Bafundela kumagumbi ethutyana kwa-Faku

Banikwe izindlu zokufundela zethutyana abafundi besikolo samabanga aphantsi bakwa Faku kwilokishi yase Lower Crossroads eKapa . Oku kusemva kokuba abazali ababevutha ngumsindo basivala esisikolo ngomhla wama 14 kweyoMdumba bekhalazela ukungakhuseleki kwabantwana babo, nezithembiso ezingafezekiswayo lisebe lezemfundo lase Ntsona Koloni lokulungiswa kwendonga zesikolo.

Ababazali babexhalatyiswa sisimo sesisikolo esingentlanga nalapho isakhiwo saso sibonakala ukuba singawa nangaliphi ixesha, nanjengokuba kubonakala udonga lwaso luchachambile nekukholeleka ukuba sakhiwe nge mpahla ekumgangatho ophantsi. Iifesitile kunye nezindlu zangasese zasisele zingasebenzi kwesi sikolo. Lonto ibisenza ukuba impilo zabantwana kunye notishala zibe sesichengeni.

Omnye wabazali onomntana ofunda apha nokwangumsebenzi wesisikolo uZiphilele Rhashube uthe abanokwazi ukulinda kude kubengu nyaka ka 2019 ukuze kwakhiwa isikolo. Balindele ukuba siqaliswe ukuchitwa isikolo kwinyanga yesilimela zesigqitywe kunyaka ozayo. Uthe okwangoku akukabikho mceli-mngeni sebeyifumene ngokuphathelele ekusebenziseni lamagumbi ethutyana. Babulela nje ukuba impilo zabo nabantwana besikolo zihlangulwe emgciphekweni.

Ngenxa yalemeko abafundi nabazali besi sikolo baye baqhanqalaza ekuqaleni kwalo nyaka http://wwmp.org.za/elitsha/2017/04/08/philippi-residents-demand-decent-school-building/

Esisikolo sase Lower Crossroad sakhiwa ngomnyaka ka 2000 kwaye saqala ukusebenza ngenyanga yeKhala. “ Kwathi ngenyanga yeThupa kwabe sekungena intlanganiso ezingesimo sesikolo, kudala ingxaki zomgangatho namadonga esi sikolo axukushwa kwaye nesebe laziswa ngemeko,” itshilo inqununu yesikolo uMaureen Figlan. Isikolo sakhiwe nge Styrofoam ( into efana necup yephepha).

Abahlali bebonisana ngendonga ezichachambileyo zesikolo. Ithatyathwe ngu Mandla Mnyakama

“ Ingxaki esijongene nayo ngoku yingqele kuba kusebusika nokubancinci kwamagumbi. Izinto zisame ngekharibhodi kwaye zange sibenalo ixesha lokupakisha kakuhle. Ukanti njengoko isikolo esidala singekachithwa sekukho umonakalo osele wenziwe. Silahlekelwe zikhamera phayana.” utshilo lo ka Figlan.

Omnye wabazali onomntana owenza ibanga lesibini uBongiwe Soni uthe imonwabisile into yokubona ukuba urhulumente ude wasiva isikhalo sabo. “Ibingandonwabisi into yokwazi neyokubona ukuba esisikolo singawa nanina, nanjengokuba lwalukhe lwemka nomoya uphahla lwaso kwixa elingaphambili. Bendisoloko ndicingela ukhuseleko lwabantwana kuyo lemeko sikuyo. Lamagumbi ethutyana noko akususile ukuxhalaba kuthi bazali,” uphawule watsho.

Also read:  Imibutho yoluntu ixelele ijaji yokhetshe ngamakakwenze

Isithethi sesebe lezemfundo uMillicent Merton uqinisekisile ukuba isikolo sakwa Faku siyakubanakho ukwakhiwa ngomnyaka ka 2019.

Inqununu yesikolo u Maureen Figlan uthe uyaqala ukuyiva ukuba isikolo sizakwakhiwa kunyaka ka 2019. “ Abantu abaqhuba lenkqubio basixelela ukuba nabo abaqinisekanga ukuba ukwakhiwa kuzoqala nini, ndiyothuka xa u Millicent exelele nina ukuba sizokwakhiwa nini”.

 

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.