Imbongi yaseRhini isebenzisa isiXhosa ukufikelela ebantwini

Inzalelwane yaseRhini u Siphelo Dyongman owaziwa ngelika Nqontsonqa. Umfanekiso siwunikwe nguye.

Kule nyanga yenkcubeko eli phepha lizakuphathela iimbongi, abadlali baseqongeni, abaxhentsi kunye nababhali abaphakamisa iilwimi zesintu nabazingcayo ngenkcubeko yabo. Ibali lokuqala lelembongi ephuma kwisixeko sengcwele eRhini uNqontsonqa.

Grahamstown, Eastern Cape, South Africa

Inzalelwane yaseRhini, uSiphelo Dyongman uzicacisa nje ngembongi yosiba kunye nomlondolozi wolwimi lwesiXhosa. Esi sakhono uthi usiqaphele esafunda ibanga lesithathu kwisikolo samabanga aphantsi iFikizolo Primary School eRhini.

” Ndazithandela ukubong kunye nemibongo ndisengumfundi eFikizolo Primary, eRhini. Nalapho kwakukho ititshala eyayifundisa ukuxhentsa, imibongo yesiNtu kwakunye nemdlalo-weqonga. Zange ndibe yinxalenye yalonto ngoko, kodwa ndandisazi ukuba ndingangena ndingakhetha ukubonga,” utsho loka Dyongman nowaziwa ngengama lika Nqontsonqa.

Uthi uthando lwesiXhosa lulo olwabangela ukuba akhethe ukucengceleza ngesiXhosa eqongeni. Wayefuna ufikelela ncakasana kwabona bantu abhekisa kubo umyalezo wakhe, abantu abamnyama. ” Ngaphandle kwalonto ndabona isidingo sokulondoloza isiXhosa, nendikholelwa ukuba lulwimi oluya lusifa kancinci kancinci,” ucacise watsho.

Le mbongi sele ikhuphe amacwecwe amathathu egameni layo, aquka u’ AYINDIM NDENZENI, KULE kunye noANC iingqokelela yengoma ezishicilelwe ngamaxesha awohlukeneyo (mixtape). Ngokuka Nqontsonqa yonke into uyazenzela ngokwake, ukhupha imali epokothweni ngenxa yokunqaba kwenkxaso kunye nabantu abanomdla wokubona isiXhosa silondolozwa ngenkcubeko.

” Ingxaki yinto yokuba abantu xa bexhasa iimvumi, ababhali nembongi sukube bejonge inzuzo ecaleni. Xa bebona ukuba yinto engahoywanga kakhulu, okanye into engazukungenisa mali ababonakalisi mdla.”

Nanku uNqontsonqa ebonga esidlangalaleni edolophini eBhayi. Olushicilelo siluthathe ku youtube kwaye lwalufakwe ngu Pumza ” Madiya” Sibindi.

Loka Dyongman uxelele iElitsha ukuba zange afumane inkxaso neyaluphi na uhlobo kurhulumente, okanye kumasipala iMakana eRhini apho ahlala khona. Kodwa lonto ayimenzi ethe amandla, unethemba lokuba ekugqibeleni ikho into ezakude yenzeke.

UNqontsonqa ukhe wasebenza nemvumi yaseZimbabwe, nesele yazinza kweli loMzantsi Afrika uBerita kwicwecwe layo lokuqala. Babesebenzisana kwingoma ethi “Wenziwe”, neyafumana ithuba lokudlalwa kumajelo osasazo aquka iTru FM, UMhlobo Wenene FM kunye neMetro FM.

Ukusukela apho uye waziwa nangakumbi uNqontsonqa nje ngembongi, wasebenza kunye nezinye imbongi eMpuma-Koloni naseNtsona-Koloni. Into esamkhathazayo kukuba akakaboni iimbongi zinikwa ingqwalasela okanye intlonipho eziyidingayo.

Also read:  Ii-Athilethi ze-East London Ironman zimemelela inkxaso eyongezelekileyo

” Andikaneliseki ncam yindawo ezikuyo iimbongi zesiXhosa. Ndingathanda ukubona isiXhosa sipha enkcochoyini, imibongo yethu idlalwe kakhulu kunomathotholo. Sivele kumabonakude nakumajelo endaba angasincedayo ukuba sifikelele kubantu abaninzi,” utshilo uNqontsonqa.

Le mbongi ithi ifuna umyalezo wayo ufikelele kubantu abamnyama. Umfakeniso usuka kuye.

Le mbongi ayithandi ukujonga ukuba ezinye iimbongi zenzani. ” Ndiqwalasela mna ukuba kumaxa ndindawoni na. Ingaba kulapho bendicinga ukuba ndizakube ndikhona ngelixesha ebomini bam. Kodwa ke zikhona ezinye iimbongi ezenza umsebenzi oncomekayo nomahluko kwiindawo ezihlala kuzo,” utshilo.

Iimbongi akhe wasebenza nazo ndingabalula uSimbone, Bhodli’Ngqaka, Abantu, Capital Effect nabanye eMpuma Koloni, Ndlulamthi noZanzolo baseNtshona Koloni.

Kuvamise ukuba yinto enzima ukufumana iindawo zokusindleka imisitho yeembongi okanye yenkcubeko ezilokishini. Kodwa uNqontsonqa yena akakafumani bunzima kakhulu xa ezakubamba umsitho wakhe.

“Into endifuna ukuyenza ndiyaqiniseka ukuba ndenza nantoni na ukuze yenzeke. Umnqweno endisenawo kukwenza ukhenketho lweMpuma-Koloni yonke okanye ndenze umsitho ozakubanjwa minyaka le.”

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.