Ushicilelo lukanomathotholo oluthetha ngendima yamanina kwimibutho yabasebenzi kwizwekazi le Afrika

Umfanekiso oqingqiweyo obonisa indima edlalwa ngamanina kumzabalazo. Umfanekiso uthathwe kwi www.saha.org.za
Africa

Kudala abantu abangomama badlala indima ebalulekileyo emzabalazweni. Abantu abangomama abangathathi-ntweni abamnyama babephambili kumzabalazo wokuthathwa kwezwekazi ngabo bamhlophe ababesuka eYurophu. Ingxelo yamazwe asibhozo eyenziwe yi African Labour Research Network iveza ukuba bambalwa abantu abangomama kwimibutho yabasebenzi nangona ingabona abaninzi.

Esi siqendu silandelayo saqulunqwa ngonyaka ka 2014 kwaye sithetha ngezizathu ezibangela ukuba abantu abangomama bangathathi inxaxheba kwimibutho yabasebenzi kwaye zintoni ezibangela ukuba bangathathi izikhundla zobunkokheli.

Imibutho yabasebenzi yeyona inokwazi ukulwela ukucinizelwa kwamanina kwaye ukuba benza ngendlela akunakuphelela kwimiqulu koko ingayinto enokuqala endaweni zemisebenzi inwenwele ekuhlaleni. Le mibutho yabasebenzi kufanele ifake uxinizelelo kwabo baphetheyo ukutshintsha imeko yokuphila yamanina ukuze akwazi ukuthatha inxaxheba ngokukhululekiyo kwizinto zoluntu.

 

Also read:  Bafundela kumagumbi ethutyana kwa-Faku

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.