Ii-Athilethi ze-East London Ironman zimemelela inkxaso eyongezelekileyo

Omnye wababethathe inxaxheba kule tumente u Lincoln Matli. Photo supplied

Ukukwazi ukuzithengela ibhayisekile kwakunye nokufunda ukuqubha yeminye yemingeni ejongene ne-Athileti zaselokishini.

uBusisiwe Sintili ominyaka ingama-27 ubudala uhlala eDuncan Village.  Uthi akazange waphosa ukuthatha inxaxheba kugqatso lokubaleka kwidolophu yakhe. Kodwa, xa kwakuqhubeka ugqatso lweStandard Bank Ironman, uSintili uphele ebukela kuphela kuba akanayo ibhayisekile kwaye akakwazi ukuqubha.

Olu gqatso belunezibakala ezithathu (ezibalwa ngokweemayile): kuqalwe ngokuqubha iimayile eziyi-1.2 (1.9km) kunxweme lolwandle iEast London Orient, kwalandela ugqatso lweebhayisekile oluzimayile ezingama-56 (90.1 km) kwaze kwagqityelwa ngokubaleka umgama ozimayile ezili-13 (21.1km). Uwonke lo mgama uqobayo ubungama-70.3 eemayile (113.1km).

Iziko lendaba iSABC linike ingxelo yokuba ugqatso lwamadoda luphunyelelwe yindoda yaseFransi, uRomain Guillaume lwaze olwabafazi lwaphunyelelwa nguJodie Cunnama waseUK okwesihlandlo sesixhenxe zilandelelana.

“Akukho madama okuqubha kawonke-wonke kwilokishi yam apho ndinokufunda khona ukuqubha kwaye andikwazi ukukhwela ibhayisekile kuba zange ndabanayo,” utshilo uSantili.  Kungcono ukubaleka kuba akufunisi zinto zininzi. Nangona ngamanye amaxesha nokubaleka kunazo iingxaki. Kwindawo endihlala kuyo ungakhuthuzwa okanye udlwengulwe, ngoko ke andikwazi ukuzilolonga ebusuku.”

uSikelela  Kakele oneminyaka engama-25 ubudala waseMdantsane usebenza njengonogada wabantu abaqubhayo ngamaxesha athile onyaka.

Ukwangumqeqeshi olivolontiya kwiziko lokuzilolonga lasekuhlaleni. Uye walugqiba ugqatso lwe-Ironman, kodwa wachaza iingxaki anazo ekuthatheni inxaxheba kule migqatso. “Omnye umngeni endinawo umalunga nokuzilolonga. Kufuneka nditye ukutya okukodwa ukuze ndiqhube kakuhle kugqatso ngalunye kodwa ke andikwazi ukufikelela  kuko ngokwezemali. Ngenxa yoko ke ndibanjwe zinkantsi kulo lonke olu gqatso,” uchaze watsho.

Kokwesithathu engenela olu gqatso lwe-Ironman.

Nangona eyinxalenye yeqela leBuffalo City lwezizibakala zintlandlo ntathu elifumana isibonelelo kugqatso ngalunye, uthi imali yesibonelelo ayanelenga. “Inceda kakhulu ukusifaka kugqatso, ukuhlawula umrhumo wokubhalisa, ukusinika ibhayisekile kunye nesuti yokudada. Kodwa yonke enye into uyazifunela. Kuninzi okusafuneka kwenzelwe i-Athileti ngokungakumbi ezo zifana nam zingaqeqeshwanga,” utshilo.

Also read:  Abantwana babhenela kumaqula ongqongopheleyo eKapa

Uthe uye wakulungela kabini ukungenela ukhuphiswano lweentshatsheli lehlabathi kodwa akakwazi ukuya ngenxa yokungabikho kwemali yesibonelelo. Kulo nyaka uye wakulungela okwesithathu ukungena kukhuphiswano lweentshatsheli loMzantsi.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.