Umbutho wabasebenzi i SAFTU ithi izakumisa ngaphambili ukunceda abasebenzi

Zwelinzima Vavi noNomvume Rhalarhala ngexesha lentlanganiso yengxelo e Kapa. Ithathwe ngu Mzi Velapi
Salt River, Cape Town, Western Cape, South Africa

Unobhala wombutho ombhaxa wabasebenzi i South African Trade Union Federation ( SAFTU) u Zwelinzima Vavi uxelele abasebenzi namalungu emibutho yabasebenzi engaphantsi kwe SAFTU ukuba abazokuleqa amanani koko bazakumisa ngaphambili ukunceda nokuhoyana nezidingo zabasebenzi. Loka Vavi ebethetha ngexesha lentlanganiso yephondo ibibanjwelwe eKapa kule mpela-veki siphuma kuyo. “Kufuneka i SAFTU yohluke ngezenzo kweminye imibutho yabasebenzi”, utshilo ngelixa ebhekisa kubasebenzi abamalunga ne 150 ebebegcwalise iholo elise Salt River.

Loka Vavi ekunye nesekela nobhala lombutho wentsimbi iNUMSA ( National Union of Metalworkers of South Africa) kwakunye nonobhala we National Transport Union uEphraim Mphahlele banikwe uxanduva lokuba beze nendlela imibutho engaphantsi kwe SAFTU ezakuqinisekisa ukuba abasebenzi bayancedwa kwaye zonke izidingo zabo ziyahoywa yimibutho yabasebenzi.

“Sifuna ukuqinisekisa ukuba ukusukela ekutyikityeni kwamaphepha obulungu ukuya kwixesha apho ilungu lilitsha-ntliziyo lezinto zabasebenzi ukuya kuzibandakanya kwizinto zasekuhlaleni nokwazi ukuqhaphela isimo sabantu abangathathi-ntweni”, utshilo lo wayesakuba ngunobhala we COSATU ( Congress of South African Trade Unions). Lombutho wabasebenzi uthi uzimisele ukuba nesigidi samalungu ngenyanga yoMnga kulo nyaka, kwaye sewuzamile ukwenza oku. Ngokuka Vavi zonke izikhululo zamapolisa e Limpopo ziphantsi kwe SAPU ( South African Police Union) ngelixa i South African Liberated Public Service Workers Union (SALIPSWU) ikhonya kwiDyunivesiti yaseKapa.

” Sifuna ukwenza izinto ngendlela ukwenzela siqeqeshe abameli babasebenzi kwaye sifuna ukwenza izinto ngobuchule”, utshilo u Zwelinzima owagxothwayo yi COSATU. Ngelixa ebegxinisisa intento yakhe lokaVavi uthe into emalunga ne 52% yamatyala aya e CCMA (Commission for Conciliation, Mediation and Arbitration) iphunyelelwa ngabaqashi. ” Ufika osihlalo bengazanga bafuname ulwazi ngezikhundla zabo ngenxa yoku bazirhangqe ngabantu abangazinto abasemva kokurhwaphiliza. Xa besiya kwintlanganiso abaphathi kwancwadi yothatha imizuzu ukwenzela bazokunikeza ingxelo kubasebenzi. Into yokuba umbutho wabasebenzi uzakuphathwa ngabasebenzi ayisebenzi xa kunjalo”. Enye yentsika zalombutho yinto yokuba umbutho uve ngabasebenzi.

Also read:  Sekuphele iminyaka elishumi zivaliwe indawo zoshishino eKuyasa

Ongusekela mongameli we SAFTU uNomvume Rhalarhala uxelele abasebenzi ebebevuma ingoma begcwelise iholo ukuba kufuneka balwe beyimbumba. ” Akukho mbutho ongaphantsi kwethu ozakuziva ume wodwa xa usilwa”, utshilo loka Rhalarhala nowayekumbutho weetitshala ngaphambili ( South African Democratic Teachers Union).

Ngokuka Vavi lombutho wabasebenzi uzakuphakamisa izinga lokwenza izinto kwaye uzakulwela imfundo esezingeni eliphezulu engahlawulelwayo. ” Sesifakile isaziso (Section 77) kwi NEDLAC (National Economic Development and Labour Council) kwangenyanga yoMnga sichaza ukuba ukuba sizothatha idabi ebelilwelwa ngabafundi ngokwethu”, utshilo u Vavi ngexesha ebecacisa. Loka Vavi uye wakhupha isilumkiso sokuba bazakuzibandakaya kolona ” qhanqalazo lukhulu apho sizakulwa ngazo zonke izirweqe esinazo” ngenyanga ye Dwarha.

 

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.