iNUMSA iqhwabela izandla ukuphuma kwe FAWU ku COSATU

Umongameli we FAWU uSiphiwe Nazo no Nobhala we NUMSA uIrvin Jim ngexesha le rally ye Mayday ngo 2015 eThekwini. Photo: Sharon McKinnon.

Umbutho wabasebenzi bentsimbi iNational Union of Metal Workers Unions, iNUMSA isiqhwabele izandla isigqibo sombutho wabo basebenza ngokutya iFood and Allied Workers Union, iFAWU.
iFAWU ibisandula ukubamba ingqungquthela yelixa lamashumi asixhenxe anesihlanu e Bela-Bela eLimpopo, apho ithathe isigqibo sokuphuma ku COSATU ( Congress of South African Trade Unions).  iFAWU ithi imibono yayo ayisafani ne ka COSATU kwaye yilonto ebangela ukuba iqhawule umtshato. iFAWU ibiyenye yemibutho yabasebenzi engazange ixole emva kokugxothwa kuka NUMSA kwi COSATU.

Kwingxelo eyikhuphileyo iNUMSA ithi eyona nto iyivuyisa kakhulu kukuba unobhala-jikelele we FAWU u Katishi Masemola athi esisigqibo basithathileyo asizukujikwa kwaye bazakuqhubeka beqinisekisa ukuba bayaphuma kwi COSATU.  Ukanti ummandla wase Ntshona-Koloni uthe awufuni ukuphuma ngoba ucinga ukuba bangaliphumelela idabi le COSATU ngelixa bengaphakathi. Noxa kunjalo kwaye eminye imimandla ebenginamiyalelo isuka emalungwini, abo bebelapha kwingqungquthela bathe ukuphuma yeyona nto bayifunayo.

Othethela iNUMSA uPatrick Craven uthe iFAWU idlale indima enkulu ukuvula indlela yombutho omtsha wabasebenzi ozimeleyo, kwaye banethemba lokuba iFAWU izakuqhubeka idlana indlebe neminye imibutho ukuqinisekisa ukuba oku kuyenzeka.

iOfisi zikandlu-nkulu we FAWU zikwisakhiwo esinye neyombutho we ANC (Constituency Office) eGugulethu. Photo: Mzi Velapi.

“Lombutho uzakusekwa kufuneka ungayenzi lento yenziwa kwi COSATU yokufuna ikubonwa ngathi ayingombutho uphikisayo, koko ihamba nombutho ka Khongolose”, utshilo loka Craven. Ngexesha lengqungquthela ye FAWU, lowo wayesakuba ngu Nobhala we COSATU uZwelinzima Vavi uye waxelela le nginginya ukuba kufuneka baqinisekise ukuba balanda bonke abasebenzi abangekho kumbutho wabasebenzi bangenele iFAWU.

Ngokuka Vavi malunga nepesenti eziyi 76 zabasenzi abekho kumbutho wabasenzi. Loka Vavi nobemenyiwe kule ngqungquthela uthe oyena mceli-ngeni we FAWU yinto yokuqinisekisa ukuba abasebenzi basezifama bajoyina umbutho wabasebenzi kwaye amalungelo abo akhuselekile.

Ngokwengxelo ye StastSA phakathi kwenyanga ka Okthoba ka 2015 no Matshi walonyaka, malunga namawaka angamashumi ananye (21,000) wemisebenzi yasefama yaye yaphela, kwaye oku kuchaphazele iphondo le Ntshona- Koloni kunye ne Limpopo.

Ukanti kwingxelo yakutshanje ekutshe libhunga labo bakhokela ukusekwa kombutho ozokudibanisa malunga namashumi amahlanu anesixhenxe emibutho yabasebenzi ephuma kwinkalo zonke, ithi lifikile ixesha lokuwuseka lombutho wabasebenzi.  Kwingxelo, eli bhunga lithi lizakudibana kwezi veki zizayo ukuze bathathe isigqibo sokuba bazawuseka nini na umbutho wabasenzi. Okunye ekuphakanyiswa yingxelo kukuba lo mbutho wabasebenzi uzakulwelwa  imisebenzi.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.