Imibutho yoluntu ixelele ijaji yokhetshe ngamakakwenze

Ijaji esandula ukukwekwa yokhetshe ( Hawks) u Diale Kgomo nophethe amapolisa eNtshona-Kapa uKhombinkosi Jula. Umfanekiso uthathwe ngu Mzi Velapi
Luhlaza Secondary School, Velili Street, Cape Town, South Africa

Imibutho emibini yaseKhayelitsha ibongoze osandula ukubekwa esihlalweni sokukhokela isebe lokujongana nokophulwa komthetho ngabo basebenza bengamaqela kwanabo bophula umthetho wezamashishini kwezokhetshe ( Hawks) oyijaji u Diale Kgomo. Umbutho ojongene nophuhliso eKhayelitsha i Khayelitsha Development Forum ( KDF) ixelele lo wayefudula eyijaji yaseMntla-Kapa nosekela-mphathiswa wezamapolisa uBongani Mkhongi ukuba kufuneka beqwalasele ukobiwa kwezixhobo kunye namapolisa ukulwa ulwaphulo-mthetho. ” Imeko yabantu abaphila phantsi kwayo nokuxinana kwendawo zamatyotyombe yenza kube nzima ukulwa ulwaphulo-mthetho. Indawo yaseNyanga yeyona iyindawo enabantu abaninzi ababulawayo kodwa akongezwa izixhobo kunye namapolisa ukulwa ulwaphula-mthetho”, utshilo ngexesha ebethethela i KDF usihlalo wayo uNdithini Tyhido.

Engqinela loka Tyhido osuka kwi Social Justice Coalition ( SJC) u Mandisa Dyantyi uthe ulobiwo lwezixhobo namapolisa kubalulekile kuba abantu abangomama ngabo abangamaxhoba olwaphulo-mthetho e Khayelitsha. ” Ukuya kwigumbi langasese yeyona nto inobungozi umntu anokuyenza apha eKhayelitsha. Ungabulawa okanye udlwengulwe”, ucacise watsho oka Dyantyi. Indawo zamatyotyombe eKhayelitsha zinezindlu zangasese eziphandle.

Oka Kgomo ebezokwaziswa ngokusesikweni kubantu baseNtshona-Kapa emveni kokuba echongiwe ngumphathi wamapolisa u Fikile Mbalula kwinyanga yeDwarha.

Ebhekisa koka Kgomo u Dyantyi uthe bayathemba ukuba uzowenza ngendlela umsebenzi wakhe kwaye akazukulawulwa ngabo bangasentla kuye bemxelela ukuba makutshutshiswe bani kuyekwe bani. ” Siyathemba ukuba zonke ezingxaki azizobangela ukuba kube nzima ukwenza umsebenzi wakho. Urhwaphilizo alohlwaywa, kwaye kufuneka uqinisekise ukuba abo banomqolo bafuna ukwenza ubulungisa kwi Hawks abazukutshutshiswa.  Akukho mntu wophula umthetho ozakusinda” utshilo lo ka Dyantyi kumsitho ububanjwelwe  kwiholo laseLuhlaza High.

Abahlali ebebezimase umsitho eLuhlaza High e Khayelitsha ngolwesibini. Umfanekiso uthathwe ngu Mzi Velapi

Ngexesha ebenikeza intetho, ujaji Kgomo uxelele abahlali ebebephuma kuzo zonke imbombo zesixeko seKapa ukuba urhwaphilizo luchaphazela abantu abahluphekileyo ngakumbi. ” Urhwaphilizo lungumqobo endleleni yophuhliso. Kwesi sikhundla ndizomela wonke umntu ingakumbi abantu abahluphekileyo nabo bangakwazi ukuzithethelela, kwaye akufunekanga sibathathe kancinci abantu”, utshilo oka Kgomo ongena ezihlangwini zalowo walishiyayo eli uEssa Moosa.

Also read:  Otyholwa ngokubulala itsha-ntliziyo lomzabalazo womhlaba ufumene ibheyile

Ethetha nonondaba umphathiswa wamapolisa uBongani Mkhongi uthe eyona ndlela yokulwa urwhaphilizo kumashishini abucala kukuqinisekisa ukuba ookhetshe bafumana izixhobo nabantu abawaziyo umsebenzi wabo. ” Jonga ngoku ziphi ezankampani zokwakha ezanyusa amaxabiso, kwenzekani kweza nkampani zenyusa isonka, ndithetha nawe nje iphi lenkampani ye Steinhof eyenza ubuqetseba” ubuze ngelitshoyo lo ka Mkhongi ofike phantse emva kweyure ezimbini kulo msitho kulindwe yena.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.