Abahlali baseKhayelitsha bafuna indlela zokuphelisa ulwaphulo-mthetho

Abahlali baseKhayelitsha necandelo lamapolisa ajongene nokuhlala ngexesha lengqungquthela ibibanjwe eFalse Bay College ngolwesine. Imifanekiso ithathwe ngu Nobathembu Ndzengu.

Ufakelo nokulondolozwa kwee-khamera ze-CCTV kunye nezibane, uqeqesho lwamapolisa ngokuphatha amatyala okuxhatshazwa kwabantu emakhayeni wabo kwakunye nokuqalwa kwee-ofisi eziphanda ulwaphulo-mthetho kube zezinye zezisombululo ezicetyiswe ngabahlali baseKhayelitsha kwingqungquthela yokusabela iingxaki zabahlali kulwaphulo-mthetho ebibanjelwe e-False Bay ngosuku lokubhiyozela ulutsha.

Le ngqungquthela ibiququzelwe yi-Khayelitsha Development Forum, ibiquka abahlali baseKhayelitsha, urhulumente wephondo, kunye necandelo elijongene nokuhlala lamapolisa. Oku kuza emva kokudutyulwa kwabantu abaninzi ngexesha elinye kule lokishi yaseKapa.

Ngokwe nkcukacha-manani ebenikezwelwa nguMajor-General Vincent Beaton, kwinyanga kaTshazimpunzi kulo nyaka uphelileyo neyo Kwindla kulo nyaka, ngamatyala angamashumi amathathu anesithandathu anxulumene nokudutyulwa kwabantu ngobuninzi. La matyala ahambelana nabantu abangamashumi asibhozo anesithandathu abathe basutywa kukufa ngale ndlela.

Loka Beaton uchaze ukuba ukubulawa kwabantu, ukuxhatshazwa kwabafazi, ulwaphulo-thetho olunobundlobongela lwenzeka kakhulu ngempela-veki, kwaye utywala bunendima enkulu obuyidlalayo.

Umphathiswa wamapolisa uye wanikezela ngezithuthi ezilishumi kwizitishi zaseKhayelitsha.

Le ngqunguthela iye yohlulwa yazikhomishini ezintlanu ezijongene nendlela yokuqinisekisa ukuba abahlali bayinxalenye yokuzisa isipolisa esiphucukileyo, indima ethi idlalwe yimeko abantu abaphila phantsi kwayo, imeko ejongene nendawo abantu abahlala kuyo kunye nokuxhatshazwa ngenxa yesini. Zonke ezikhomishini bezijongene nezimeko nendlela ezibangela ulwaphulo-mthetho kunye nendlela ezinokuqanda ngayo ulwaphulo-mthetho.

Ngexesha kunikezwa ingxelo emva kokudibana kwekomishini, owayesakuba ngumphathiswa wezokhuseleko eNtshona-Kapa, uLeonard Ramatlakane, nobekhokela enye ikhomishini, uthe abahlali bathi abawathembanga amapolisa kuba ayakwazi ukuhlebela izikrelemnqa ukuba ngubani obampimpileyo. Lekhomishini icebise ukuba kubekho indlela yokukuqanda oku ngokuthi izinto ezikumila kunje zaziwe ngamapolisa athile kuphela. Kusenjalo baye bacebisa ukuba abo be Neighbourhood Watch babonelelwe ngurhulumente.

Enye ikhomishini ebikhokelwa ngulowo uphethe iAfrican Centre for Security and Intelligence Praxis (ACSIP) uEldred De Klerk, ithe indlala nemeko yokuhlala ibangela ukuba abantu bangaziboneli ntweni kwaye nenkonzo ezinekezwa abahlali baselokishini azikho kumgangatho omnye nezo zinikezwa abantu abahlala kwindawo zabantu abanemali. Lekhomishini iye yaveza ukubaluleka kunye nokungxamiseka kwento  yezithuthi zika wonke-wonke ezikhuselekileyo kwaye ezifikelelekayo kubantu abahluphekayo.

Also read:  Inkwenkwana eneminyaka emibini ibulewe ngokumasikizi eKhayelitsha

Owayengukhomishinari wamapolisa eNtshona-Kapa uMzwandile Petros ebekhokela ikhomishini ecebise ukuba kubuyiselwe ii-ofisi zolwaphulo-mthetho kwizitishi zamapolisa. Le-ofisi yenzelwe ukuba amapolisa alindele ukubizwa ayokuqanda okanye aphande ulwaphulo-mthetho. Lekhomishini iye yachaphazela ukufakelwa kwekhamera nayo.

Ukufakelwa kweekhamera kuxhaswe yikhomishini ebikhokelwa ngu-Alastair Graham osebenzela isiXeko seKapa. Abahalali baphakamise ukulungiswa kwezibane njengenye yezinto ezinokuthintela ulwaphulo-mthetho. Bacebise ukulungiswa kweendlela ngokuvala imingxunya esendleleni njengoko zikhokelela ukuqweqwediswa kwabaqhubi bemoto.

Ikhomishini ejongene nokuxhatshazwa ngokwesini icebise ukuba amapolisa afumane ingqeqesho ngokumelana nolwaphulo-mthetho olwenzeka endlini kwaye amagumbi axhasa amaxhoba ahlale evuliwe. Osebenzela I Abigail Women’s Movement, uNonzame Sili uchaze ngelithi amaxhoba kufuneka ayazi kuba kufuneka ayephi xa efika esitishini ngoba iyingxaki into yokuba bamane bethunyelwa kubantu ngabantu, bengafumani uncedo.

Impendulo zika Bheki Cele

Ngexesha ebephendula iingcebiso zekhomishini, ongumphathiswa wamapolisa uBheki Cele uye wagxeka kabukhali isiXeko seKapa ngokungahoyi iilokishi. Loka Cele, uthe uninzi lwezibane zaseKhayelitsha azisebenzi. “Isibane esikufutshane nalapho kwagetyengwa abantu abasithandathu ngenyanga kaCanzibe sasingasebenzi, kwaye oku kungasiso isizathu esabangela ukuba babulawelwe phayana. Ukuba yayisebenza la khamera ngesasibambe  ngemini elandelayo abo bophula umthetho,” utshilo uCele.

“Kwiminyaka edlulileyo kukho ipolisa elathi ladutyulwa eSite B phantsi kwekhamera kodwa sathi xa sasifuna ushicilelo zange silifumane ngoba yayiseneminyaka esithandathu ingasebenzi lo khamera,” ucacise ngelitshoyo.

Kumbandela wezibane, isiXeko saseKapa siye sathwalisa uxanduva kubusela nokonakaliswa ngabophuli-mthetho. “Indawo yaseKhayelitsha nezinye indawo apha kwisiXeko siye safumana ukwenyuka kwezinga lobusela, ukonakaliswa kunye nabo bazifakela umbane ngokungekho mthethweni. Le lokishi yaseKhayelitsha yenye yendawo apho silungisa ukonakaliswa umhla nezolo,” utshilo okhokela ikomiti yamandla kwisiXeko uBeverly van Reenen.

“Sithetha nje zingamashumi amathathu anesine iikhamera ezikhoyo eKhayelitsha. Kodwa, ngenxa yobusela obuqatseleyo, nokonakaliswa kwezinto, zilishumi qha ezibenzayo kwaye isiXeko sisebenza nzima ukufumana isisombululo salento kwaye sithemba ukuba iikhamera ezingasebenziyo zizokulungiswa kule veki izayo,” utshilo u van Reenen.

Also read:  Izantyala-ntyala zemvula zibashiye bengoding' ezweni abahlali baseSiqalo

Ngokuka-van Reenen uthi isiXeko saseKapa sithathe isigqibo sokuba kwiphulo “ lokuxhokomezelela kwiikhamera ezikhoyo ubuxhakaxhaka obunesakhono sokubona inombolo plate yemoto. Kodwa ke isiXeko sihlala silumkisa uba ubukho bazo ikhamera abusombululi lwaphulo-mthetho ngoba amapolisa nabobulungisa kufuneke benze umsebenzi wabo ngendlela efanelekileyo”.

“Ngelishwa, inyani yeyokuba ambalwa, kangangepesenti ezilishumi elinesihlanu, amatyala athi amapolisa asebenzise uchishilelo lwekhamera ukuqinisekisa ukuba abophuli-mthetho bathi bagwetywe. Into isiXeko esihlala siyiphakamisa namapolisa. Akukho sengqiqweni ukulindela ukuba iikhamera zeCCTV ibe zizo ezinqanda ulwaphulo-mthetho kodwa amapolisa kufuneka asebenze ngokufanelekileyo ukulwa ulwaphulo-mthetho,” loka van Reenen utshilo.

Umba wevenkile eziphantsi kwabemi “bangaphandle”

Ongusihlalo wenqwanqwa lezophuhliso, iKhayelitsha Development Forum, uNdithini Tyhido ulumkise ngento yokugcwala kwevenkile “zabo bangaphandle, ingakumbi abase Somaliya” esithi “yingozi elindele ukwehla.”

“Zonke ivenkile eziseKhayelitsha ziphantsi kwamaSomaliya. Kodwa, kulento siyithethayo yokuba onqevu benyanzelisa abo banevenkile baseSomaliya uba babarhume ukwenzela ukuba ivenkile zabo zingaphangwa, irekhodi zamapolisa azihambelani nenani levenkile okanye inani lamatyala akumila kunje athe avulwa. Oku kuthetha ukuba nabo abemi bangaphandle abawavuli matyala lonto yokuba nabo bayinxalenye yengxaki sizifumana sikuyo,” utshilo okaTyhido ngaphambi kokuba azilungise athi abayiqhwabeli izandla indlela abo baka Operation Dudula abenza ngayo izinto. “Indlela eziqhuba ngayo akufunekanga ibe yileyo izobangela inzondo kubantu abaphuma ngaphandle,” wongeze ngelitshoyo.

Umfanekiso ogciniweyo: Ivenkile eziphantsi kwabaseSomaliya ngexesha loqhushululu olujoliswe kubemi bangaphandle ngonyaka ka 2017 e Site C eKhayelitsha.

Ephendula lomba, okaCele uthe kufuneka kubekho indlela yokunqanda abo bangabemi bangaphandle ukuba bangathatheli ushishino lwevenkile kubo. “Ukuba ivenkile ezininzi ziphantsi kwabo, bathi mabayephi abantu abatsha balapha? Kufuneka kubekho indlela zokujika izinto. Urhulumente kufuneka axhase abemi beli. Kodwa, ndiyanazi indlela eniyithanda ngayo imali ekhawulezileyo. Ningazifumana ezovenkile nigqibe niphinde nizithengisele abemi bangaphandle,” utshilo uCele.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.