Inkwenkwana eneminyaka emibini ibulewe ngokumasikizi eKhayelitsha

Umntana kaAndisiwe Fadana ubulewe ngokumasikizi ngelixa yena egcuma zintlungu esibhedlele. Umfanekiso siwunikwe.

Kuyaqhubeka ukubulawa nokuphathwa gadalala kwabantwana namanina kwilokishi nasemaphandleni eli. Isiganeko sakutshanje senzeke kwilokishi yase Site B eKhayelitsha.

Khayelitsha, Cape Town, South Africa

Kunangoku abakayikholelwa abahlali bakoBM eKhayelitsha into yokubulawa ngokumasikizi kwenkwenkwana eneminyaka emibini ubudala kanye ngomhla wePasika. Ongumququzeleli  kumbutho olwelwa amalungelo abantu ekuhlaleni, iSocial Justice Coalition, unkosikazi uNontando Mhlabeni uthi isiganeko  sokubulawa komntwana ngokubethwa ngentonga yegalufa entloko sisiganeko esihlasimlisa umzimba ekwatyhola nokudlwengulwa konina womntwana uAndisiwe Fadana nongcuma zintlungu kwesinye sezibhedlele zikarhulumente eNtshona Koloni.

Ixhoba nelinamashumi amabini anesithathu eminyaka ubudala belihlala lodwa kwityotyombe. OkaMhlabeni uthi ukuhlala wedwa xa ungumama akuniki nabani na igunya lokuba enze into ayithandayo ngobomi bakho.

Uthi okokuqala wonke umntu ngokomgaqo siseko weli lizwe unelungelo lokuphila esitsho kananjalo ukuba akukho nabani na onelungelo lokuxhaphaza yaye athathe ubomi bomnye umntu. Lenkosikazi ithi umthetho kufuneka udlale indima enkulu ekubanjweni nasekutshutshisweni kwabo babandanyekayo. Woleke ngelithi umthetho mawuzame indlela onokuthi wenze ngayo umzekelo wokuba ahlonitshwe amalungelo abantwana namanina, uthi ubu ethe-ethe bamanina nabantwana abuniki nabani na ilungelo lokuba abenempatho gadalala kungenjalo abulale.

Omnye kubahlali ongavumanga ukudiza igama uthi umntwana ubethwe ngalentonga yegalufa ze wafakwa ilaphu emlonyeni. Ekwatyhola ngelithi lo wenze elisikizi ebencuma nonina wexhoba kuba bebe kunye ngobusuku obandulela iPasika ngethuba beqhuba amatakane besuka kumzi wentselo.

Ukanti ziwephantsi iinzame zethu ukuzama ukufumana ingxelo kwabakwantsasana nekukholeleka ukuba kuqhutywa uphando malunga nesisiganeko.

Also read:  Batyityimbiselwe umnwe oonqevu eKhayelitsha

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.