Isixeko seKapa sityhola abahlali basematyotyombeni ngokuxinga kwedreyini

Onguceba walengingqi, uthi unobangela wokuxinga kwedreyini kukuba imibhobho eyafakwayo mincinci kwaye ayikwazi ukumelana nomthamo kwanokukhula kwale ndawo. Umfanekiso ngu Anathi Mlonyeni

ISixeko sithi ukulahlwa kwezinto ezingafanelekanga kwidreyini ngabantu abahlala eKosovo kuko okubangela ukuxinga kwedreyini kule ngingqi.

Isixeko saseKapa sityhola abahlali  bendawo yamatyotyombe iKosovo nelokishi yaseSamora Machel ngokuba ngunobangela womoshakala kwemibhobho yelindle ekuhlaleni.

Sekuyinto esisiqhelo ukutsiba-tsiba bephephana namanzi amadaka adibene nelindle kubahlali base Kosovo nase Samora Machel. Isixeko sithi ukulahla izinto ezingafanelekanga  kwidreyini  kuko okubangela ukuvaleka kwalemibhobho kule ndawo yase Kosovo.

“ Eyona nto ibangela ukuvaleka kwalemibhobho kuquka ukulahlwa kwezi zixhobo zokwakha , ukutya kunye nezinye izinto ezingafanelanga kulwahlwa pha. Amafutha xa elahlwe edreyinini aye aqine avale lemibhohbo yelindle abengathi eyiglu atsale amaphepha , inwele kunye nenye inkunkuma. Oku valeka kwezidreyini kuye kwenze kubenzima ukuba zicocwe, utshilo uJyothi Naidoo othethela isixeko saseKapa.

Uceba wale ngingqi  enguwadi 88 uSiphiwo Nqamnduku uxelele iElitsha ukuba oyena nobangela wokuvaleka kwalemibhobho yelindle kubangelwa yindlela eyathi yakhiwa ngayo. UNqamnduku uthi mincinci imibhobho ehambisa ilindle kulendawo kwaye iyohlulakala le mibhobho ngenxa yokukhula kwenani labantu abayisebenzisayo.

“Ndiyasixelela rhoqo isixeko saseKapa xa kuvela ingxaki ngale mibhobho base  bafunxe ubumdaka, abanacebo lokuyilungisa ngokusisigxina lengxaki,” utshilo uNqamnduku.

IKosovo ngamatyotyombe akwindawo yesePhilippi. Ngokwengxelo ka 2016 iKosovo likhaya kubantu abangama 14 380 abahlala  kumakhaya angama 5824.

Abahlali bayavutha ngumsindo ngenxa yogutyulo lwelindle olungekho kwisimo esisemgangathweni nanjengoko igqabhuka oko emveni nje kolungiswa imibhobho yelindle kulendawo.

Abahlali bakhalaza ngevumba alinganyamezelekiyo abaphila nalo umhla nezolo kwaye bakwaxhalabela nempilo yabo. U Nokwanele Sahluko ohlala phambi kwenye yezi dreyini uthi ziyabagulisa kwaye bafuna ivalwe leya kuba isondele kakhulu ezindlini zabo.

“Yasoloko imdaka kwaye iphuphuma, abaphathi bethu abafuni tu ukuyivala bathi yiyo ethwele zonke idreyni eKosovo, utshilo uNokwanele. Unyana wakhe omncinci wakhe watshona kule dreyini , waleqiswa esibhedlele ngokhawuleza waphuma irhatshalala enganyamezekeliyo.

I World Health Organisation (WHO) ithi indawo ezinogutyulo lwelindle olungekho semngangathweni ziyingxaki kuba ilindle liye lingcolise amanzi la bawasebenzisayo. Lento ke ibangela ukusasazeka kwezifo ezinje ngesisu esingapheliyo kunye nesifo sotyatyazo kwaye basemngciphekweni wokufumana nezinye izigulo ezisuka kulomhlaba ungcoliswe lilindle.

Also read:  Isixeko asinasingcwangciso sokuphuhlisa indawo yamatyotyombe angakwindlela iBaden Powel

Ukanti uOlwethu Matsibisa omnye ongumnini wevenkile kule ndawo yase Kosovo uthi elilindle luyayichaphazela kakhulu ivenkile yakhe kwaye uyadleka kakhulu ngokwasemalini. Uthi ezinye izinto zevenkile ziyamoshakala kuba ilindle liyayivala indlela engena ngaphakathi evenkileni, bayazama ufuna amancedo kumasipala kodwa akekho umntu obancedayo.

“Kuye kunyanzeleke ukuba ndiqashe itraki iyondikhelela isanti ndizoyidiba apha phambi kwevenkile ndisenzela abathengi bam indlela yongena. Ayikhuselekanga ebantwaneni lendawo ngoba ihlale imtyibilizi,” utshilo loka Matsibisa esongeza kananjalo ukuba  isixeko seKapa asibakhathalelanga kwaphela abantu abahlala ematyotyombeni.

Isixeko sikhupha imali engange R250 yezigidi zerandi ukujongana nogutyulo lwelindle minyaka le olubangelwa kulahlwa kwezinto ezingafanelanga  kwidreyni, utshilo uNaidoo. Kwelinye icala oka Matsibisa uveze ukuba  bafumana  iplastiki ezimbini qha qwaba abathi bafake inkunkuma kuzo emva kwesithuba seveki ezimbini.

“Ngelishwa ukuba abahlali basaqhubeka bengazikhathaleli idryeni zabo zisezoqhubeka zigxinge,” utshilo uNaidoo.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.