Makube chosi kube hele

U Chosi ukholelwa ukuba izixhobo azenzi nto inye kodwa zisebenzela injongo yomnikazi waso. Imifanekiso ithathwe ngu Indie Visuals.

U Lindokuhle Matina owaziwa ngelika Chosi uthi intlobo yesixhobo somculo asinantsingiselo inye, kuye kuxhomekeke kulomntu usidlalayo.

“Izixhobo zomculo wakwantu akusiyonto yakunqula izinyanya kuphela. Ewe ziyasetyenziwa ngabanye abantu njengesixhobo sokunxulumana nazo, kodwa ayiphelelanga apho. Into ixhomekeke kulomntu usidlalayo eso sixhobo ukuba ithini na injongo yakhe ngaso.”

La ngamazwi yenzwakazi yakwaXhosa, isitsho isithi yona ingum-Kristu kwaye iyawathanda futhi iyawahlonipha namawayo, kodwa ukudlala kwakhe uhadi akudibenanga nanto yokunxulumana nezinyanya. Le yenye yempixano nokungaqondi okuxhaphakileyo kakhulu kubalandeli bakhe kumakhasi onxulumano, ngenxa yesingqi somculo wakhe.

U Lindokuhle Matina owaziwa ngo-Chosi, igama lakhe leqonga, yenye yeemvumi zesingqi sesintu apha eMzantsi-Afrika. Eli gama lithi ‘Chosi’ wazinika lona esakubona okokuba ubuhle obebulindwe ngabazali bakhe bufikile ngaye, nto ke leyo amaxhosa athi xa eyicacisa bukhahlela, ‘makube chosi kube hele’.

Lentokazi ina mashumi amabini anesihlanu (25)  ubudala, izalwe yaze yakhulela eGqeberha kwilokishi yakwaZakhele. Kodwa, izifundo zakhe uzenzele kweli lase Ntshona-Koloni, ukuqala kumabanga aphantsi ukuya kutsho kwidyunivesithi e-UCT apho wathweswa khona isidanga kwi-Film and Social Anthropology ngonyaka ka-2019.

Ngokutsho kwalo ka Matina, wakhula ehlala nomakhulu wakhe, onguye owathi wanegalelo ekuthandeni kwakhe umculo. Ayonto aqeqeshelwe kuyo umculo, kodwa wadibana nabahlobo edyunivesithi abathi bavuselela uthando lwesingqi sesintu kuye kwaye bamfundisa nokudlala izixhobo ezifana  nohadi, umrhubhe, umtshingo (Bamboo flute) nenyunga-nyunga (Kalimba /thumb piano). Nto leyo ke ethe yasiphuhlisa nangakumbi isakhono sakhe somculo, ingakumbi isingqi sesintu.

“Mna ndikhuliswa ngumakhulu wam, umntu obesithanda kakhulu isintu. Lonto yandenza ukuba ndisithande kwaye ndizingce ngemvela-phi yam, isintu nobu-Africa. Xa ndiva esisingqi sindikhumbuza kakhulu ikhaya nomakhulu wam, sisingqi esiphuma ngemveli kum ukodlula zonke ezinye iindidi zomculo,” utsho uChosi.

Loka Matina eseqongeni nabo acula nabo. Umfanekiso uthathwe kwikhasi lakhe like Instagram

Lenzwakazi iziphiwo-zininzi akaculi adlale uhadi kuphela, koko uqeqeshwe nasekubhalen, yilonto ekwayiyo nembongi yosiba. Unengqokelela yemibongo eshicilelweyo; i-Black Consciousness Poetry (BCP) kunye nethi-Ukombela (Open Book Festival). Kanti uyawenza nomculo owaziwa ngokuba yi-Rap. Kodwa ke ngokucacileyo esona siphiwo sibalaseleyo kuye nasibeka phambili kunezinye ngulo wesingqi sesintu.

Also read:  Izantyalantyala zemvula zibashiye bengo dingezweni abahlali base Siqalo

U-Chosi wathi wazenza indumasi kukhuphiswano lomculo lukamabona-kude  i-Idols. Ukusukela ngokozange aphinde asuke emilonyeni yeli. Wangenela olukhuphiswano ngengoma awayibhala ngokwakhe u-Ntinga ezidlalela nohadi lwakhe.

Ukungenela kwakhe olu khuphiswano uthi yayingeyonto yayisezicwangcisweni zakhe koko wayefuna nje ukwabelana nokubonakalalisa isakhono sakhe nobuhle nemvelaphi yomntu omnyama kwizwe lonke jikelele. Xa ezichaza uthi ungumntu ongathandi kugxila engxakini kakhulu koko ukholwa kukuza nezisombululo. Ukuya kwakhe kwi-Idols ibisesinye sezisombululo kwingxaki yokunqaba nokujongelwa phantsi kwesingqi sesintu.

U Chosi uthi le yingoma awayibhala ekhuthazwa yingoma ka-Madosini eti Yaka-Yaka ngenjongo zo kukhuthaza iimvumi ezisakhasayo. Ushicilelo luthathwe ngu Alive Somagula
 

Le yeminye yemiqolo kwingoma kaChosi, uthi xa eyicacisa, “U-Ntinga yingoma endayidlala ndicinga ingoma ka-Madosini u-Yaka-yaka ndemka nohlungulwane kwaye ndandifuna ukubhala ingoma ezakukhuthaza iimvumi ezisakhasayo ukuba zingatyhafi  zihlale zinethemba lokuba zisezophumelela zibhabhele phezulu zixelise uhlungulwane.”

Lo ka-Matina uthi ukungenela kwakhe i-Idols kwamvulela amathuba amanintsi kwishishini lomculo, kwaye lwakhula ngokukhawuleza ukhono lwakhe emculweni. Emva kovavanyo lwakhe olwahamba phambili kakhulu, wayesele echwechwelwa ngabantu asele bephumelele emculweni befuna ukusebenza naye. Ndibala wena Prince Kaybee, Kuhle Mda (The Soil) kanti nabenzi-feshini babefuna ukumnxibisa xa esiya kwindawo awayebizwa ukuzocula kuzo.

Uthi xa ethetha, amaxesha amaninzi kunzima ukukhula emculweni ingakumbi kulo wesingqi sesintu kuba abantu benolwazi oluncinci ngawo. Nenkxaso karhulumente ayibonakali ncam kwelicandelo, kwaye inobucedu-cedu nobukhethane indlela yokufaka isicelo senkxaso-mali, kuba ayifikeleli kubantu bonke.

“Nam ndikwiphulo lokukhangela inkxaso-mali kurhulumente ndizoqala isiseko sam sokuxhasa abantwana abathanda umculo nenkcubeko, nokuvula amaziko okwenza oku ekuhlaleni,” utsho uChosi.

Emva kokuphuma kwakhe kwii-Idols wathatha unyaka ehleli phantsi lo kaMatina ezigoca-goca ezikhangela okokuba myalezo-mni lo afuna ukuwuthumela eluntwini nokokuba ungathi ungqamane njani nenkolo yakhe yobu-Kristu.

Also read:  Uqalile umnyhadala wezenzululwazi kuzwelonke

“Umculo endizowenza ukubheka phambili uzokuba ngoka Thixo. Uzawubonakalisa kakhulu uthando lwakhe, indlela angumsimelelo wam nokulunga kwakhe ebomini bam.”

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.