Ziyabetha-bethana izimvo zokukhawuleziswa kwento yomhlaba eHermanus

Umfanekiso obonisa umhlaba wase Schulphoek. Umfanekiso usuka ku Facebook.

Iinkokheli zabahlali norhulumente bayaphikisana ngokuba makukhawuleze kangakanani ukuthengwa nokunikezwa ngomhlaba.

Hermanus, South Africa

Nangona sekutyikitywe isibambathiso sokuba urhulumente uzakujonga imihlaba ekhoyo kuquka nomhlaba okufutshane nelokishi yaseZwelihle ngenjongo zokwakha izindlu, ziyabetha-bethana izimvo zenkokheli zoluntu nabo basemagunyeni ngokuba kuzakwenzeka nini oku.

Le mpikiswano ilandela uqhankqalazo olwenziwe ngabahlali base Hermanus kutshanje nolwathi lwabangela ukubanjwa kwabantu abangamashumi amathandathu anethoba ngethuba bezama ukuthathela kubo umhlaba kwintsuku ezingaphambi kwePasika.

Ngomhla we 17 kule iphezulu iqela elijongene nalomba eliquka iinkokheli zabahlali, umasipala we Overstrand ,urhulumente weNtshona-Koloni nokazwelonke baye batyikitya uxwebhu oluzakuba sisiseko esiqinisekisa ukuba kuza kujongwa ngokukhawuleza umba wemihlaba ekhona kuquka iSchulphoek esondele kwilokishi yase Zwelihle ngenjongo zokwakha izindlu.

Ethethela abahlali njengenye yenkokheli owayefudula enguceba u Sicelo Gxamesi uthi imihlaba emininzi yaye yathengiswa ngumasipala wase Overstrand ngoku kufuneka urhulumente wephondo ephinde wayithenga kumnini wabucala. “ Andazi nokuba abazange bacinge ukuba izakukhula na ilokishi kodwa imihlaba emininzi apha yaye yathengiswa,” utshilo okaGxamesi.

Phantsi kwesivumelwano okaGxamesi uthe bakwavumelene ukuba omnye umhlaba ongakwindawo yokulahla inkunkuma ebizwa ngokuba yiMop (Marikana) izakuthi ilungiswe ukwenzela abo bangenandawo zokuhlala baqalise ukumisa amatyotyombe wabo. “ Silindele umasipala ukuba awulungise kwakulempela-veki (19/20 kuCanzibe) kwaye kufakelwe amanzi nezindlu zangasese,” utshilo okaGxamesi owayenguceba wombutho ka Khongolose kwi-Wadi yesihlanu.

Ukanti ugalele amanzi ophuma kumbutho (proportional represantative) we Democratic Alliance uLindile Ntsabo ngelithi yonke lento izakuthatha ixesha. “ Into yendawo yethutyana ayonto izakwenzeka kwamsinyane, kusafuneka kulungiswe lamhlaba ukuba ulungele ukuhlalwa kwaye into yeenkonzo nayo iyakuthatha ixesha,” utshilo oka Ntsabo.

Uphinde walumkisa loka Ntsabo ukuba into yokuthengwa komhlaba nayo izakuthatha ixesha elide noxa yena oka Gxamesi ethe yinto ezakukhawuleza kuba umnini-mhlaba sele evumile ukuwuthengisa umhlaba, koko kusaphicothwa ixabiso.

Ukanti oKaGxamesi uthe bazakuqinisekisa ukuba abantu abasemgciphekweni yokungabina ndawo zokuhlala bazakufumana indawo kulendawo yethutyana nabantu abafaneleke ukuba bafumane kwindawo yase Schulphoek. “ Iinkokheli zasekuhlaleni kungokunje ziqinisekisa ukuba abantu ababhalisileyo ngabo ngokwenene kwaye ngabantu abaphila kwimeko enjani. Kukho abantu abatyunjelwe ukuba bajonge istrato ngesitrato,” utshilo oka Gxamesi.

Also read:  Otyholwa ngokubulala itsha-ntliziyo lomzabalazo womhlaba ufumene ibheyile

Ingxelo eziphuma ku News24 zithi kukho abo bathi lamagama athathwa ngempela-veki yepasika abantu bengekho kwaye boyikisela ukungenelela kwemibutho yezopolitiko.

Kulindeleke ukuba kubekho iintlanganiso kule veki ezizakuphicotha umba wokuthengwa komhlaba nokulungiswa kwalowo wethutyana.

 

 

 

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.