Abahlali basemaholweni kwaLanga balwela izindlu

Ngexesha bekuqhanqalazwa kwaLanga.

Abo bahlala emaholweni kwaLanga bafuna ukwakhelwa izindlu kwamsinyane.

Abo bamele abahlali bamaholo bakwaLanga basezingxoxweni neSixeko saseKapa malunga nokwakhiwa kwezindlu phaya kwaLanga. Obethethela ikomiti emele abahlali uSiyabulela Hokisi uxelele iElitsha ukuba isinyanzelo abanaso sesokuba bakhelwe kulo nyaka uzayo. Ukanti kwelabo icala iSixeko sithi bayazihlonipha ingxoxo eziqhubekayo kwaye bazakukhupha ingxelo xa sesithathiwe isigqibo. “Sesakhe malunga namakhulu amane anamashuni asithandathu anantathu (463) endawo zokuhlala kwaLanga sikhupha abantu kubugxwayiba bamaholo, kwaye sizimisele ukwakha malunga ne-1300 leefleti kule minyaka mithathu izayo kwaLanga”, utshilo uBenedicta van Minnen.

iPosi yakwa Langa yaye yatshiswa, amashishini abo baphuma ngaphandle aqhekezwa.

Ezi ngxoxo ziza emveni kokuba ilokishi yakwaLanga  eyeyona lokishi indala eKapa ibivaliwe ngenxa yoqhanqalazo lwezindlu kunye nokunganeliseki zimpendulo zeSixeko seKapa. Indlela ezintathu ezingena kwa Langa bezivaliwe, izithuthi zika wonke-wonke zingahambi kuquka kunye noololiwe emva kokonakaliswa kwesikhululo sikaloliwe. Ukanti nezikolo zivaliwe, abantwana bebanga leshumi bachaphazeleka kwimviwo zokulingwa zenyanga kaSeptemba. Omnye oyinkokheli yabo balwelwa izindlu nohlala emaholweni eZone 18,  uSiyabulela Hokisi uthi kudala bexoxa neSixeko saseKapa ngokwakhelwa izindlu kodwa abaphenduleki. “Kudala sifaka izikhalazo nezinto esizifunayo kwisiXeko kodwa asikholiseki zimpendulo esizifumanayo”, utshilo lo kaHokisi nowathatha indlu ekwakuhlala kuyo utata wakhe.

Imeko emaxongo nenyhasha isidima abantu abaphila phantsi kwayo

Indawo yamaholo akwaLanga yayakhelwe abantu abangamadoda abangenazintsapho. Yakhiwa ngurhulemente wengcinezelo esenzela ukuba abasebenzi abamnyama basebenze kwindawo zabamhlophe emini, ebusuku babenendawo yokulala, hayi indawo apho khona banokuphila khona. uHokisi uxelele iElitsha ukuba wayifumana kutata wakhe. “Sihlala neempuku apha ezindlini, sihlala ebugxwayibeni, sihlala sizintsapho ezimbini endlwini enye, indawo yokuphekela isetyenziswa njengendawo yokulala kuba abantu baninzi”, utshilo lo uneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33). Kufutshane nendawo yamaholo ase Zone 18 kukho indawo zokuhlala ezizi flats ezirentwayo. Siye sadibana nedrain ephuphumalayo, ilindle liphume ngaphandle.

Ukuphangwa kweevenkile zabo baphuma ngaphandle kwemida yeli

Also read:  Ityala lalowo utyholwa ngokudlwengula nokuphatha gadalala abantwana lisakuviwa kungekudala
Umhlali waseziflatini kwa Langa ecangcatha ephepha ilindle eliphumumayo. Zonke ifoto zithathwe ngu Mzi Velapi

Ngexesha loqhanqalazo kuye kwaphangwa iivenkile zabo baphuma ngaphandle kwemida yeli. iElitsha ibikhona ngexesha abantu abatsha bakwaLanga uninzi lwabo lubonakala luphakathi kweminyaka elishumi elinesibhozo namashumi amabini anesithathu (18-23) beqhekeza ikhonteyina bezama ukuvula indawo eyenza inwele ngaserenkini kwaLanga. Ngelixa kusenzeka oku abahlali bebedibene kwindawo yesikhumbuzo sakwa Langa belinde impendulo kwiinkokeli ebezibambe intlanganiso nabo basuka kwiSixeko saseKapa.

Ipolitiki zakwaLanga ezicalu-calula abahlali

Kukho ukucalulana kwabantu bakwaLanga, ingabo babonwa njengamagoduka nabo bazalelwe kwaLanga. Indawo enamaholo yindawo ebonwa njengendawo yamagoduka. Le yindawo engezantsi kwaLanga xa usuka ngasedolophini. Indawo engentla ibonwa njengendawo yabantu abazalelwe kwaLanga. Olu calu-calulo luye lwangqinwa ngamalungu amane ekomiti yezindlu kwaLanga.  “Kukho nento yokuba imisebenzi ye EPWP (Extended Public Works Programme) iqesha ixesha elide kula ngingqi yabo bazinzalelwane zakwa Langa”, utshilo uHokisi.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.