Abezempilo benza uvavanyo lwesifo sephepha kwizikolo zaseKhayelitsha

Ngexesha kucaciselwa abafundi baseNtlanganiso ngesipho sephepha nesikaGawulayo. Ithathwe ngu Phinda Kula.

Uvavanyo lwesifo sephepha luyaqhubeka kwizikolo zaseKhayelitsha ukuzama ukuthintela esi sifo nezinye evame ukuhamba nazo.

Khayelitsha, Cape Town, South Africa

Ayaqhuba amaphulo okuqatshelwa kwesifo sephepha kanye ngalenyanga yoKwindla ebekelwe bucala ukuqwalasela isifo sephepha kwimimandla eyohlukeneyo kweli loMzantsi Africa.

Abakwa Medecine Sans Frontiers iMSF ngamafuphi bephelekwa yimibutho yezonyango eyohlukeneyo equka isebe lezempilo kwisixeko esimbaxa saseKapa, iKhaya Vac ephantsi kwedyunivesiti yaseKapa baye babelena ngolwazi ngezempilo nabafundi kwisikolo samabanga aphakamileyo Intlanganiso eSite C, Khayelitsha.

Abafundi bafundiswe ngezifo eyohlukeneyo ezifana nesifo sephepha iTuberculosis, intsholongwane kaGawulayo iHIV& AIDS nalapho banikwe izixhobo zokuba umntu angakwazi  ukuzihlola ngokunokwakhe kwikhaya lakhe esebenzisa isixhobo esibizwa ukuba yiOral Self Testing iOST ngamafuphi.

Le OST umntu uyakwazi ukuzihlola eyedwa esebenzisa esisixhobo nesisetyenziswa ngokuthi usikhuhle kwntsini kwaye ukwazi ukufumana iziphumo ngoko nangoko. Kodwa xa umntu ethe wafumana ezixhalabisayo uyakwazi ukundwendwela amacandelo ezempilo.

Ophuma kwaMSF uThobelani Mayiya ugxininise ngelithi intsholongwane yeHIV ayifumaneki ngokuncamisa koko uthi xa usele unayo iyabonakala xa usebenzisa esi sisixhobo.

Intlanganiso sesinye zesikolo esinenani eliphezulu labantwana abathwaxwa sisifo sephepha eNtshona Koloni. Ingingqi yaseSite C iphahlwe kakhulu zindawo zogobityholo nezixineneyo ezibangela kubelula ukunwenwa kwesifo sephepha kuba akukho moya waneleyo yaye luninzi ungcoliseko.

Ukanti isebe lezemfundo liye layokwenza imvamvanyo yabantwana besikolo samabanga aphantsi eSokumlandela e Site B kule veki iphelileyo. Abantwana abangamakhulu anamashumi amabini anesihlanu baye bavavanywa phantsi kweliso labazali nabo babajongileyo.

Okudizwe nguEleanor Sopili oligosa elikhuthaza ngezempilo ezingcono(Health Promotion Officer) kwezempilo kwisixeko saseKapa. Uthi bakhethe ukuza kanye kwesasikolo ngenjongo zokufundisa abafundi ngempawu zesifo sephepha. Ekwatsho kananjalo ukuba isifo sephepha siziqu  ezintathu ezohlukeneyo eziquka leyo ibizwa ukuba iqhelekile nethatha isithuba senyanga ezintandathu ukuze inyangeke ze kubekho ezinkulu iMDR neXDR nadiza ukuba zithatha ithuba elide phambi kokuba zinyangeke.

Ukanti a bafundi balivuyele kakhulu elithuba nanjengoko besiya kwiholide zepasika nabathe baxhotyiswa ngezikhuseli ( Condoms) bekwafumene nenkqubo yocwangciso ukuzama ukuthintela uzalo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.