Ubundlobongela ngexesha loqhanqhalazo lubangelwa kukungalingani nobuhlwempu

Umfundi uyagxagxanyiswa ebanjwa ngexesha lika FeesMustFall ngaphandle kwepalamente e Kapa. Photo: Elitsha reporter

Ngexesha lwentetho yakutshanje, uLizette Lancaster osuka kwi Institute for Security Studies uye waxelela abo bebedibene eSpin Street, ukuba owona nobangela wobundlobongela xa kukho uqhanqalazo kukungalingani nobuhlwempu.

Kuphando ebesandula ukuliqoshelisa loka Lancaster uxelele iqaqobana labantu ebelikule ngxoxo ukuba eyona nto kufuneka iqondakele kukuba ubundlobongela abuveli bumini. “Ngelixa abantu beqhanqalaza kuzuke kudala bethetha nabo basemagunyeni ukulungisa imeko yabo, ntonje bathi bafumane izithembiso ezingafezekiswayo”, utshilo loka Lancaster nongumphandi weliziko.

Oluphando luye lwaveza ukuba inani lwentshukumo lwehlile ukususela ngonyaka ka 2013 ukuya ku 2015. Nanjengokuba inani lehlile eyona nto luyivezayo uphando yeyokuba ubundlobongela ngexesha loqhaqhalazo lwenyukile.

Loka Lancaster uye wathi ezona zinto zibangela ubundlobongela kukusilela kwenkozo ezingundoqo, indlela abendaba abanomdla kumba lowo, indlela amapolisa athi enze ngayo xa kuqhanqalazwa, ukungathembeki kwabo basemagunyeni kwakunye nabo bazizivutha-mlilo.

“Akukho sizathu sinye esibangela ukuba uqhanqalazo lube nobundlobongela”, utshilo uLizette.

Oluphando luye lwabonakalisa ukuba ikhomishoni yolonyulo iIEC, iye yaba lixhoba lebundlobongela ngexesha lolonyulo. Ngokuka Lancaster ngolonyulo luka zwelonke luka 2014 izitishi zolonyulo zaba lixhoba lobundlobongela.

Ephendula kumba wobundlobongela obujoliswe kwikhomishoni yolonyulo (IEC) oyinkokheli yekhomishoni kwiphondo leNtshona-Koloni uCourtney Sampson uthe kuninzi bakufundayo ngolonyulo luka 2014 apho izitishi zolonyulo ezintandathu zaye zatshatyalaliswa kwintsuku ezimbini phambi kosuku lolonyulo.

Ehlomla kuphando loka Sampson uthe iyingxaki into yokuba kujongelwe phantsi abantu abahluphekileyo kwaye intshukumo zabo zichazwe njengezinto ezingenkozo kuphela.

“Lento ithi inike incinga zokuba kufuneka inkonzo zikarhulemente qha ebantwini, ibe ingathethi ngokungalingani nangendlala abantu abajongana nayo imihla ngemihla”, ungxinise esitsho loka Sampson ngomgumfundisi wakwalizwi.

“Eyonga ngxaki sijongene nayo yeyokuba imibutho yezopolitiko iza kuqala kune ndlela ekucingwa ngayo, nezinto abantu abakholelwa kuzo, njengobulungisa ebujoliswe kwimeko abahluphekayo abazifumana bekuyo”, ulebele ngelitshoyo.

Also read:  Sigxekwa ngokuhamba kancinci iSixeko seKapa ukunceda abo bangamaxhoba emvula ezina ngamandla

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.