Bafuna inkxaso kwezemidlalo eNontombi Matta eMdantsane

Ibala lebhola yomyazi kwisikolo samabanga aphantsi iGil Ntoni S.P.S eMdantsane, elusandula ukwakhiwa yibhodi yeLotto. Bathi alikagqitywa kodwa banethemba lokulisebenzisa kunyaka ozayo. Photo: Chris Gilili.

Umahluko usemkhulu kakhulu kumgangatho, xa kufikelelwa kwezemidlalo kwizikolo eziselokishini kunye nezo zifumaneka edolophini. Zininzi izinto eziluphawu lwalento.

Ebutsheni balonyaka iphepha ndaba elaziwayo laseMpuma Koloni, lapapasha ibali lentwazana yaseMdantsane eneminyaka emihlanu eyashiya oontanga bayo bebambe ongezantsi kumdlalo weendolotyi (ichess). USiyolise August akanantanga, kwaye ubhuqa nabadala kunaye kulo mdlalo. Lentwazana yenza ibanga lokuqala e-Nontombi Matta Junior Primary School.

Asinguyanga yedwa, zininzi iintwazana ezitshatshelayo kulo mdlalo kwesi sikolo, ukanti nakwesinye esingummelwane e-Nontombi Matta J.P.S., i-Gil Ntoni Senior Primary School kugcwele iintshatsheli. Kungoku nje iintwazana ezimbini zakwa August, uThimna kunye noSiyolise basethubeni lokuya kumela iMpuma Koloni eRhawutini, kumdlalo we-chess kwabaminyaka ilingana nabo.

Intlungu ebaliswe yinqununu yaseNontombi Matta, uKholeka Twaku nengumceli mngeni kwinkqubela phambili yaba bantwana yileyo yokungafumani nkxaso kwisebe lemfundo ephondweni.

“Ingxaki yokuqala kukuba aba bantwana abanawo amabala okudlalela, kwaye noba sele ekhona ufumanisa ukuba azikho iitishala eziqeqeshiweyo ukubancedisa kulo midlalo banomdla kuyo. Ukuba isebe lemfundo lingaqeqesha ootitshala abazakugxila ekufundiseni abantwana singaphucuka kakhulu kwezemidlalo,” utsho uTwaku.

“Xa kunogxininiswa kwezemidlalo, kubantwana besebancinci loonto ingayenye yeendlela esinokuthi sehlise ngazo izinga lokwaphulwa komthetho, ingakumbi ezilokishini.”
Phakathi kwezinye zeengxaki ezikhoyo kwizikolo zase lokishini, eziquka ezi zibini zaseMdantsane kukungabikho kwamabala.

“Abantwana abanamabala aphucukileyo okudlalela, abanampahla yokunxiba xa bedlala. Ekuqaleni konyaka izikolo ziye zizibandakanye kwimidlalo yembaleki, abethu abantwana bayasokola kuba basebenzisa amabala asekuhlaleni. Okanye babaleke kwiindawo ezingalungiselwanga lonto, lonto ibenza babe lihlazo xa bedibana nabanye abantwana bezikolo ezise dolophini,” ucacise watsho uWinky Mdyogolo inqununu yaseGil Ntoni S.P.S.

Xa besincokola nesebe lezeMidlalo, iNkcubeko kunye noLonwabo eMonti bona bacacise ngolunye uhlobo. “Enye yezinto ezibangela kubenzima ukwakha amabala asemgangathweni ezikolweni, kukusilela kwesebe lezemfundo, bayasilela ukusebenzisana nathi. Asixelelwa ukuba kuza kwakhiwa isikolo endaweni ethile, sibona sele kugqityiwe kanti kungangcono xa sinokwaziswa nathi sibone ukuba ibala lingalunga ndawoni na,” utshilo uMphumzi Mkhosi ojongene nezemidlalo ezikolweni kweli sebe.

Also read:  Umthetho omtsha wokwaluka uzakuqinisekisa uba uxanduva luyathathwa

Mkhulu umahluko kodwa xa uthelekisa izikolo ezininzi eMdantsane, naxa usiya eCambridge Primary umzekelo kwalapha eMonti. Yona sesinye sezikolo ezazisakwaziwa njenge Model C, abantwana khona banawo onke amabala. Kwaye kwalapha emini nje ngenxalenye yezifundo zabo, kuye kufuneke ukuba bathathe inxaxheba kwezemidlalo, kuba nazo zinento yokwenza nendlela akhula ngayo umntana.

Nje ngokuba ezintwazana zizakuya eRhawutini, alikho icebo lokuba baza kukhweliswa njani na, bahlale njani okanye batye ntoni na xa befika khona. Okwangoku basaqhuba nokuziqeqesha rhoqo emva kwesikolo, baqeqeshwa nguTatomkhulu kaSiyolise, uZolani August owaziwa kakhulu ngokuthanda kwakhe umdlalo we-chess eMdantsane.

Isebe lezemidlalo lona lithi aliyazi indlela ehamba ngayo into yoncedo kwisiganeko esifana nesi, kodwa bacebisa ukuba isikolo esi sibhale imbalelwano yokucela inkxaso efanelekileyo siyithumele esebeni.

Ngokokutsho kukaTwaku, kudala besenza inzame zokuba isebe lemfundo lincedise ngolwakhiwo lamabala kwezi zikolo, kodwa zisawa phantsi ezonzame.

Likhona ibala elisandula ukwakhiwa eGil Ntoni lebhola yomnyazi, kwaye ngobukho balo uMdyogolo unethemba lokuba lo mdlalo uzakuthathelwa ingqalelo kwaye nabafundi babenomdla kuwo.

“Ukwakha elibala sincediswe yibhodi ye-Lotto (National Lottery), kodwa nalo alikagqitywa sinethemba kunyaka ozayo zakube zikhona nezinti nomnatha lizokwazi ukusetyenziswa,” utshilo. Enye into athi ingumceli mngeni kukungabikho kweetitshala eziqeqeshelwe ukuncedisa kule midlalo.

Zine ititshala eGil Ntoni, ngoko kufuneka zixhathise kumsebenzi wesikolo kunye nokulola izakhono zabafundi emidlalweni.

“Mna ndingathanda ukuqeqeshwa kwi-chess ukuze ndityale ololwazi kwezintsana,” la ibingamazwi kaXolisa Mxhalisa ofundisa kwesi sikolo. Ulwazi lwakhe aluphangalelanga kwi-chess, kodwa unomdla wokuncediswa olule isakhono sakhe.

Othethela isebe lezemfundo eMpuma Koloni uLoyiso Pulumani, khange afumaneke xa simkhangela emnxebeni nakwi imeyile.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.