Ukungabikho kwendawo zokuzonwabisa eScenery Park kubalulwe njenge ngxaki

Iqela lebhola ekhatywayo luziqeqesha kwindawo engalulenga ukuba libala lebhola. Umfanekiso uthathwe ngu Johnnie Isaac

Ukuzonwabisa ngeziyobisi ezifana notywala nendawo zentselo sele iyinto eqhelekileyo eScenery Park

Isehlo sokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini kwindawo yobumnandi, Enyobeni, eScenery Park iyenye yezinto ezibonisa ukungabikho kwezinye iindlela zokuphuhlisa nokonwabisa ulutsha ingakumbi ezemidlalo. Imiphumela yoku yeyokuba abantwana bathi bazibandakanye neziyobisi kunye neendawo zentselo.

Ngexesha enodliwano-ndlebe ne Elitsha umqeqeshi we-Karate, uThabo Maseti, ubalule ukungabikho kweendawo zokuqeqesha nokuqhelanisa abantwana neKarate. “Italente ikhona apha, imidlalo ekhoyo apha eScenery park yiKarate yibhola yomnyazi kunye nebhola ekhatywayo, kodwa awekho amaholo okwenza ezinye iinkqubo zokuphuhlisa abantwana ekuhlaleni,” utshilo uMaseti.

Ezemidlalo azinikwanga ngqwalasela ngokupheleleyo ezikolweni njengakudala kwaye oku kungqinwe ngumhlali uThobeka Sparks othe, “Abantwana ngoku basebenzisa iziyobisi  kuba banesithukuthezi. Kwaye abantwana bayazenza izinto ngokuzimisela xa into isuka esikolweni.”

Lo kaSparks uthe, ukungasiwa iliso kwezemidlalo ezikolweni akuncedisi ekuphuhliseni abantwana kwaye enye yemiceli-mngeni ejongene nayo i-Scenery Park kuku khulelwa kwabantwana nokusetyenziswa kweziyobisi ngabantwana. 

Isithethi sikaMasipala Ombaxa i-Buffalo City uSamkelo Ngwenya ungqinile ukuba azikho izibonelelo zemidlalo eScenery Park kodwa bazakubuyela eScenery Park bayobuza abahlali ngezinto abazifunayo.  

Ukusela utywala kuza nenkxwaleko kwaye kubeka impilo yomntu esichengeni, oku kutshiwo yi-Association For Alcohol Responsibility and Education (Aware.org). Ophuma kwi-Aware.org uFelicity Pegram ubalule ukusilela esikolweni njengenye imiphumela yokusela kwabantwana abancinci.

“Ukuselwa kotywala ngabantwana kuphazamisa indlela abaqhuba ngayo ezifundweni. Oku kuquka nokunyuka kwamanani okungabikho esikolweni,” utshilo uPegram. 

Ukuqinisekisa ukuba utywala abufikeleleki ezandleni zabantwana luxanduva loluntu jikelele. Abe- Aware.org bathe kufuneka kuthintelwe ngamaxesha onke ukuthengiselwa nokuba bunikwe abathengi abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) utywala.

Lo kaPegram wongeze ngelithi ukusetyenziswa kotywala kuchapazela ikamva lomntu ngokomsebenzi yaye kwandisa ukuziphatha okuyingozi ngokwesondo kunye nokwanda kwamathuba okusetyenziswa kwezinye iziyobisi.

“Ishishini lotywala alikukhuthazi ukusela utywala kwabantwana kwaye kukho imfuneko engxamisekileyo yokugxila ekunyanzeliseni komthetho kunye nokuxhobisa uluntu ukuba luchaze izehlo zabantu abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) ukuba bafikelele etywaleni. Amapolisa nabo basemagunyeni botywala kufuneka bathathe amanyathelo malunga noku”, utshilo uPegram.

Also read:  Ugwetywe iminyaka eyi-18 ofunyenwe enetyala lentiyo ngokubulala othandana nesini esinye

Abe-Aware.org bakhuthaza abathengisi botywala ukuba bacele ukubhengezwa kwesazisi kwiimeko apho bakrokrela ukuba umthengi unokuba ngaphantsi kweminyaka esemthethweni yokusela.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.