Baqhanqalazela ukungabinambane abahlali base Strand

26th September 2017 0

Ngabantu abathathu abaye bafumana umonzakalo logama ishumi elinesithoba libanjiwe ngamapolisa, kubahlali bengingqi zogobityholo ezingqonge iStrand. Ngomvulo umhla wama24 kweyoMsintsi abahali bangene ezitalatweni betshisa amatayala kuhola […]

Abarhaneleka kudlwengulo nokubulawa kuka Sinoxolo bazakuvela kwinkundla ephakamileyo

13th September 2016 0

Bazakujamelana notshutshiso  kwinkundla ephakamileyo yeli phondo le Ntshona Koloni, abarhanelwa kwityala lokudlwengulwa kubulawe intwazana yase Town Two.
Bazakuvela kwinkunda ephakamileyo yeliphondo le Ntshona Koloni abarhanelwa ababini kwityala lokudlwengula kubulawe intwazana eneminyaka elishumi elinesithoba ubudala. Inkundla kamantyi yase Khayelitsha ive ukuba uphando lugqityiwe kwaye ityala likulungele ukuba lingaxoxwa kwinkundla ephakamileyo ye phondo.

Sigxekwa ngokuhamba kancinci iSixeko seKapa ukunceda abo bangamaxhoba emvula ezina ngamandla

11th August 2016 0

Ukungabikho kwemingxunya nemibhobho yogutyulo kwindawo zogobityholo ngomnye wonobangela bezantyantyala zezikhukula zemvula kwingingqi zogobityholo kweli leKapa.
Oku kudizwe nguCeba wakwa ward 89 umnumzana uMonde Nqulwana emva kwemvula ekhokelele ekubeni amakhulu abahlali alale kwiholo loluntu kwingingqi yoogobityholo oo BM eSite B. Oka Nqulwana uthi indawo ekulahlwa kuzo inkukuma phakathi kwezindlu zikwanegalelo ekudameni kwamanzi kuba le nkukuma ayithuthwa ngexesha.