Sekuphele iminyaka elishumi zivaliwe indawo zoshishino eKuyasa

IsiXeko sithi kukho inkokheli zasekuhlaleni zaseKuyasa ezinqanda kwaye zibagrogrisa ukuba bangafaki bantu kwezindawo zokushishina. Umfanekiso ngoka Sinethemba Mbewana

Nangona kwachithwa ikhulu elinamashumi asibhozo ezigidi zerandi (R180million) kwisikhululo sikaloliwe sase Kuyasa kodwa indawo zoshishino zisavaliwe.

Isixeko saseKapa sityhole ezinye inkokheli zase Kuyasa ngokuvalwa kwendawo zoshishino ebekumele ukuba ziyasetyenziswa. Ezi ndawo zineminyaka elishumi zingasetyenziswa. Ngokuka Grant Twigg olilungu likaSodolophu, isixeko siyathintelwa zezinye iinkokheli ekubeni kunikwe abathengisi kunye namashishini ezindawo zoshishino.

“IsiXeko siyathintelwa ekubeni sinike abahlali abathengisayo kunye namashishini ngabantu abazinkokheli zasekuhlaleni abathe gqolo ukoyikisa amagosa esiXeko kunye nababoneleli beenkonzo abatyunjiweyo kulo mmandla,” utshilo uTwigg.

Indawo zokuthengisa kwesi sikhululo sikaloliwe saseKuyasa sakhiwa ngonyaka ka 2008. Ngokuka Twigg, ezindawo zokushishina zokhiwa njengenxalenye yesikhululo sikaloliwe saseKuyasa kunye nesakhiwo sezithuthi zikawonke-wonke.

“Ezi ndawo zoshishino beziyinxalenye yophuhliso lukhulu olwathi lwafikelela kwikhulu elinesibhozo lwezigidi zerandi  (R180.000000).” Akakwazanga ukutsho ukuba yimalini ethe yachithwa ekwakheni iivenkile zentengiso zodwa.

Uceba weWadi 95, u-Andile Lili akavumelani nesiXeko njengoko ekholelwa ukuba eyona ngxaki iphambili kukuba isiXeko sifuna ezindawo zoshishino zisetyenziswe ngabahlali bakwezinye iindawo.

““ISixeko sifuna ukuba ezi venkile zisetyenziswe ngabantu abavela kwezinye iindawo nangaphandle kweKhayelitsha. Asizukuyivumela lonto ngoba kukho abantu base Kuyasa aba neminyaka belindile ukuba ezindawo zoshishino zivulwe,” utshilo uLili.

Lo ka Lili, nolilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo ngaphantsi kwe-African National Congress, utyhole isiXeko ngokurhuqa iinyawo kulo mba. “Oko zakhiwa, abantu bafaka izicelo zokusebenzisa ezi ndawo zoshishina kwaye basalindile nanamhlanje, iSixeko saseKapa kufuneka sibeke isaziso malunga nokufumaneka kwezindawo kodwa andiboni isiXeko sizizmisele ekwenzeni oko,”utshilo uLili.

Abo bashishina kufuphi nezindawo bathi zikude kwindawo ehamba abakhweli kwaye kufuneka kuqinisekiswe ukhuseleko. Umfanekiso ngoka Sinethemba Mbewana

UNosana Mamkeli othengisa iziqhamo kunye nemifuno kwisikhululo sikaloliwe uthe lendawo zikuyo ezi ndawo zoshishino zikude apho abakhweli bakaloliwe bahamba khona. “Izitali zikude kakhulu ekungeneni kwesikhululo sikaloliwe kungenxa yalonto singenakukwazi ukuzisebenzisa nokuba zingavulwa,” utshilo uMamkeli.

U-Asavela Kewu,  oneshishini lokoja, ungqinelene nombono kaMamkeli ngendawo ezikuyo ezindawo zokushishina. “Ukuba irenti izakufikeleleka bendizakuzisebenzisa  ezi ndawo kodwa ingxaki kukuba zikude,” utshilo.

Also read:  Umthetho omtsha wokwaluka uzakuqinisekisa uba uxanduva luyathathwa

Abarhwebi baseZimbabwe, uGodingo Zinhiva kunye noManatsa Banga, baneshishini lokudibanisa intsimbi kufuphi nesikhululo sikaloliwe,  bathe  bangathanda ukusebenzisa indawo zoshishino ukuba nje ukhuseleko lungaqinisekiswa kwisikhululo sikaloliwe.

Ngenxa yokuba zingasetyenziswa ezi ndawo ziye zonakaliswa kwaye kuzofuneka zilungisiwe ngenye imali. IsiXeko sithi iindleko zokugcina iindawo zentengiso ziyakuthi zifumaneke ekupheleni kwenyanga yoMsintsi.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.