Imbongi yomthonyama yenze umbongo ojoliswe kumadoda abulala abantu abangomama

U Siyakha Macaula uthi wazibona ukuba uyakwazi ukubonga emngcwabeni ka makhulu wakhe. Umfanekiso siwunikwe nguye.

Ngexesha apho ukubulawa, ukudlwengulwa, impatho-mbi nokunyamalala kwabantu abangomama ngamadoda kwanabo bathandana nabo kuyinto esendabeni kwaye kuqhanqalazwa imini nezolo ngenxa yalemeko, inenekazi eliyimbongi yomthonyama nalo livakalise elalo ilizwi kule meko.

U Siyakha Macaula unombongo othi Ziyemka iinkomo magwalandini, lombongo ubhekise kwintlungu awayeyiva ngokubulawa kwabasetyhini, wawenza lombongo ecinga ngo Uyinene Mrwetyana, Jesse Hess, Leighandre Jegels,Janika Mallo, Lynette Volschenk, Meghan Cremer kunye nabanye.

U Siyakha uthi lombongo uwenze emveni kokudlwengulwa nokubulawa kwamanina.

Elinenekazi lineminyaka engamashumi amabini anesine, likhule liyintombi ethanda ukudlala namakhwenkwe, ekukhuleni kwakhe wayethanda ukudlala imidlalo efana nebhola ekhatywayo, iqakamba kwaye wayethanda nozingela.

Lentokazi yazalwa ngu Madoda Macaula no Lulama Phikiso eKapa ngonyaka ka 1995.

Uthi waqala ukuzazi ukuba uyakwazi ukubonga kwakungo nyaka ka 2007 apho kwakusweleke umakhulu wakhe.

“Usweleka kukamakhulu wam, abanye abantwana basekhaya babethetha ngezinto abazokuzenza njengomdaniso nokucula kodwa mna ndandingayazi ukuba ndizakwenza ntoni kodwa kwathi kwakufika ixesha kwakho into ethi mandiphakame, nam ndenza njalo ndavele ndathetha,” utshilo xa ebalisa ngokuqala kwakhe ukuzazi ukuba uyakwazi ukubonga.

 Ugqithele wathi abazali bakhe kunye nabantu baselalini bothuka ukuba uyakwazi ukubonga. “Ekhaya ndandingaziwa ukuba ndiyimbongi kuba ndandisaziwa ngobayintombi ethanda ukudlala imidlalo yamakhwenkwe, nam ndothuka kuba ndandingazazi ukuba ndiyakwazi ukubonga,” utshilo

Ekukhuleni kwakhe wasithanda kakhulu isiXhosa kuba kwisikolo awayefunda kuso amabanga aphantsi iBurnshill Primary School eku Qoboqobo kwilali yaseMthubi sasixatyiswe kakhulu.

Xa kukho umcimbi wolonwabo owathi wacelwa ukuba ayokubonga kuwo, uthi wabona ngokuba abantu bamane bemcela ukuba ngenene esisiphiwo anaso akuyonto ekumele aphuncukane nayo.

Kwanyanzeleka ukuba azishiye iilali abuyele eKapa apho wagqibezela khona amabanga aphantsi kwisikolo esikwaLanga iSiyabulela Primary School apho wenza khona ibanga lesihlanu uyotsho kwibanga lesibhozo.

Enye yendawo awakhe wabonga kuyo angasokuze ayilibale liZiko leNgqungquthela Zelizwe eKapa (CTICC) ngonyaka ka 2007. Lemini yayibalulekile ngokutsho kwalo ka Macaula kuba kwakukho nenye imbongi edumileyo uZolani Mkhiva kunye nenkosi zasekuhlaleni. Lomcimbi yayingowe nkokheli zemveli.

Also read:  Imbongi ithi ukubonga yinto anoyikhetha ngamaxesha onke

Ngexesha esafunda eSiyabulela wabangomnye wabafundi abakhethwayo ukuba baphume nesikolo baye eNigeria kunye nase United Kingdom apho babeyo bonisa iyantlukwano ekwenzeni ubugcisa. Waya kulamazwe ngenxa yenkqubo ekwakuthiwa yi Connecting Classrooms ngalasemzini.

Apha ekubongeni kwakhe wazibona ukuba yena uyimbongi yomthonyama, “mna andiyi bhali imibongo endinayo, ndithetha ngokwe mvakalelo endinayo ngeloxesha, umzekelo kulento yohlukunyezwa ko mama nabantwana, ndivele ndifikelwe ngamagama nditsho ndiwakhuphe,” utshilo ngelicacisayo.

 Eminye yemibongo awakhe wayenza ngu Ndimbonile, lombongo wawenza kuba wayemane ebona utata wakhe emaphupheni njengoba wasweleka ngonyaka ka 2012.

Thula mama, lombongo wawenza kuba ekhuthaza omama ukuba bomelele.

Abantu ajonge kubo kwaye abamkhuthazayo njengoba eyintombi esithandayo isiXhosa ngu Noxolo Grootboom kunye no Jessica Mbangeni.

“Ndithanda uNoxolo Grootboom kuba ndithanda ihlobo athetha isiXhosa ngalo,uJessica bangeni ndimthanda kuba ingomnye weembongi okanye eyimbongi yomthonyama engumama”

Into ayinqwenelayo ngoku kukuba ngenye imini aze abonge phambi kuka Thabo Mbeki.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.