Abazosuswa oonomarike eMdantsane Highway

Umasipala ombaxa waseBuffalo City uzikhabela kude iingxelo zokuba uceba ukubasusa oonomarike abathengisa kwirenki yeeteksi, eHighway, eMdantasane kwiphondo leMpuma Koloni.

East London, Eastern Cape, South Africa

Ezingxelo nezivakele kwiphepha ndaba lemihla ngemihla lase Mpuma Koloni, zibangele inkxalabo kuninzi lwabathengisa kule ndawo. UNtombekhaya Xengxe ngomnye othi angachaphazeleka kakhulu lutshintsho olunokwenziwa, uthi uneminyaka engamashumi amabini anesithandathu ethengisa inyama kule ndawo kwaye wondla usapho lwamalungu asibhozo, ngemali ayifumanayo.

“Ishishini yinto emane ibakho iphinde inqabe kule ndawo, kungakubi kakhulu xa umasipala engasisusa apha. Ndinomntwana endimfundisayo ngale mali ndiyenza apha, andiyazi xa ndingasuswa apha uzakuthini na. Wenza unyaka wesibini ekholejini, uxhomekeke kum ukuze abhatale iindleko zesikolo, kunye nendawo yokuhlala,” utshilo uXengxe.

Enye into athi imenzela  ubunzima ngakumbi ngabanye abantwana bakhe abadala abangaphangeliyo, nabo abaxhomekeke kwakuye. “Ndingabethakala kakhulu xa ndinosuka apha ndiye kwenye indawo endingayaziyo.”

ULeticia  Ngxola yena uthi uqale ukuthengisa eHighway ngelixa kwakusalawula uSebe kwingingqi yase-Ciskei, kwaye sesakhe isitendi. Yena wondla abantu abathandathu ngemali ayifumana kwishishini lakhe.

“Siyivile into yokuba umasipala ufuna ukudiliza yonke lendawo, kwaye ingasiphazamisa kuba sisebenza ngabantu kweli shishini, mhlawumbi siza kubekelwa ecaleni sibe kude kubo,” utshilo.

UVeliswa Lingaphi uthi iyamoyikisa kakhulu into yokuba beza kususwa apha. “Sinoloyiko kuba kuthi ukuthengisa apha yimpangelo, abantwana bethu abafunda kwizikolo ezikhulu baxhomekeke kuthi. Singaluvuyela uphuhliso oluziswa ngurhulumente eHighway, kodwa singakhutshelwa ngaphandle,” utshilo uLingaphi.

Bonke oonomarike abathengisa kwindawo yaseHighway bacula iculo elinye ngobunzima abanokuthi bajongane nabo, xa benokususwa kwindawo abaqhele ukusebenzela kuyo. Batyhola umasipala ngokurhuqa unyawo ekubahlanguleni kwimeko abakuyo.

Enye into abayikhankanyileyo kukuba bebekhe babizwa benziswa izifundo ezithile ngendlela yokuphucula izakhono zabo zoshishino , kunyaka ophelileyo. Kude kuzo kuthi ga ngoku abakaphinde baxelelwe ukuba kwenzeka ntoni na ngelo phulo.

Xa sindwendela i-ofisi yonxibelelwano kulo masipala, yona icule iculo elahlukileyo. “Nokuba ngubanina owathetha nentatheli yephepha ebelibeke ezizityholo, zange athethe nyaniso, akukho mntu uzakususwa ngumasipala kwindawo athengisa kuyo,” utshilo uSibusiso Cindi isithethi salo masipala.

Also read:  Kubulewe elinye itsha-ntliziyo nenkokheli yabo balwela umhlaba eKapa

Into ayivezileyo kukuba umasipala unenjongo zokuphucula indlela engena eHighway, kwaye loonto kulindeleke ukuba iphazamise abathengisi abambalwa kule ngingqi. “Le nto izakuba yinto yethutyana ngelixa kulungiswa la ndlela, kodwa singaqinisekisa ukuba akukho mntu uzakususwa. Umasipala ubekele bucala imali ethile ukuphucula la ndawo yoshishino yaseHighway,” wangeze ngelitshoyo uCindi.

Xa kulungiswa le ndlela ingena eHighway kulindeleke ukuba basuswe okwethutyana oomasitande/nomarike kwiindawo zabo, ukulungiselela olu tshintsho.

“Umasipala ukwanazo nezicwangciso zokuphucula indlela abathengisa ngayo oonomarike, ukwenzela ukuba kugcinwe umgangatho wezempilo. Ndingaqinisekisa ukuba umasipala akanaminqweno yokususa abantu kwiindawo abathengisa kuzo, kuba siyayazi ukuba yindlela abondla ngayo iintsapho zabo,” uvale ngelitshoyo uCindi.

Iindaba zokuba kuza kususwa abantu eMdantsane zidizwe ngolibambela kwi-ofisi ephezulu yalo masipala uNeo Moerane. Umasipala ngokubanzi uyazikhwebula kwezi zityholo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.