Uluntu lwase Khayelitsha luhlomle kumba wokuhluzwa kwendaba liziko lezosasazo iSABC

U Karabo Rajuili exoxa no Andile Lili we Seskhona Peoples Movement. Photo: Sindile Gulw

“Sifuna indaba ezimnandi  kuphela,”  eso sisanxwe ebesivakala kowaziwa  nozibiza ngetshantliziyo lamalungelo oluntu   nokwayinkokheli yombutho wokuhlala loluntu iSeskhona People’s Movement, uAndile Lili, kodwa ngalemini ebetshofula ikhasi elithi (Hands off Hlaudi).

Loka Lili ukuthetha oku kwindibano ibihlalutya umgaqo nkqubo ophakanyiswe ngumlawuli  oyintloko  weziko losasazo lalapha e Mzantsi Afrika (SABC) u Hlaudi Motsoeneng , nokubeke kwacaca ukuba phantsi kolwakhe ulawulo akukho nanye intantheli okanye inkqubo ezakuveza imiboniso enoqhanqalazo olundlongo- ndlongo,okanye elubonakala ngathi linyevulela oko akubiza ngomsebenzi omhle owenziwa ngumbutho olawulayo iANC.

Uqhanqalazo ebelukhokelwe yi R2k ne SOS lujoliswe e SABC. Photo: R2K

Eliqonga belibanjelwe kwiziko  loluntu Isivivana Centre, beliququzelelwa ngomnye wemimbutho olwela amalungelo nokubuyiselwa kwesidima sabahlali baseKhayelitsha iSocial Justice Coalition (SJC) nange nkxaso yezinye inkongolo ezilwela ukungabikho kwemfihlo kurhulumente nakuluntu uRight 2 Know, intatheli zamaziko okusasaza asekuhlaleni amtshantliziyo okuhlala ngengcuntswana labahlali.

Amalungu okuhlala akhwele ezehlela kulo kaLili ngokunganyaniseki kumzabalazo wokulwela isidima sabantu, bemtyhola ngokuba yingcuka eyombethe ufele lwegusha kumzabalazo wokulwela amalungelo abantu, bekholelwa ukuba bekunjalo ebengasoze avume kunyhashwe ilungelo lokusebenza ngokukhululeka kwentatheli njengoko kusenzeka kwi SABC.

Phantsi kolawulo luka lokaMotsoeneng nobamele nozitshutshumbisayo intatheli zelaziko ekwazi grogrisa ngokuzithathela amanyathelo angqingqwa ezo kucaca ukuba zidelela umthetho ngokuthetha esidlangalaleni ngalempatho yakhe njengo Lukhanyo Calata notyityimbiselwa umnwe ngesigqibo sakhe sokuqhaqhalaza ngesigqibo esithathwa ngu loka Motsoeneng,  Loka Calata uthi oku kunyevulela impalalo gazi lamatsha ntliziyo afana noyise u Fort Calata nowayelwa norhulumente wobandlululo.

Abaninzi abaquka uKarabo Rajuili we Right 2 Know bayibone lenxaso kaLili kulomapasho  njengendlela yokuvusa izithunzela zorhulumemnte wengcinezelo nalapho intatheli babenganikwa amathuba okuveza ukucinezeleka kwabantu ngu rhulumente, kwayengokokutsho kwalokaRaujili oku ayililo ihlolobo lokuziphatha lorhulumente wentando yesininzi.

Ngaphezulu kwako onke okuphalaziweyo kulendibano okucacayo kukuba urhulumenete nabo basemagunyeni bazakuqinisekisa ukuba benza nantoni na esemandleni abo esemandleni abo ukuqiniseka ukuba abantu bahlala bezinkukhu ezisulwe umlomo ngamalungelo abo. Kwaye bayakuhlala bengazi kuba kukho abobangamajoni avalela inyani enokukhulula abantu kumakhamandela obuqhophololo kunoba banikwe ulwazi olinoku qinisekisa ukuba uluntu lufumana urhulumente olwela izidima zoluntu, hayi izisu zabambalwa abaselulawulweni ucinezele ngelitshoyo  ophetheyo uyibona  Amkelwa Mapatwana  weSocial Justice Coalition.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.