Abahlali bafuna umthetho ube gadalala kwabo baxhaphaza amanina

Le nkosikazi uNomabhongo Ndondo wagalelwa ngamanzi yindoda athandana nayo kuba isithi akazange abonakalise inkathalo xa yayisithi lendoda ibuyela kwisidala sayo.

Bavakalise ukudineka abahlali ngendlela umthetho osebenza ngayo ukuqinisekisa ukuba amadoda axhaphaza abasetyhini ayavalelwa kwaye akayifumani ibheyile.

Khayelitsha Magistrates' Court, Walter Sisulu Road, Cape Town, South Africa

Amanenekazi aseKhayelitsha athi onele ziziganeko zokuphathwa gadalala ngamadoda kwaye bafuna umthetho udlale indima yawo. Oku akuvakalise oku ngexesha indoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe ubudala ebivele kwinkundla kamantyi eKhayelitsha ngezityholo zokuzama ukubulala inenekazi ibithandana nalo.

Lendoda ityholwa ngokuba yagalela ngamanzi abilayo uNomabhongo Ndondo oneminyaka engamashumi amahlanu ubudala, ngenxa yokuba ebonakalise ukungakhathali xa imxelela ukuba ibuyela kwinenekazi eyayithandana nalo ngaphambili. Ngethuba ibanjwa lendoda yabekwa ityala lokuxhaphaza ngenjongo zokonzakalisa, kodwa emva kwengxelo zikagqirha ezichaze ukuba umonzakalo mngakanani na siye isimangalo saguqulwa yaba seso sokuzama ukubulala.

Ophuma kumbutho olwela olwela amalungelo oluntu kwezobulungisa iSocial Justice Coalition uNontando Mhlabeni uxelele i Elitsha ukuba bayasigxeka kabukhali esi siganeko kwaye umnqweno wabo kukuba umrhanelwa angayifumani ibheyile. “Inkundla zethu azibonakalisi ukusebenza ngendlela eyiyo ukuze kunciphe impatho-gadalala ngakumanina,abantwana nabantu abathandana besini sinye”, utshilo loka Mhlabeni.

Inkundla ibizele imenge ngembambo ngabahlali ebebeyokubonakalisa inkxaso kusapho lexhoba besithi abafuni akhululwe ngebheyile umrhanelwa. Sithethe no Noliyema Swaartbooi othe “ andihambisani kwaphela nalento, imanyuku-nyezi into eyenziwe ngulomntu uthi uyindoda kwaye ndingomnye wabantu abazakuqinisekisa ukuba akakhululwa ngebheyile”. Ukanti uThandi Msuthu ongusekela shlalo weKhayelitsha Development Forum uthi “ ityala lethu mabhinqa liyintoni kanti? Le ndoda ayifanelwanga kukuphuma apha iyokuhlala nabantu, mayivalelwe kwesimnyama isisele”.

Ngethuba ebuzwa malunga nesicelo sebheyile umrhanelwa uxelele igqwetha lakhe ukuba akazokusifaka isicelo sebheyile. Inkundla ive ukuba unamatyala olwaphulo-mthetho nanjengoko wayeke wabanjwa izihlandlo ezintathu nalapho wagwetywa kwelinye lwawo. Kuye kwadizwa ukuba isiganeko sokutshisa le nkosikazi usenze ngethuba ekhululwe ngebheyile kwityala lokophula isithintelo senkundla esasifakwe ngakuye.

 

Also read:  Isikolo esiphuma emagqabini sichaze imfihlelo yaso

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.