Uninzi lwabahlala kwimbacu bathi bavotele izindlu, imisebenzi nezindlu zangasese

Abo bebelinde ukuvota kwa Ward 95 e Khayelitsha. Ngezantsi: Indawo yembacu oRR e Khayelitsha.

Ngomhla wolonyulo, iElitsha ithe yandwendwela izitishi zolonyulo ibuza abo sebevotile ukuba zintoni na abenethemba lokuba zizakutshintsha endaweni abahlala kuzo emveni kokuba bevotile.
Uninzi lwabo ingabantu abangomama kwaye behlala kwindawo zembacu, baxelele iElitsha ukuba bafuna ukuba bakhwelwe izindlu, babenezindlu zangasese ezigungxulwayo eziphakathi endlwini kwaye namathuba emisebenzi azakwanda.  Eliphephandaba liqale e ward 95 equka Inkanini, Kuyasa, Monwabisi kunye noMrhabulo Triangle, liye landwendwela isitishi solonyulo esise Khulangolwazi Educare Centre nase The Ark Educare centre. 

Uninzi lwabo bebegqiba ukuvota bathe banethemba lokuba kuzakubakho umehluko kwinkonzo abazifumanayo. U Ntombizodwa Batyi  uthe unqwenela ukuba bafumane “izindlu zangasese izindlu zesitena”, utshilo loka Batyi nohlala eChris Hani. Ukanti ongumntu omtsha nongumfana uMziyanda Emete  uthe “kungangcono ukuba kungalungiswa izitalato kubekho indlela yohamba apha ngaphakathi elokishini, kunye nemisebenzi ejoliswe kubantu abatsha”.  Ohlala eNewlands kwalapha kule ngingqi u Nombulelo Mpathi uthe unqwenela ukuba “lowo uye wangu ceba emva kovoto, angasishiyi apha ahambe ayokuhlala kwi suburb”.

Iye yasuka apho iElitsha yaya kwa ward  90 equka indawo yembacu yo TR. Apha iyeyathetha nabantu abangomama ebebesandula ukuvota. U Nomawethu January ohlala ezimbacwini eziko Z uthe banqwenela izindlu zesitena “nokucocwa kwendawo abahlala kuyo.” Imdaka indawo esihlala kuyo, akuthuthwa nenkunkuma le”, utshilo lo ka January. Ohlala ko TR u Thobeka Siphenyuka uthe unqwenela “indlu yangasese esengaphakathi endlwini”.

Ukanti u Mandisa Nzulu yena uthe akanathemba lokuba kuzabakho utshintsho. “Sivota nje ukuba ooceba batye imali, into esiyenzayo kumane nje sitshintsha uceba ngomnye ozakufika engenzi nto. Sibabona qho xa kusondele ivoti, naxa usiya eofisini yabo ufika ubethwa zizitshixo.

Ngaphandle kwesikhululo sovoto eward 90 e Khayelitsha apho uluntu olunininzi lunqwenela izindlu zangasese ezikhuselekileyo nezingaphakathi endlini. Yonke imifanekiso ithathwe ngu Mzi Velapi.

Ukanti abo sidibene nabo kwa ward 89 oquka oBM oRR nezinye indawo zembacu ebikhe yandwendwelwa ngu Mongameli we ANC uGedleyihlekisa Zuma nomphathiswa weMfundo ephakamileyo u Bonginkosi Nzimande.  Abahlala ko RR, BM nase Madiba Square baxelele eliphepha ukuba bafuna umbane nezindlu zangasese. Ohlala e Madiba Square u Nomasithini Vukubi uthe unqwenela ukuba basuswe kule ndawo bakuyo bokhwelwe izindlu ndaweni yimbi. “Sihlala emgxobhozweni kwaye kunenyhunyhu apho sihlala khona”.

Uphando olwenziwa ngumbutho olwelwa amalungelo wabantu iSocial Justice Coalition (SJC) kwizindlu zangasese kwindawo zembacu wafumanisa ukuba izindlu zangasese azonelanga, zimdaka kwaye azikho semgangathweni. Oku, ngokutsho kwe SJC kunyhasha amalungelo nesidima sabo bazisebenzisayo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.