Abezokhuseleko lwabucala batyholwa ngokwenza unothanda kumaziko emfundo ephakamileyo

Oonogada be Vetus Schola bedlakathisa umfundi webhinqa wase UCT. Credit: GroundUp/Ashraf Hendricks.

Kugxekwe kabukhali ubundlobongela obusetyenziswa zinkampani zabucala zesokhuseleko kumaziko emfundo ephakamileyo kulo lonke ilizwe.
Kwingxoxo zikawonke-wonke zakutshanje ebiziququzelelwe yi-Right 2 Know, ongumfundi kwi-Yunivesti yase Kapa (UCT) nobengomnye wabachongelwe ukwenza intentho uBrian Kamanzi uthe kufuneka kupheliswe iinkampani zabucala zokhuseleko, kwaye zenziwe zingabikho semthethweni kuba zibangela ukungabikho kuka masilingane.

“Ukungabikho kuka masilingane ngokwezoqoqosho kuko okubangela ukungabikho kokhuseleko”, utshilo loka Kamanzi.

Omele abo bajongene nendlela ezisebenza ngayo inkampani zabucala i-Private Security Industry Regulatory Authority (PRISA) uStefan Badenhorst uthi, inkulu indima esezakudlalwa zinkampani zabucala zokhuseleko kumaziko aphakamileyo emfundo kweli.

“Indima edlalwa ngabezokhuseleko yileyo yokukhusela ukungonakaliswa kwezinto ngabo baqhankqalazayo” utshilo loka Badenhorst.

Inkamapani zokhuseleko zabucala lelinye lamacandelo amakhulu eMzantsi-Afrika. Ngokutsho kuka Badenhorst  icandelo lwezokhuseleko lonogada lelona  linamanani aphezulu engqesho apha eMzantsi-Afrika. “Icandelo lezokhuseleko labucala lilandela icandelo lemigodi ngokwamanani engqesho”. Inkampani yezokhuseleko yabucala esetyenziswa yi UCT iVetus Schola isebenzisa abo babesaya kuba ngamajoni emfazwe. Oku kuye kwagxekwa kabukhali kuba bakholela ukuba kubangela ukuba badlakathise abafundi.

iVetus Schola yayikhe yasetyenziswa ukuphelisa uqhankqalazo  lwabasebenzi basemigodini eShisen Mine kwaye amafama aseNtshona Koloni abiza kwa lenkampani ukuzama ukuphelisa uqhankqalazo lwabasebenzi basezifama ngo 2012.

Umfundi wase UCT eziphindisela ko nogada. Credit: GroundUp/Ashraf Hendricks.

Loka Badenhorst uthe bazakusebenzisana ne-Vetus Schola ukuqinisekisa ukuba oonogada babo banezazisi ezibonakalayo.

Oku kuvele emva kokuba abafundi bale Yunivesiti nabebezimase le ngxoxo  batyhole ngelithi abanaphawu oonogada be-Vetus Schola kwaye bathi oku kubangela ukuba noba sebefuna ukubamangalela bangakwazi.

Obemele i-Right2Know uAlex Hotz uthe abo basebenzela ezinkampani bayabaxhokonxa abafundi kuba befuna ukuba babanjwe. “Kwabo sebevele ezinkudleni zamatyala ngenxa yokubanjiswa zinkampani zabucala kuzwelonke baphume betshaya kuba Oomantyi benkundla besithi akukho nto ibangela kucingwe ukuba baphule umthetho”, utshilo loka Hotz.

Kulonyaka uphelileyo inkampani zabucala zenze indzuzo engange khulu lezigidi eziphindwe kabini (100 billion), ngokutsho kuka Badenhorst. Eli nani liye lakhuzwa ngabo bebezimase le ngxoxo waze wathi xa eyicacisa uBadenhorst  lento injalo kwihlabathi jikelele.

“Ininzi imali eyenziwa zinkampani zokhuseleko zabucala kwihlabathi liphela”.  Inkampani zabucala zokhuseleko licandelo lesihlanu ngobukhulu ehlabathini. EMzantsi- Afrika iinkampani zabucala zinonogada abaninzi abodlula amapolisa nabezokhuseleko bedibene, kwaye banezixhobo ngaphezu kwabo.

Also read:  Abazosuswa oonomarike eMdantsane Highway

Kuko konke oku loka Badenhorst uthe banalo icandelo lwabo baqeshelwe ukuhlola  indlela zokusebenza zonogada abangamashumi asithandathu. Abafundi base UCT bathe elinani liphantsi lwabahloli libangele ukuba I PRISA isilele ukwenza umsebenzi wayo kuba sithetha nje baphanda izityholo ezilishumi elinesibhozo kuphela.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.