Ayenyuka amaxabiso etaxi kule veki izayo

Imibutho yetaxi phantsi ko SANTACO eNtshona-Kapa ibhengeze ukwenyuka kwamaxabiso etaxi. Umfanekiso ngu Mzi Velapi

Imibutho ye taxi ithi ukwenyuka kwa mafutha enqwelo-mafutha ayisiso sodwa isizathu sokwenyuka kwamaxabiso etaxi

Abakhweli betaxi eNtshona-Kapa bangalindela ukunyukwa kwamaxabiso okukhwela ukusukela kule veki izayo. Oku kubhengezwe ngumbutho we taxi kazwelonke eNtshona- Kapa i South African National Taxi Council, (SANTACO) ngelixa ubuthetha nabe ndaba ngoLwesine. Ngexesha efunda ingxelo ebhaliwe, unobhala we SANTACO eNtshona-Kapa u Nelson Mayezana uthe ukwenyuka kwamafutha wenqwelo-mafutha ayikuko kodwa okubangele uba iinqila ezisibhozo zeliphondo zithathe isigqibo sokuba zinyuse amaxabiso we taxi.

” Sifuna ukugxininisa ukuba uxinizelelo lokwenyuka kwamafutha wenqwelo-mafutha ayikuko kodwa okubangele ukuba sinyuse amaxabiso. Umnini wenqwelo-mafutha kufuneka axwaye uxanduva lokubathala imoto, ukubhalisa imoto ibesendleleni, ukulungisa imoto, ukubhatala umqhubi, ukubathala abo basebenza erenkini, nabavula umnyango we taxi kunye nemali ebhatalwa kwimibutho yetaxi,” utshilo lo ka Mayezana.

Ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka amafutha wenqwelo-mafutha sele enyuke izihlandlo ezintathu kwaye kulindeleke ukuba aphinde anyuke kule nyanga izayo. Lemibutho ikwathe liyenyuka inani labantu abathathelwa iinqwelo-mafutha zabo ngamaziko wogcino-mali kuba bengakwazi ukubhatala ngenxa yamaxabiso aphezulu wamafutha wenqwelo-mafutha.

Umbutho kazwelonke eNtshona-Kapa ukugxininisile ukuba ulonyuso lwamaxabiso lwenziwa yimibutho nganye-nganye, kwaye oku kuxhomekeka kwimizila ehamba kuyo, imigama eyihambayo, ubuninzi babakhweli, iimeko zendlela kunye nokuba abakhweli bangakwazi ukuyibhatala imali leyo konyuswa ngayo.

Imibutho yetaxi iCata ne Codeta bevakalisa ukuba amaxabiso etaxi ayenyuka kule veki izayo. Video produced and edited by Mzi Velapi

Imibutho emibini emikhulu eNtshona-Kapa esoloko ijongene ngezikhondo zamehlo i Cape Amalgamated Taxi Association (CATA) kunye ne Cape Organisation for the Democratic Taxi Association (Codeta) ivakalise ukuba amaxabiso azakwenyuka nge R2 kwindawo zika Codeta ne R3 kwindawo zika Cata. Kodwa lemibutho itshilo ukuba ikhona imizila ezakuthi iyinyuse ngaphezu kwezimali zikhankanyiweyo.

“Nathi asenzi ngamabom, koko yimfazwe eqhuba kwilizwe lase Iran ebangela oku,” ucacise ngelitshoyo usihlalo we Codeta u Nceba Enge.

Also read:  Baqhanqalazela ukungabinambane abahlali base Strand

” Amaxabiso asekuhlaleni azakunyuka ngo Mvulo ngelilixa awemigama emide kulindeleke ukuba enyuke nawo kule veki izayo. Abantu abaqesha itaxi baye baqalise ukuza ngoLwesibini kuthi kuba belungiselela ukuphuma ngoLwesine,” utshilo lo ka Enge.

Ezo zihamba imigama emide eya eMpuma-Kapa izakwenyuka nge R150 ukusuka kwiwaka le randi (R1000) ukuya kwiwaka elinekhulu namashumi amahlanu erandi ( R1150) xa uzehlela ungazukubuya.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.