Ababefudula besebenza emigodini bathi bazakuqhubeka besilwela imali zabo

Ababefudula besebenza emigodini beqhanqalaza kwisixeko sesaKapa. Umfanekiso uthathwe ngu Mzi Velapi
Cape Town, Western Cape, South Africa

Malunga nekhulu labo babefudula besebenza emigodini nentsapho zabo sebelandulela eli bathathe inxanxheba kuqhanqalazo ebelijoliswe kumagqwetha akwaXulu eKapa ngenjongo zokufaka uxinizelelo ukuba bafumane imali zabo.

Ngonyaka ka 2015 amagqwetha waka Xulu aya enkundleni ephakamileyo eTshwane emele malunga newaka labo babefudula besebenza emigodini nabangazange bazifumane imali zabo noxa inkundla yayi yalele ukuba bazifumane imali zabo ngonyaka ka 2014.

Phakathi kwezinyanzeliso ebebezifuna kukuba amagqwetha akwa Xulu abanike imali engaphezulu kwesigidi ekuthiwa kufanele ukuba iye kubo.

Ngexesha ethetha nabasebenzi enye yenkokheli zabo ababesayakuba ngabasebenzi basemigodini u Bennet Vavi uthe uqhanqalazo lube yimpumelelo kwaye abantu baseKapa bayibonile intlungu yabo. ” Ukuba asifumani impendulo eyonelisayo ku Xulu sizakuphinda sithathe amanye amanyathelo angaphezulu kwala”, ucacise watsho loka Vavi.

Inthetho ka Vavi iye yasekelwa yenye inkokheli uBathini Lubhaxa oxelele aba basebenzi kuba bangapheli amandla nethemba.

Ukanti enye inkokheli uMandlenkosi Shibani uthe abo babesebenza emigodini bayalamba ngelixa imali yabo ihleli emazweni afana neNgilane. ” Yonke imali elapha eMzantsi- Afrika yimali yabasebenzi kwaye iquka imali yethu babesebenza emigodini, kwaye eli lixesha lokuba simanyane silwe ongxowa-nkulu”, utshilo lokaShibani.

Ukanti abamele izimbiwa i Chamber of Mines baye bavakalisa ngenyanga yeSilimela ukuba malunga nesigidi zesigidi ezinthathu ( 3 billion) semali ekufanele iye kwabo babesebenza emigodini ihleli nje ayikolekwa.

Ngexesha lokunikezelwa kwexhwebhu lezikhalazo omele amagqwetha akwa Xulu u Johan Bester uthembise ukuba bazakuluqwalesela uxhwebhu kwaye benze okufanelekileyo.

Amakhosikazi abo baswelekayo  

Emva koqhanqalazo iElitsha iye yathetha namakhosikazi abeyinxalenye yabo bebeqhanqalaza  abana bayeni  abasele  balandulela eli.

Ongunkosikazi womnye wabo babesayakuba ngabasebenzi basemigodini u Nokhaya Mehlo uthi umyeni wakhe waqala ukusebenza emigodini ngonyaka ka 1978 waze wayeka ngonyaka ka 1993. ” Waqala ukusebenza kwimigodi ese Vaal Reefs kodwa uyeke sele eseBeatrix”, utshilo loka Mehlo. Imigodi eseVaal Reefs yeyakwa AngloGold Ashanti kwiphondo lase Mntla- Ntshona ukanti i Beatrix yeyakwa Goldfields e Welkom. Ngokutsho kuka Nokhaya umyeni wakhe u Kholisile waye wasweleka ngonyaka ka 1996 ngenxa yesifo sephepha.

Also read:  Ugwetywe iminyaka eyi-18 ofunyenwe enetyala lentiyo ngokubulala othandana nesini esinye

Abasebenzi basemigodini bathi bafumane isifo sephepha ngenxa yothuli lwasegodini kwaye ezinye imali abazifunayo abo babesebenza emigodini kukufumana imali yesingxephezelo ngenxa yesifo sephepha sasemigodini.

” Bendisandula ukufumana imali engamawaka amathathu kwisebe lezabasebenzi kwiveki ezimbini ezidlulileyo”, utshilo u Nokhaya nothe lemali ibiyeye UIF ( Unemployment Insurance Fund).

” Umyeni wam wandishiya nabantwana abahlanu, kwaye emva koko kwanyazeleka ukuba ndiyofuna umsebenzi. Ndaye ndasebenza e Waterfront kwindawo eyenza izinto zesandla”, utshilo xa echaza indlela asokola ngayo.

uBukelwa Mthana phambi kweofisi yamagqwetha akwa Xulu. Umfanekiso uthathwe ngu Mzi Velapi

Ukanti enye inkosikazi eyaswelekelwa ngumyeni u Bukelwa Nozukile Mthana uxelele iElitsha ukuba umyeni wakhe u Elliot Mthana wagxothwa emigodini ngonyaka ka 1986 emva koqhanqalazo lwabasebenzi. Ngokuka Bukelwa umyeni wakhe wasweleka ngonyaka ka 2009 ngenxa yesifo sephepha emshiya nabantwana abathathu. ” Ukanti ngonyaka ka 1982 waye wawelwa ngumgodi” utshilo loka Mthana.

” Andisebenzi kuba nam ndafumana ingozi ndisiya emsebenzini kwaye ndayifumana imalana kwisebe lezendlela ( Road Accident Fund) kodwa yayingonelanga ukuba ndondle mna nabantwana bam” utshilo lo uneminyaka eyi 57.

Abo babesebenza emigodini banike amagqwetha akwa Xulu iveki yokuba baphendule kwaye ukuba aboneliseki bazakwenza olunye uqhanqalazo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.