kulento yohlukunyezwa ko mama nabantwana, ndivele ndifikelwe ngamagama nditsho ndiwakhuphe,” utshilo ngelicacisayo.\n\n\n\n\u00a0Eminye yemibongo awakhe wayenza ngu Ndimbonile, lombongo wawenza kuba wayemane ebona utata wakhe emaphupheni njengoba wasweleka ngonyaka ka 2012.\n\n\n\n\n\n\n\n\n\nThula mama, lombongo wawenza kuba ekhuthaza omama ukuba bomelele.\n\n\n\nAbantu\najonge kubo kwaye abamkhuthazayo njengoba eyintombi esithandayo isiXhosa ngu\nNoxolo Grootboom kunye no Jessica Mbangeni.\n\n\n\n\u201cNdithanda\nuNoxolo Grootboom kuba ndithanda ihlobo athetha isiXhosa ngalo,uJessica bangeni\nndimthanda kuba ingomnye weembongi okanye eyimbongi yomthonyama engumama\u201d\n\n\n\nInto ayinqwenelayo ngoku kukuba ngenye imini aze abonge phambi kuka Thabo Mbeki.", "date_published": "2019-09-26T19:00:34+02:00", "date_modified": "2019-09-26T18:04:01+02:00", "authors": [ { "name": "Sinethemba Mbewana", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/sinethemba-mbewana/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/7e0e9258a2147429da5b27d6d0cf61a5?s=512&d=mm&r=g" } ], "author": { "name": "Sinethemba Mbewana", "url": "https://elitshanews.org.za/xh/author/sinethemba-mbewana/", "avatar": "https://secure.gravatar.com/avatar/7e0e9258a2147429da5b27d6d0cf61a5?s=512&d=mm&r=g" }, "image": "https://i0.wp.com/elitshanews.org.za/wp-content/uploads/2019/09/IMG-20190918-WA0002.jpg?fit=1136%2C758&ssl=1", "tags": [ "Imbongi yomthonyama", "imbongi zesiXhosa", "Siyakha Macaula", "Ukubhala imibongo", "Ukubonga", "Uyinene Mrwetyana", "Cape Town", "Entertainment", "Iyavela", "Uncategorised", "Violence against women" ] } ] }