Sigxekwa ngokuhamba kancinci iSixeko seKapa ukunceda abo bangamaxhoba emvula ezina ngamandla

Umgxobhozo eSiqalo eMitchell's Plain. Photo: Mzi Velapi

Ukungabikho kwemingxunya nemibhobho yogutyulo kwindawo zogobityholo ngomnye wonobangela bezantyantyala zezikhukula zemvula kwingingqi zogobityholo kweli leKapa.
Oku kudizwe nguCeba wakwa ward 89 umnumzana uMonde Nqulwana emva kwemvula ekhokelele ekubeni amakhulu abahlali alale kwiholo loluntu kwingingqi yoogobityholo oo BM eSite B. Oka Nqulwana uthi indawo ekulahlwa kuzo inkukuma phakathi kwezindlu zikwanegalelo ekudameni kwamanzi kuba le nkukuma ayithuthwa ngexesha.

Uthi isixeko seKapa kuncinci esikwenzayo ukuzama ukukhawulelana nemeko yamaxhoba kwaye kumaxesha amaninzi uncedo lufika sele wenzekile umonakalo. Lo Ceba nophuma kumbutho we ANC uthi kungangcono xa isixeko singalungiselela abahlali bengingqi zogobityholo indawo zokulahla inkukuma. Kwaye nemingxunya yokufunxa nemingxunya yokufunxa amanzi ezindleleni ihlale icocwa khona ukuze ingazali yinkukuma.

Baqikelelwa kwi waka abantu ababe ngamaxhoba emvula esandula ukuna kwingingqi yoogobityholo oo Bm, RR no PJS e Site B naalapho oka Nqulwana athi “abanye abantu banyanzeleke ukuba sibalungiselele indawo yokulala kwiholo loluntu. Icandelo lenkonzo zika xakeka kwisixeko seKapa lifike sele kusemva kweentsuku ezimbini lizokujonga umonakalo owenzekileyo kwaye oko kubangela ukuba bafike sele abahlali benze ezinye inzame zokuzinceda.”

Othethela isixeko seKapa kwicandelo lenkonzo zikaxakeka unkosazana Charlotte Powell uthi banikezele ngokutya okushushu, ingubo kwakunye kwanepasile zokutya kumaxhoba. Uthi abo bonakalelwe zizindlu banikiwe nempahla zokuncedisa ukwakha ngokutsha amakhaya abo.Uthi “kukho izicwangciso ezenziweyo zokuhlangabazena nalengxaki ixesha elide.Kukho igqiza elichongiweyo elixakathiswe uxanduva lokujonga ukulungela ukulungela nemeko yasebusika ubusika ize nezisombululo kwingxaki yezantyala-ntyala zemvula.” Ukwathe umasipala wephondo wenza konke okusemandleni ukususa abantu kwindawo abathi babeke kuzo amatyotyombe kwindawo ezisezigingqini.

Ophuma kumbutho olwela amalungelo abahlali iSocial Justice Coalition umnumzana Luthando Tokota uthi ngenxa yendawo amatyotyombe ame kuzo kuba lula ukuba angenwe ngamanzi.”Urhulumente wasemakhaya akabakhathalelanga ncam abantu abahlala kwindawo zogobityholo kuba akukho zantyala-ntyala zemvula kwindawo ezinezindlu ezakhiweyo. Isisombululo sinye kukuba abantu bokhelwe izindlu basuswe kwindawo zogobityholo kuba lengxaki yenzeka minyaka le kodwa uncedo luhamba ngonyawo lonwabu.”

Nangona kunjalo iSixeko seKapa sithi siyazama ukubanceda abantu abahlala kwingingqi zogobityholo kodwa abancedisani neSixeko ngokugcina imingxunya yokufunxa amanzi icocekile ukuze amanzi emvula angadami.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.