Isixeko asinasingcwangciso sokuphuhlisa indawo yamatyotyombe angakwindlela iBaden Powel

Abankxusi baseKhayelitsha baqala ukuhlala kule ndawo ngenyanga yeSilimela ngo 2018 ngexesha apho abantu babethatha umhlaba. Umfanekiso nguSinethemba Mbewana

Njengoba inkqubo yokuphuhliswa kwamatyotyombe ingumgaqo-nkqubo ka rhulumente, isixeko saseKapa sithi asizukubabonelela ngenkonzo abahlali base Azania Square

Abahlali basematyotyombeni ase caleni kwe Baden Powell Drive e Khayelitsha kuzofuneka bajongane nokunga fikeleleki kwenkonzo zesiseko njengoba isixeko sase Kapa “singena zicwangciso zokubabonelela ngenkonzo”.

La matyotyombe asecaleni kwe lwandle lwase Monwabisi aqalwa nge nyanga yeSilimela kunyaka ka 2018 ngexesha ukuthathwa komhlaba ngenkani eMzantsi Afrika kwakuxhaphakile. Le ndawo yenziwe zindawo-ngendawo enye yaziwa ngokuba kuse Vosho enye yi Nkandla.

Abanye babantu ababengaba nkxusi kwii ndawo ezahlukeneyo zase Khayelitsha. Aba bahlali sebenento engaphezulu konyaka behlala apha ngaphandle kwendawo yangasese, amanzi kunye nombane. “Abantu bathi beza bazokuhlala kule ndawo ngoba babona umhlaba ongenamntu kwaye abantu abalapha babengakwazi umelana namaxabiso wo renta bathi ke baqalisa bacheba ingca ne mithi eyayilapho ukwenzele bazokwazi umisa amatyotyombe,” utsho u Zoleka Tawo ongomnye we nkokheli zasekuhlaleni.

Ukungafikeleleki kwa manzi kulama tyotyombe kungumthwalo owongezekileyo kubantu abangabafazi njengoba kufuneka behambe umgama omde bethwele amanzi ngamapheyile. “Aba bakude kunendawo enamanzi kufuneka bevuke ngentsimbi yesihlanu ekuseni bahambe bayokha amanzi kwimpompo,” utsho u Tawo.

Ngokutsho kwabahlali, isixeko sase Kapa sasidla ngothumela amagosa womthetho ukuba ayo diliza ‘amatyotyombe angenabantu’ kodwa abantu babengapheli mandla koko beqhubekeka ngokwakha kwakhona. Ngoku abahlali sebahlala kula mhlaba kwaye bathi bafuna iinkonzo ezisisidingo kwisixeko.

Ilungu leKomiti lesigqeba esijongene nokuHlaliswa kwaBantu kwesi sixeko uMalusi Booi uthe isixeko abanzimiselanga ukuzisa iinkonzo ekuhlaleni.

“Ukubonelelwa ngeenkonzo kulo mhlaba ayonto eyayi cwangcisiwe sisi xeko, kungako ingafakwanga kuhlahlo-lwabiwo mali. Kwahlalwa ngokungekho semthethweni kula mhlaba yabe iyindawo engafanelekanga ukuba ingahlala abantu,” utsho uBooi.

Uceba uBooi wongezile wathi kumele benze izinto ngokwezicwangciso njengokuba kukho uluntu ekudala lulindile kwaye kufuneke lufumane iinkonzo kuqala. “Iindawo zabahlali ezintsha ezisandula ukubakho zonke zibanga iinkonzo kodwa ngoku isixeko asikwazi ukuhoya izidingo zezi ndawo zibekwe ngesinyanzelo njengoba kudala kukho amatyotyombe ekudala ekhona kwaye ekudala esaziwa kwaye kufuneka ibengawo abekwa phambile ngenxa yenkonzo ezingekho ninzi.”

Also read:  Inkwenkwana eneminyaka emibini ibulewe ngokumasikizi eKhayelitsha

Kudliwano ndlebe ne Elitsha, abahlali bathe bazibona bengakhathalelwanga sisi xeko, uYonela Ntingisa ungomnye wabokuqala abathi bahlala phaya. Uthe ubomi bunzima kula ndawo kwaye yena njengomntu onevenkile, umbane wakhe wawufumana ngokuthi yena nabanye babhatale umntu ukwenzela abafakele umbane.

“Ndinombane kuba ndingenayo enye indlela, ndinesi tokhwe evenkileni ebesizomoshakala ukuba bendingenambane kwaye ndinayo ne generator ngoba bakhona abantu abake basiqhawulele umbane kuba besiba iintambo ezi zombane,” utsho uNtingisa.

Xolani Koti okwangumhlali uthe abantu bancamele ekuzenzelelni iinzame kuba bengafumani iinkonzo ezisuka kwisi xeko. “Abantu abangenambane bakhanyisa ngama khandlela, abanye bagrumba imingxunya esantini bazenzele indawo yangasese njengoba kusenziwa ezilalini,” utshilo.

Ngelixa ubuninzi baba hlali abathethe ne Elitsha bebe thetha ngokungabikho kwenkonzo ezifana na namanzi, ucoceko kunye nombane, abanye baxhalabela umba wokhuseleko.  “Ingxaki kuba mnyama kakhulu ebusuku apha kwaye andizange ndayibona imoto yama polisa ihamba apha kodwa ndike ndiyibone kuleya indlela kudala ikhona,” utsho uNoxolo Ndamase.

Isithethi sama polisa ase Harare, ukaputeni Siyabulela Vukubi, usiphikile esi sityholo. “Amapolisa ayaya e Vosho ayokugada, ingakumbi xa ehamba ngemoto eziphakamileyo. Isanti ayisiniki ngxaki kwezi zithuthi,” utshilo u Vukubi.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.