iNEHAWU iyaphika ukuba isigqibo sokwehliswa esihlalweni kuka Zuma sinefuthe lamaKomanisi

(L-R) Usekela nobhala we uZola Saphetha no Mongameli uMzwandile Makwayiba. Photo: NEHAWU facebook group

Sithetha nje isemibini imibutho ephume elubala ngokufuna ukuba umongameli welizwe ehle esihlalweni.

Owona mbutho wabasebenzi omkhulu phantsi kwephiko lwe-COSATU (Congress of South African Trade Unions) iNEHAWU (National Education Health and Allied Workers Union) iyaphika ukuba isibhengezo esenze kutshanje sokuba uMongameli uZuma makehle, sifakwe ifuthe ngumbutho wamaKomanisi iSACP (South African Communist Party). Oku kuza emveni kokuba isigqeba esiphezulu kwi NEHAWU sikhuphe imbalelwano ethi “ingxuba-kaxaka yezopolitiko nakwezoqoqosho ilizwe elizifumana likuyo, ubunkokheli obuhexayo kunye namabholo obuqhophololo, konke oku kubangela ukuba bangaboni ukuba uMongameli angaqhubeka esesihlalweni”. Osisithethi iNEHAWU uKhaya Xaba uthi esisigqeba sifuna uMongameli enze eyona nto ilungileyo ukuba ehle esihlalweni kwaye oku kuzakunqanda ukuba angahlazeki.

Ukanti abo basondeleyo kwimibutho yabasebenzi nabazingcali kwimibandela yezabasebenzi bathi lompoposho ubangelwa lifuthe lombutho we-SACP onalo kwi-NEHAWU. Kutshanje umbutho wamaKomanisi uye wagxeka kabukhali umbutho ka-Khongolose (ANC) noMongameli uZuma ngenxa yorhwaphilizo obeluphanda abo batyholwa  ngokunikezela ngemikhala kwabo bangekho selulawulweni lukaRhulumente (State Capture).

uDinga Sikwebu nosebenzela iTshisimani Activist Centre nowayesandula ukuba ngophethe ezemfundo kwi-National Union of Metalworkers Union of South Africa (NUMSA) uthi kucacile ukuba esisigqibo sinefuthe lamaKomanisi. Ukanti oku kungqinwe ngomnye esithe sadlana naye indlele nonolwazi lokwenzekayo kwi-NEHAWU. Lo uthe umbutho we- NEHAWU ulawulwa zizinto ezenzeka ku nxa-ntathu we-ANC, SACP ne-COSATU. “Nangexesha lokususwa kuka Mongameli uMbeki, iNEHAWU yadlala indima enkulu kuba lombutho uhamba ngezingqi zikanxa-ntathu”, utshilo lo odlene indlebe ne-Elitsha kodwa wathi akafuni ukuba igama lakhe libandakanyeke koko kwenzeka kwi-NEHAWU.

Ukanti osisithethi se Nehawu ukuphikisile oku, esithi iNEHAWU ngumbutho wabasebenzi ozimeleyo kwaye awulawulwa yi-SACP. “iSACP ayikhange yenze mpoposho ofana nalo, kwaye awunanto yokwenza nezigqibo zika Nehawu,” utshilo lo ka Xaba.

uNobhala-Jikelele we-NEHAWU  uBer-eng Soke wayefudula engunobhala wephondo lwe-SACP, ukanti nalo usisithethi besidlana naye indlebe uKhaya Xaba usandula ukuqashwa kwinyanga ka-August ebefudula esisithethi sombutho wolutsha lwe-SACP, iYoung Communist League.

Also read:  iNUMSA iqhwabela izandla ukuphuma kwe FAWU ku COSATU

Ukanti lowo udlene-indlebe ne-Elitsha nonolwazi lokwenzekayo kwi NEHAWU uthe lompapasho awubangelwa kukutshintsha kwendlela iinkokheli ezicinga ngayo, koko bahamba nesingqi se-SACP enabaphathiswa ababini abakurhulumente abaphantsi koxinizelelo ukuba bazise inkonzo nemigaqo-nkqubo engangqinelaniyo nobuKomanisi. “uBlade Nzimande uphantsi koxinzelelo ngenxa ye-FeesMustFall kwaye njengomphathiswa akakwazi ukuzisa imfundo emahala kumaziko wemfundo ephakamileyo. Kwelinye icala inkonzo ze Gautrain zenzeka phantsi kweliso lika uJeremy Cronin nonguSekela Mphathiswa kwinkonzo zoluntu (Public Works) nowayefudula engumphathiswa wezo-thutho,” uye watsho.

“Olu xinizelelo lubangela ukuba iSACP itshintshe iculo, kwaye isoloko iyiyo eshaya isigingci ize imibutho yabasebenzi efana ne-NEHAWU, eyamapolisa iPopcru (Police and Prisons Civil Rights Union) nalowo wabasebenzi basemigodini iNUM (National Union of Mineworkers) ilandele oku kuthethwa yi SACP”.

Ukanti omnye umbutho wabasebenzi ophantsi kwe- COSATU iCommunication Workers Union (CWU) uthe usadlana indlebe ngendlela ilizwe elilawulwa ngayo. Kwinkomfa yentatheli ebibizwe ngulo mbutho uClyde Mervin uthe bazakusixhasa isigqibo esithi makehle uMongameli ukuba isigqeba sabo sifuna njalo.

Kulindeleke ukuba isigqeba esiphezulu kwi-COSATU sidibane kule nyanga kwaye inyewe yezopolitiko nobunkokheli buka Zuma buxukushwe khona.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.