Abantwana babhenela kumaqula ongqongopheleyo eKapa

Iqula laseKhayelitsha liphuphuma ngolwesihlanu. Ithathwe ngu Phinda Kula
Khayelitsha Swimming Pool, Walter Sisulu Road, Cape Town, South Africa

Ingqatsini yelanga ehlasela phantse mihla le kwiphondo leNtshona- Kapa ikhupha abantwana ezindlini nalapho bathi babhenele kwiqula lokudada eKhayelitsha ngelizama ukuzipholisa imizimba, nanjengoko bephuma kwingingqi ezikude nolwandle.

Nanjengoko sele zivaliwe izikolo abantwana batyelela rhoqo iqula lokudada. Abo baneminyaka emihlanu ubudala ukuya kwesibhozo beza nabazali babo ukwenzela ukuba bakwazi ukubabeka phantsi kweliso elibukhali.

Abantwana badiza ukuba abavuyeli ukudlala nje ngamanzi kuphela koko bayafunda ukudada. Eliqula nelizinze kufuphi nenkundla kamantyi eKhayelitsha kungena rhoqo kulo abantwana abaqikelelwa ngaphaya kwamawaka amathathu anamashumi amahlanu ngosuku.

Abantwana xa bengena kweliqula lokudada bahlawula ishumi elinesheleni ezintlanu iR1.50c ukutsho oko. Abantu abadala bengena ngerandi ezintandathu iR6.00. Eliqula lamkela abantwana abaphuma kwingingqi ezingqonge iKhayelitsha bambi kubo basuka kwindawo ezithe qelele ezifana nelokishi yaseDelft. Iqula lokudada eKhayelitsha lilo lodwa kulengingqi kwaye laqala ukusebenza ngonyaka 2001 neliqhuba kakuhle kakhulu kukhuselelo labantwana emanzini nanjengoko zinqongophelo iziganeko zorhaxwa kwabantwana emanzini. Banabezokuseleko abasibhozo abasebenza kweliqula.

Oyintloko yabo bajongene nokhuseleko kweliqula lamanzi umnumzana uLubabalo Mayedwa uthi zininzi iinkqubo ezenziwa kweliqula ukufundisa abantwana. Uthi banamaqela awohlukeneyo afundiswa ukudada uthi wambi kulamaqela ngabafundi besikolo abathe baziswe zizikolo ukuza kufunda ngokudada.

Ukwathi bayanikezela ngezifundo zokudada nakubantu abadala. Ekwatsho nakanjalo ukuba bakhuthaza uluntu ukuba luthathe inxaxheba kwizifundo zokudada ngelithi bazama kangangoko ukuzama nokusiphula nengcambu intetho ethi abantu abaNtsundu bayawoyika amanzi yaye abakwazi kudada.

Kungokunje uthi lisavaliwe iqula lokudada abantwana abaphakathi kwesihlanu ukuya kwiminyaka esibhozo ubudala nanjengoko kusaqhutyekwa nomsebenzi wokulungiswa kwalo. Oku kukhokelele ukuba kwehliswe umthamo wamanzi kwiqula labadala elisebenzayo ukuzama ukulungiselela abo baselula ngokweminyaka. OkaMayedwa wongeze ngelithi basajongene nenani elikhulu labantwana abeza kweliqula mihla le nanjengoko kungekho qula limbi ngaphandle kweli apha eKhayelitsha.

Also read:  Kubulewe elinye itsha-ntliziyo eKapa

Ulebele ngelithi kudala bememelela abasemagunyeni kwisixeko esimbaxa saseKapa ukuba kwakhiwe amanye amaqula okudada khon’ukuze abantwana bangahambi imigama emide kuba ukhuseleko lwabo lubalulekile.

 

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.