Isikolo esiphuma emagqabini sichaze imfihlelo yaso

Ngonyaka ophelileyo esi sikolo sifumane u 100% kwi Zibalo u 98% kwiNzululwazi. Umfanekiso uthathwe ku Facebook wase Ulwazi.

Inqununu yesisikolo ithi imfihlelo yesisikolo yokusoloko iphuma emagqabini minyaka le yingqeqesho kunye noxanduva oluthi luthathwe ngumntu wonke.

Isikolo esi kwilokishi erhanqwe yintlupheko nentswela-ngqesho eMdantsane siyaqhubeka ukuzenzela indumasi kwicala lemfundo. Kulo nyaka uphelileyo nango 2020 kuphumelele wonke umfundi webanga leshumi kwesi sikolo kwaye siyaqhubeka ukunqenqeza phambili kwi sithili iRubusana iphela.

Esi sikolo sikwa NU2 sityhala ngesifuba ukunyusa izinga leziphumo ingakumbi kweZezibalo neNzululwazi. Esi sikolo sigqiba into engapha kweminyaka emihlanu siphuma emagqabini kwiziphumo zabafundi bebanga leshumi.

Inqununu yesisikolo, uEdmond Makhalima owafika elityendyana elineminyaka engamashumi amabini anesine (24) kuphela ngonyaka ka-1978 engumfundisi-ntsapho ohlohla izifundo Zezibalo ubalule wathi, “Kuleminyaka idlulileyo sinomfundisi-ntsapho uGashe, saqhaphela ukuba ekuhlaleni zininzi izinto eziye ziphazamise abafundi baphele benga qhubi kakuhle ezifundweni. Yiyo lo nto siqinisekisa abantwana bayasuka eluntwini nakwiziphazamiso, bahlale esikolweni ngexesha lemviwo.”

Nangona esi sikolo siphuma emagqabini minyaka le kwizifundo zonke, siya silela ngasemva kwizixhobo zokufundisa ezithi ziqinisekise ukuba abafundi bayayazi lento kuthethwa ngayo.

 “Asinayo ilebhu yokufundisa abafundi ngeKhemesitri. Siphila ngokuzizoba ezinye izinto ezidingekayo kubafundi, okanye bazobele abafundi umfanekiso-ngqondweni xa ililixa lokwenza imifuniselo,” utshilo uMakhalima.

“Ukuze sifunde iKhemesitri, utishala wethu weNzululwazi, ngamanye amaxesha uye akhuphe kwipokotho yakhe, athenge lo nto siyidingayo okanye azame ukusizobela umfanekiso ngqondweni walonto. Umzekelo imayikroskopu ukuze sibenayo wayithenga ngokwakhe,” utshilo uLikhona Mbenya (18) umfundi webanga leshumi owenza izifundo Zezibalo neNzululwazi.

Esi sisikolo sesokuqala ukufumana u-100% eMdantsane uphelele amatyeli amaninzi, sisuka ku28% ngonyaka ka 2009 ke phofu. Inqununu yesisikolo ithi imfihlelo yesisikolo yokusoloko iphuma emagqabini minyaka le yingqeqesho kunye noxanduva oluthi luthathwe ngumntu wonke. Ubalule abafundi, abazali kwakunye nokuqesha abafundisi-ntsapho  abasebancinci abaphuma eziDyunivesithi beze ngobuso elizweni.

“Apha sifundisa abantwana asifuni ziphazamisi, abafundi bonke mabafane, kwaye babe ngabantu abathatha uxanduva ngalo lonke ixesha ngaphandle kwamabali. Yilonto isikolo sethu siqala ngentsimbi sesixhenxe siphume ngentsimbi yesithandathu mihla le kumabanga onke,” utshilo uMakhalima.

Also read:  Bhodl’ingqaka: “Ndinexhala yindlela endibona isiXhosa sidodobala ngayo.”

Ukuqinisekisa ukuba iphuma emagqabini ingakumbi kwizifundo Zezibalo neNzululwazi i-Ulwazi isebenzisana ne-Maths and Science Infinity Organization eqhutywa ngu Zeneth Tsengwa,

Lo mbutho uneminyaka esebenzisana nesi sikolo ukuphuhlisa inani labafundi abaphumelela izifundo Zezibalo neNzululwazi

“Sinabahlohli be Zibalo ne Nzululwazi abancedisana nesikolo mihla le kwaye aba hlohli bethi siye kuqala sibanike uqeqesho phambi kokuba sibafake esikolweni,” utshilo uTsengwa.

Ababahlohli eUlwazi bancedisa ukunyusa izphumo kwaye baphinde bancedisa wonke umfundi othe akacacelwa ncam xa umfundisi-ntsapho efundisa.

IMaths and Science Infinity Organization ine ofisi kulo lonke eli lasemzantsi nabahlohli abazingcaphephe kwiZibalo neNzululwazi. eUlwazi ababahlohli bancedisa ukuqala kwibanga lesibhozo uyothi ga kwibanga le shumi.

Ngonyaka ophelileyo esi sikolo kwizifundo Zezibalo sifumane u100% kwiNzululwazi safumana u98%.

“Luninzi uxinizelelo xa ungumfundi wase Ulwazi, kwaye asiyifumani esikolweni kuphela kodwa nangaphandle abantu basijonga ngezikhondo zamehlo belindele okuhle kodwa kuthi ngalo lonke ixesha, kwaye xa ungumfundi apha izinto ezinzi uye uzincame,” Utshilo uAsenathi Skritshi (17) umfundi webanga le shumi.

Abafundi bebanga le shumi bathi bachithe inyanga yeSilimela neyoMga minyaka le esikolweni belungiselela imviwo kude kuluntu neziphazamisi. Lenkampu yababafundi inkxaso bayifumana kubantu aba be funda kwesisikolo abasele bephumelele kunye nokungena kwindawo ngendawo becela amalizo.

Umfundisi-intsapho weZibalo uAndile Ntshotovu, obe ngumfundisi wababafundi abathi bafumana u100% kunyaka ophelileyo uthi inkampu yeyona nto ibancedayo ukuze ba phumelele emagqabini.

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma-Koloni uMalibongwe Mtima uphawule wathi izikolo ezingenazo ilebhu yeNzululwazi kungenxa yohlahlo lwabiwo lwemali. Lo ka Mtima woleke ngelithi iphondo iMpuma-Koloni belisoloko linezinto ezingekho mgangathweni kodwa urhulumente uzama kangangoko ukulungisa oku.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.