Inkqubo kanomathotholo ejongene nabantu abangomama abasebenza emigodini

Owayesenzela uAnglo American Platinum kumgodi wase Khomanani u Binky Mosiane waye wadlwengulwa wabulawa phantsi emgodini ngonyaka ka 2012

Ukusukela kwisigidi seminyaka kwafunyanwa izimbiwa kweloMzantsi-Afrika uqoqosho lwelizwe lwaye lwema ngoshishino lwezimbiwa. Ngexesha lamakholinayali abantu abamnyama bathi banyanzelwa ukuba bayokusebenza emigodini ngenxa yokuba babebonwa njengamakhoboka azakuqinisekisa ukuba abanini bemigodi bayaqhubeka betyeba.

Le meko ichazwa ngasentla ayikohluki kakhulu xa ujonga indlela ushishino lwemigodi olusebenza ngayo. Abanini bemigodi basamisa ngaphambili imali abayizuzayo ngaphezu kwemeko ezamkelekileyo zokusebenza kwaye bahlawula imivuzo ephantsi.

Kumba wesini kwezoshishino lwemigodi kukho abathi abantu abangomama bayakwazi ukwenza nantoni na amadoda akwaziyo ukuyenza. Ngako oko kufuneka bafakwe kuwo wonke amanqanaba wolushishino.

Olushicilelo lulandelayo lwenziwa ngonyaka ka 2014 kwaye lijonga indlela nemiceli-mngeni abajongene nayo abantu abangomama abasebenza emigodini.

Also read:  Imbongi eneziphiwo ezininzi ithi ifuna uluntu lufunde ukuzimela

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.