Umbhali ohlala eDelft ubongoza abantu bazithande indawo abahlala kuzo

Imbongi nombhali wesiXhosa u Anele Kose. Umfanekiso siwunikwe nguye.
Delft, Cape Town, Western Cape, South Africa

Eli linalabhedi inemilenze emithathu//owesine yinkqokelela yezitena

Ndithetha ngendihlala kulo ibobosi//ngaphandle lizinki neplanga

Xa kuvuthuza imoya ngaphakathi ndim nesanti//

Abayaziyo bakungqina kule nyani//

Lo ngumqolo osuka kwisihobe usuka kwi tsha-ntliziyo nongumbhali wemibongo ngolwimi nozenzele indumasi kumbongo wakhe othi “Ityotyombe”.  U Anele Kose ngumbhali osaze ngobuso elizweni osebenzisa ulwimi lwesiXhosa. Kungokunje ungumhlali kwilokishi yase Delft kweli leKapa. Loka Kose uzalelwe wakhulela eMdantsane nakwilali iFort Murray eQonce kwiphondo leMpuma Koloni.   Uchazele lentatheli ukuba ukhule engumntwana okuthandayo ukubhala ingakumbi imibongo, uthi bekungekho bani osisele iliso isakhono sakhe besibonwa njengendlalo. Uthi kwikhaya lakhe nguye kuphela owavela nesakhono sokubhala ngelithi akukho mzila alandele kuwo ntonje sisakhono awasiphiwa nguMvelinqangi.

Emva kokuphumelela ibanga leshumi wayenqwenela ukufezekisa iphupha lakhe kwizifundo zemidlalo yeqonga ngelishwa oko kwabonakala kumfiliba kuba wenza izifundo zokhenketho nalapho wazuza khona iDiploma e Accord Business Academy eMonti. Kumahlandinyuka obomi wazibona sele esenza izifundo zokupheka kwinkampani eyayiqeqesha abapheki eChez Gourmet kweli leKapa nalapho waqeqeshwa khona isithuba esingaphaya kweminyaka embini.

Uyavuma ukuba ukhe wabamba kwimisebenzi eyohlukeneyo nalapho adiza ukuba khange akwazi ukuhlala kwindawo ezixelengela inyama ngelithi ebesuka ayeke kuba ebengenzi umsebenzi ebewulangazelela ukuwenza ebomini. Kunyaka ka2012 uthi wazibandakanya nenkampani eqeqesha ababhali iLingua Franca Spoken World Movement.

Ukubhala ngolwimi lwesiXhosa yeyona nto ayithanda kakhulu kuba uthi ibonisa ubuyena kwanalapho asuka khona. OkaKose uthi apha ebomini ukhe wadibana nezikhubekiso   ebezizama ukumtheza aamndla ngelithi isiXhosa abambelele kuso sizakumtyisa kusini na ebomini. Uthi oku zange kumtyhafise koko kwamkhuthazana nangakumbi ukuba aqhubeke nokubhala.

Uqale ukuqhatshelwa ahlonitshwe ngomsebenzi wakhe emva kokuba wabhala umbongo othi “Ityotyombe”. Uthi lombongo wawubhala ngethuba ethubeleza phantsi kobunzima bokuhlala etyotyombeni. Uthi ixesha elininzi ebomini bakhe uhlale etyotyombeni. E Mdantsane wayehlala kulo waze wafika  kweli le Kapa kwabonkala ukuba ityotyombe ilikhaya lakhe ncakasana nadiza ukuba wazixelela ukuba akasayi kuze a chithe ubomi bakhe bonke etyotyombeni.

Also read:  Makube chosi kube hele

Uthi ngethuba ebekhupha lombongo ebeyekile ukuhlala etyotyombeni. Uthi wawubhala lombongo ngokungathi uyadlala kuba uthi ukhumbula kakuhle into eyamchukumisa ukuba abhale ngelithi wayehleli ngaphakathi kwityotyombe lakhe ngethuba kwakusimka izinki.  Oka Kose uxelele i Elitsha ukuba  oku wakuhleka kodwa kwanyanzeleka ukuba aqabele phezu kwetyotyombe azame ukulungisa umonakalo. Uthi oku kwambangela ukuba acinge nzulu. Uthi emva kokuba ewubhalile lombongo kwathatha ixesha ukuba atshile ngawo eqongeni. Uthi okokuqala   ukungena   eqongeni ngalombongo kwabakho mntu uthile owathatha ushicilelo lwe video waze wayidlulisela kumaqonga engxoxo ngaphandle kwemvume kalo kaKose. Oku kwamenzela indumasi kumakhasi ezonxibelelwano. Lombongo ngethuba utshila kwikhasi lika Facebook wathandwa ngabantu abangaphaya kwamakhulu amathathu anamashumi amathathu anesithathu awamaka (330 000 likes) ze abangaphaya kweshumi elinanye lamawaka babelana ngawo (11 000 shares)

OkaKose uthi kwisiphiwo sakhe asiphiwe nguThixo nakhokelwa kuye kwimeko aphila kuzo uyaqinisekisa ukuba  akagunqi kwisakhono sakhe koko uzama ngandlela zonke ukusiphucula. Uthi uyathanda ukwabelana ngemibongo yakhe nabantu abakufuphi kwindawo ahlala kuyo ngelithi ufuna uluntu luzuze ubuncwane bomsebenzi wakhe. uAnele Kose uthi kumsebenzi wakhe ngamnye awenzayo uye aqinisekise ukuba  ugximfiza isitampu ukuqinisekisa ukuba ushiya umzila apho ahambe khona. Ekwavuma ukuba kumsebenzi ngamnye awenzayo umntu wokugqibela ukubethelela isikhonkwane sokugqibela nguThixo.

Kungokunje ubungoza ababhali ukuba bazimisele yaye bayithathele ingqalelo imisebenzi yabo kwaye bazixabise iindawo abahlalo kuzo bangaxabisi nje kuphela ezabo banempokotho ezifumileyo. OkaKose uthi usaqhubeka nemisebenzi yokubhala. Uthi akukho mbongo angenawo yaye kunyaka ozayo u2018 uthi uncwase ukukhupha incwadi yakhe yokuqala yeNovel. Ukuvala umkhusane uthi ubhala kakhulu ngemeko ezenzeka imihla ngemihla zibe zichaphazela uluntu.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.