Bahlomle abahlali baseKhayelitsha ngendima eyadlalwa yi Komishoni yeNyani noXolelwaniso (TRC)

Abo bebegcwalise iholo lesakhiwo esitsha Isivivana esingase Khayelitsha Mall. Photo: ifoto ithathwe ngu Mzi Velapi

KwiMbizo ebeququzelelwe yi Institute for Justice and Reconciliation (IJR) abahlali base Khayelitsha ingakumbi ulutsha luye lwahlomla ngeKomishoni Yenyani noXolelwaniso eyayibanjwe ngonyaka ka 1996.

Le komishoni yasekelwa ukukhuthaza ubunye noxolelwaniso, ngokuhlaziya amalungelo wabantu nabo ababengamaxhoba ngokujonga indlela ezithile zembuyekezo. Ngokwalekomishoni imbuyekezo icaciswa ngendlela ezinininzi eziquka intlawulo, intlawulo enganyanzelekanga, imbuyekezo, ukubuyiselwa kwimeko yesiqhelo yobomi nokwamkeleka. Ngexesha ethetha ne Elitsha okhokela icandelo lezicwangciso nokonyuswa kwengxowa u Juzaida Swain uthe le yenye yeengxoxo abazibamba ekuhlaleni ukujonga impumelelo nendawo eyathi eyasilela kuyo ikomishoni yeNyani noXolelwaniso.

Umxholo we ngxoxo ubojongene nokungalingani kwezoqoqosho nokungalingani kwezentlalo. Loka Swain uthi ezingxoxo kukufumanisa indlela abantu abaziva ngayo nobomi ababuphilayo emva kwe komishoni eyayikhokelwa ngu Archbishop Desmond Tutu.

Ngelixa lengxoxo, iye yagxekwa kakhulu le komishoni ngokungabuyiseli isidima sabantu abamnyama nokuqinisekisa ukuba uqoqosho nabo babengamaxhoba bayabuyekezwa. Olitshantliziyo uKarabo Monatisi uye wathetha ngokungalingani kwezemfundo phakathi kwezikolo zaselokishini nezikolo ezazifudula izezabelungu. Uye waphakamisa nendlela abaphathwa ngayo abo babeqhanqalazela imivuzo e Marikana ngonyaka ka 2012. Abantu abaninzi abathe bahlomla bathethe ngolungalingani kwezoqoqosho ingakumbi umba wokungabuyiselwa komhlaba kubantu abamnyama.

Ukanti izithethi eziye zabayinxalenye yengxoxo nezithe zafumana ithuba lokuhlomla phambi kwenginginya ebizalise iholo yakwa Sivivana , singabala kubo uPhumeza Mlungwana we-Social Justice Coalition, Gcobisa Yani we-Open Stellenbosch, Ayanda Nyoka we-IJR kwakunye Mbali Matandela we-Rhodes Must Fall, ye Yunivesiti yeaseKapa.

Xa bebequkumbela intetho yabo u-Phumeza uye wagxininisa ngelithi  kufuneka uluntu lusebenzise ulwazi oluqukwe kwiingxelo zekomishoni ukufunda ngenkokheli eziselulawulweni kwanendlela ezicinga ngayo. “Kufuneka sisebenzise ezikomishoni nalapho zithe zasilela khona ukuqinisekisa ukuba abantu bakuthi bayaxhamla kwaye iimfuno zabo ziyafezekiswa”, utshilo lo ka Mlungwana. i-SJC yenye yemibutho yasekuhlaleni eyathi yathabatha inxaxheba enkulu kwiKhomishoni yase Khayelitsha eyafumanisa ukungasebenzisani kwabahlali namapolisa. Ukanti uAyanda Nyoka we IJR uye waphakamisa ukusetyenziswa komgaqo-siseko, ukulwelwa amalungelo ezentlalo nezoqoqosho.

Kwelakhe icala uGcobisa Yani we-Open Stellenbosch uye waphakamisa indlela ekufuneka kubuyiselwe ngayo isidima somntu omnyama ingakumbi amakhosikazi antsundu. “Oomama abasebenza ekhitshini eziYunivesiti kufuneka babenesidima ngendlela efanayo ne-Nqununu”, utshilo loka Yani. Egqibezela, uMbali Matandela we-Rhodes Must Fall uye wathetha ngendlela urhulumente athi aqulunqe ngayo ikomishoni ezithi zingezi naziphumo zincumisayo kwabo bachaphazelekayo. “Nangoku kwasekwa ikomishoni yokujonga into yentlawulo kwindawo zemfundo”.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.