Urhulumente udilize izindlu kwindawo yogobityholo

Impahla yabahlali ilayishwa kwisigadla isimka nabaseburhulumenteni. Umfanekiso ngoka Phinda Kula

Ngexesha ibisina kakhulu imvula abahlali kwindawo ekufutshane ngakwindawo yombengo e Town 2 eKhayelitsha bememanxada-nxada bezama ukusindisa impahla yabo ukuba ingathathwa ngabaseburhulumenteni.

Khayelitsha, Cape Town, South Africa

Ngamatyotyombe angahlali mntu angaphaya kwamakhulu amabini athe atshatyalaliswa namhlanje cebukuhle nasembengweni eTown 2 eKhayelitsha eKapa. Oku kuza emva kokuba abahlali bangena ngetshova kulomhlaba ongasemajonini ngenxa yokungabina ndawo zokuhlala nokoyiswa yirenti kwindawo abahlala kuzo.

“Ndixheleke ngaphakathi entliziyweni ukubona ityotyombe lam liphantsi, lichithwe ngendlela engeyiyo. Bendisaqokela impahla zendlu phambi kokuba ndilahlale kulo nanjengoko bendligxumeke kwiveki ephelileyo” utshilo uThulani Mbonda onamashumi amathathu anesithandathu eminyaka ubudala.

LokaMbonda uthi ebenxusile eGreen Point kwalapha eKhayelitsha nalapho ebehlawula irenti yamakhulu amane anamashumi amahlanu erandi rhoqo ngenyanga. Uthi eyonanto ebangele ukuba azisikele isiza kulendawo kungenxa yokuba ephulukene nomsebenzi wakhe. Kungokunje akanayo imali yokuhlawula iRenti yaye unabantwana ababini abajonge kuye.

Ukanti uVeronica Mntyingizane uthi ukuhamba kwindawo ebehlela kuyo  eze kule ndawo kuza kwenza umehluko ngalemali yeRenti kuba akanabani uhlala nomzukulwana wakhe kuphela oneshumi leminyaka ubudala.

Lamatyotyombe  adilizwe ngamagosa aphuma kwisebe lezindlu kwisixeko esimbaxa saseKapa bephelekwa ngamagosa enkonzo zonyanzeliso-mthetho ngexesha ibidyudyuza imvula. Ngethuba kutshatyalaliswa lamatyotyombe bambi kubahlali bebe semisebenzini logama intlungu ibhalwe ebusweni kubahlali bebukele ukuchithwa kusonakaliswa ngokungenalusini izindlu zabo.

Bambi kubo badize ukuba khange baziswe ukuba kuzakuchithwa amatyotyombe abo nanjengoko abanye bebesenkomeni kwaye bazakuthi babuye bengenandawo zokuqhusheka iintloko. Uninzi lwamatyotyombe lwakhiwe ngamaziki amatsha.  La magosa aye athatha kwanto kuquka izixhobo zokwakha nanjengoko ziye zalayishwa kwizigadla zithathwa sisixeko.

Abahlali ngexesha kudilizwa izindlu zabo bebengekho. Umfanekiso uthathwe ngu Lumkile Sizila

Kananjalo othethela amapolisa wesixeko uWayne Dyason uthi inkonzo zonyanzeliso-mthetho azinasandla ekutshabalaliseni amatyotyombe koko zibeke phantsi kweliso elibukhali imeko kuba isebe lezindlu kwisixeko liqashe abantu babucala ukutshabalalisa amatyotyombe. Abahlali baqala ukuzisikela iziza kulomhlaba kwinyanga ephelileyo.

Ophuma kumbutho olwela amalungelo oluntu iSocial Justice Coalition (SJC) umnumzana uAxolile Notywala uthi siyabothusa isixeko esimbaxa saseKapa ngendlela esiqhuba ngayo ngokungena singabhungisanga sichitha amatyotyombe wabantu ngelithi lomba sele ukwinkundla zamatyala.

Also read:  Luyaqhanqalazelwa unyuko lwamaxabiso ka loliwe

Ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ezayo uzakubuyela kwakho enkundleni umbutho iSJC malunga nokuthathwa komhlaba ngenkani kwindawo ezohlukeneyo kweli leKapa.  Ngenyanga yoKwindla, lombutho  wathi waphuma ngendlu ubambe umngcelele nalapho yayiqhankqalazela umhlaba ngelithi izakuwuthatha nokuba asithanda isixeko ngelithi le yimihlaba yokuhlala yabahlali.

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.