Abanini bevenkile abasuka ngaphandle bathi baphila ubomi bentshontsho

Ezinye zevenkile zabo baphuma kwilizwe lase Somalia eziseKhayelitsha

Abemi abasuka kwilizwe laseSomalia bathi bayangcungcutheka kwilokishi yase Khayelitsha

Ziqikelelwa kwisibhozo ivenkile zabemi  base Somalia ezithe zahlaselwa kwisithuba senyanga nje enye kwilokishi yase Khayelitsha kweli leKapa. Ophuma kumbutho omele abemi belalizwe abakweli iSave Somali Community uAbdi Alas Gure uthi “kubonakala ngathi abakhaya bam abangabanini bamashishini babeke esweni yimigewu”.

Uthi nangona bengewazi unobangela woku kodwa baxhalabile zezi zenzo nekubonakala ngathi ziyanwenwa oko mlilo wedobo.Iziganeko ezihlanu zenzeke kwilokishi yase Siite C kwingingqi yako D esinye eMakhaya ze ezibini zenzeka e Phillipi. Nangona uGure eqinisekile ukuba eli phulo elijoliswe kosomashishini abangabase Somalia, kodwa amapolisa awanakuqinisekisa oku ngenxa yokuxhaphaka kweziganeko zokuphangwa kwamashishini ngokubanzi.

Usomlomo wamapolisa kweli phondo le Ntshona Koloni uColonel Andre Traut uthi “into endingayithetha kukuba ukubulawa kwabanini bevenkile abangababemi baseSomalia eKhayelitsha kukuba befunwa ukuphangwa. Ulwaphulo mthetho lokuphangwa kwamashishini nokubulawa kwabantu kwandile kakhulu eKhayelitsha mva nje.” Loka Traut uthi lukhona ungenelelo olwenziwayo ngamapolisa ukuzama ukulwa nalomkhwa.

Nangona kunjalo u Gure uthi ngaphambili phaya kwakuvamile ukuphangwa zonke ivenkile nokuba zezabemi beliphi ilizwe kodwa ngoku kubonakala ngathi kungqalwe ngqo kwezabemi baseSomalia.

Ukanti kwesinye seziganeko zokuphangwa kwevenkile yalowo waseSomali eSite C wathi wazilwela ngokudubula ngembumbulu ejolise kubaphangi kodwa kwachanwa abantu abathathu ngembumbulu ezazingajoliswanga kubo. Omnye wabo wayeyintwazana eselula eyathi yasweleka.

Isiganeko eso asingazange samkeleke kakuhle kubahlali nabathi bafuna ukuthathela ezandleni umthetho kodwa ngenxa yokungenelela komnini-mzi eqashiswe kuyo ivenkile wasinda.

Omnye wabanini bevenkile kulanginqgi u Mohamed Maalim uthi “sizibona sikwidabi esingakwaziyo ukulilwa thina kuba singamaxhoba kwilizwe eseza kulo sizokukhangela impilo engcono. Ingxaki esihlangabezana nazo ngoku azahlukanga kwaphela kwezo sazibaleka kwilizwe lethu.” Uthi ngumnqweno wakhe ukuba umthetho weli lizwe ubakhusele nabo njengembacu ezikweli ngokusemthethweni.

Usihlalo we Khayelitsha Development Forum, uNdithini Tyhido uthi bazigxeka kabukhali iziganeko zokuhlaselwa kwabemi bamazwe angaphandle nokuba basuka kweliphi na ilizwe. Uthi “singathanda ukuba kubekho ingxoxo phakathi kosomashishini abakule lokishi yase Khayelitsha kungajongwanga ukuba baphuma kweliphi na ilizwe ukuze babonisane ngendlela abangaphuhlisana bakhuselane ngazo.”

Also read:  Imibutho yoluntu ixelele ijaji yokhetshe ngamakakwenze

Inzame zokuqhagamishelana ne Zanokhanyo Business Association yoshomashishini abangabemi beli ithe yaphanza. Ngonyaka ka 2012 omnye wamalungu we Zanokhanyo e Makhaza waye wahambela ivenkile zabemi base Somalia eqokelela imali yekhuseleko ebaxelela ukuba bafuna ukungabi ngamaxhoba entiyo kufuneka bekhuphe imali. I Zanokhanyo yaye yasibhebhetha esi senzo isithi ayazani nalonto yona. Eli phepha liyazi ukuba kukhona ukungaboni ngasonye nokungasebenzisani phakathi kwe Zanokhanyo nevenkile zabemi base Somalia.

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.