Imbongi ithi ukubonga yinto anoyikhetha ngamaxesha onke

Le mbongi ithi isebenza kwincwadi yayo yemibongo kwaye uncediswa nguSindiwe Magona. Umfanekiso siwunikwe nguye.

Imbongi esaze ngobuso ezweni ithi iyakuthi gqolo ikhetha ukubonga ngawo wonke amaxesha.

Apho ndisuka khona ukudlwengulwa lisiko,

Asimangali , asibambisi ityala silixoxa isikhaya

Umdlwenguli uxolisa ngebhokhwe

Siyixhelela nesikhalo sayo

Imbelek’ ityelw’ esibelekweni”

Lo ngumqolo weminye yemibongo ka Siphosethu Qhawekazi Phikelela othetha malunga nokuxhatshazwa kwamanina kunye nabantwana ngokwesondo. Lombongo ubonisa ubungozi bokuqunywa kwamanyala ngokuthatha ingxaki ezifuna umthetho namapolisa zithethwe isikhaya nethi ibe nemiphumela kumaxhoba.

Lentwazana inamashumi amabini anesihlanu nebi bhiyozela imini yayo yokuzalwa kwezi veki zimbini ziphelileyo, yazalelwa eKnysna kweli le Ntshona Koloni.

Eligama lika Siphosethu waliphiwa ngabazali bakhe bembona njengenkanyezi ezokhanyisa elizweni liphela. Igama lakhe leqonga waziwa ngokuba nguQhawekazi Lokuqala.Ukhule ebizwa ngokuba nguMposhy ngabantwana akhule nabo.Lo kaPhikelela ukhuliswe ngumama wakhe kuphela ebunzimeni.

“Kukho amaxesha apho bendikhe ndiye esokolweni ndingatyanga kodwa athi umama xa uphakathi kwabanye abantwana abanxibe esisinxibo usinxibileyo sesikolo akukho namnye ozokwazi umke utye ntoni ngexesha lesidlo sakusasa”, la ngamazwi kaSiphosethu ebalisa ngobunzima akhulele kubo.

Indlela akhuliswe ngayo uSiphosethu khange ibenefuthe elibi ekukhuleni kwakhe, ukhule engumntwana ozixeleleyo ngobomi okanti okwanawo namaphupha njemngamntwana wonke.Uphumelele ibanga leshumi ngonyaka ka 2012 kwisikolo iPercy Mdala High eKnysna ephuma ngesimboli uB. Le yabayimpumelelo yakhe yokuqala le uMposhy.

Kunyaka olandelayo waya kumhlaba waseKapa ngenjongo zoyokufunda kwidyunivesithi i Cape Peninsula University of Technology, CPUT, kodwa ngenxa yemali kwanyanzeleka abuyele ekhaya.Yamphatha kakubi kakhulu lento kuba wayecinga ukufunda kwakhe kuzonceda uphucula nokuphelisa indlala ekhayeni lakhe, utshilo lokaPhikelela nongumzali kwintombi enenyanga ezilithoba ogama linguSaphiwa.

Wathatha ikhefu ezifundweni zakhe unyaka wonke, kulapho lwaye lwakhula khona  ngakumbi uthando ekubhaleni imibongo. USiphosethu uqale ukubhala imibongo eneshumi elinesithathu. Umbongo wakhe wokuqala wawunemiqolo nje emithathu.

Igama ndinguMposhy//Ndithanda istoki//Ndiqhuba ilori”.

Uthi wazibona ukuba unesiphiwo sokubhala emveni kokuba umama wakhe wayengenamali yokumthengela impahla ezintsha zekrisimesi. Wathatha usiba nencwadi waphalaza imbilini yakhe ephepheni kwaye usukela ngoko uthi zange aphinde ayeke ukubhala.

Also read:  Abafundi abangamantombazana banqwenela amalatshana angaphantsi abe khona lonke ixesha

“Ndiyakuthanda kakhulu ukubhala nokuba umbongo uwumnandanga ubalisa intlungu kodwa ndiyakhululeka ndive kuthe xibilili apha emagxeni,” ucacise ngelitshoyo loka Phikelela.

UQhawekazi ngumsunguli we iMbewu Book Club kunye noDonald Phuza, bavule leklabhu ngenjongo zokubuyisela eluntwini oku banako, bekwafuna ukukhuthaza nabantwana abancincane abanesiphiwo sokubhala kunye nesokubonga.

Uthi indlela yakhe ekubongeni imnika ithemba elikhulu kuba uyakwazi ukukhuthaza abanye abantu ngemibongo ayibhalayo kwaye lonto imenza achulumance kakhulu. Kusisiqhelo ukuba u Qhawekazi angqungqe kumaqonga afana ne Guga’sthebe kwaLanga okanye eZolani Centre eNyanga, rhoqo ngempela-veki.

Umhla weshumi elinesibini kwinyanga yoMsintsi ngonyaka ka 2015 uthi ngumhla apha angasokuze awulibale ebomini bakhe. Wakhuphisana nezinye iimbongi ezidumileyo kwi Open Book Festival eyayibanjelwe eFurgard Theatre nawenza kakuhle kuyo. UQhawekazi waphumelela indawo yesibini kwelokhuphiswano.

“Ndiziva ndibalulekile nanamhlanje, xa kunothiwa mandikhethe phakathi kobonga nenye nje into ngekhe ndithandabuze”, utshilo uMposhy echaza indlela ayithanda ngayo lento ayenzayo.

Lo kaPhikelela unemibongo emininzi kakhulu eminye yayo iyafumaneka kwincwadi iMbewu Yesini Poetry Collection nakwi Converse (translated poems).UQhawekazi uyayithanda kakhulu incubeko yakwaXhosa kungako imibongo yakhe emininzi ibhalwe ngolwimi lwakhe lwenkobe.

UQhawekazi unecwadi yakhe yemibhongo axakeke yiyo ngoku nathemba ukuba ingaphuma kule izayo inyanga okanye ekuqaleni kwalo uzayo unyaka. Ngokutsho kwakhe lo ka Phikelela uncediswa nguSindiwe Magona ekukhupheni lencwadi yemibongo yakhe.

Le ncwadi uthi ujoilise kakhulu ekuxhatshazweni kwamanina nabantwana ikwachukunyiswe kuhlukunyezwa kwakhe ngumntu awayencuma naye.

Kulencwadi ukwaveza nembali yoNongqawuse , uthi ufuna ukuveza umlando ongaziwayo ngabantu njengomntu omtsha obhinqileyo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.