Ulutsha lwase Khayelitsha luye lwahlohla umphathiswa negqiza lakhe ngemibuzo

Abantu abatsha ebegcwalise iMew Way Hall besuka mbombo zone zesixeko. Photo: Mzi Velapi

Ulutsha lwaseKhayelitsha ebeluzimase intlanganiso yolutsha ebibizwe lisebe lezoLuleko nobu Lungiswa ebise Mey Way Hall kutshanje luye lwahlohla imibuzo ebukhali ngezizathu yentlanganiso. Abanye bephakamisa into yokungafumani imisebenzi ngenxa yokuba benengxelo yolwaphulo-mthetho.

Le ntlaganiso nebizinyaswe nguMphathiswa wezoLuleko nezobuLungiswa kazwelonke u Michael Masutha, iKhomishana kazwelonke uZach Modise, ilungu le Palamente uThandi Mahambehlala kwakunye nalowo waziswe ukuba uyakuba nguSodolophu ukuba umbutho we ANC uyasithatha isixeko seKapa kulonyulo oluzayo u Xolani Sotashe.

Ngelixa lentetho yakhe, u Masutha uye waxelela inginginya yolutsha ebisuka mbombo zone zesixeko ukuba lomsitho wenzelwe ukubhiyozela iminyaka engamashumi amane abafundi balwelwa amalungelo wabo, kwaye ujoliswe ekubeni urhulumente nesebe lakhe bejonge ukuphuhliswa kwezakhono zolutsha ingakumbi abo bazibhaqa besezintolongweni.

“Ilokishi yase Khayelitsha yenye yendawo ezintlanu enezinga eliphezulu lokubulawa kwabantu nokuthathelwa umthetho ezandleni ngabahlali kwaye lemeko iya isiba mandundu,” utshilo lo ka Masutha.

Esaleka loka Masutha uye wathi malunga nepesenti ezingamashumi amathandathu anesithoba zamabanjwa alindele ukuvela enkundleni kuzwelonke ngabo abaneminyaka engaphantsi ko 35.

Kuthe ngelixa lemibuzo ulutsha lwafuna ukuqonda ukuba lomsitho wenzelwe ezopolitiko na kuba kusiza ulonyulo lwasemakhaya ngenyanga ka August kusinini na. Omnye wabantu abatsha abathe babuza izizathu zalomsitho ngu Lwando Tyokolo. “Lomsitho ingathi wenzelwe ukugaya ivoti yi ANC, kusetyenziswa imali ka rhulumente”, utshilo lo ka Tyokolo. Nabanye abantu abatsha baye bafuna ukuqonda izizathu zomsitho.

Ephendula umbuzo ka Tyokolo, lowo utyunjwele ukuba nguSodolophu kumbutho we ANC u Xolani Sotashe uthe bona abayifihli into yokuba umbutho we ANC nguwo ophetheyo kwaye abantu soloko bekhalazela ukuba umbutho we ANC awubaphenduli abantu kwaye awuzinanzanga izinto zoluntu. “Ingxaki yeyekuba kuthiwe asihoyanga, sithi xa sihohayo sigxekwe”, utshilo lo ka Sotashe kuvakala ukuba akaboni nto igoso ngokuba abo baseburhulumenteni basebenzise izinto zikarhulumente ukugayela umbutho we ANC.

Loka Masutha uye naye wahlomla ecacisa ukuba ngumbutho we ANC owonyulwayo sisininzi kodwa wenza isigxengxezo sokuba abantu abacinge ukuba lomsitho wenzelwe ukugaya ivoti ze ANC.

Also read:  Bahlomle abahlali baseKhayelitsha ngendima eyadlalwa yi Komishoni yeNyani noXolelwaniso (TRC)

Kulutsha obelukhona bekukho nabo bahamba isikolo. Umfundi wase Chris Hani u Buyile Kokose uye wabuza ngento yokhuseleko ezikolweni ethe yaphendulwa ngu Sotashe ngelithi okubalulekileyo kukuba abantu bazithathele kubo indawo abahlala kuzo.

Omnye umntu omtsha osandula ukuphuma entolongweni yase Malmesbury u Thozama Stemela uthe uyasokola ukufumana indawo ezakumnika amava omsebenzi emveni kokwenza izifundo ze Human Resources ngelixa ebesentolongweni.

U Stemela uthi kuba enengxelo yokubanjwa akafumani ndawo yokumnika amava omsebenzi. Loka Masutha uye wathi ukucinywa kwetyala kwenziwa ngu Mongameli yiyo lonto abantu abatsha kufuneka bethathe uxanduva lwezinto abazenzayo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.