Umbutho olwelwa izindlu nendawo abantu abahlala kuzo uthi urhulumente kufuneka angenelele kwinto yokunyuka kwerenti

Umfanekiso obonisa indlela intlanga ezohlukene ngayo e Kapa. Photo: www.sahistory.org.za.
Cape Town, Western Cape, South Africa

 

 

Kwingxoxo-mpikiswano ebebinjwe kutshanje, umbutho omele ukuqinisekisa ukuba amalungelo wabantu akumgaqo-siseko ayafezekiswa, iNdifuna Ukuwazi ithi kufuneka u rhulumente ajonge into yokwakha indawo zokurenta kwaye angenelele kwinto yamaxabiso anyuka rhoqo ngonyaka wendawo zokurenta.

Ethethela iNdifuna Ukwazi, ongumphandi u Gavin Silber uthe irente eKapa inyuke ngomyinge we 12,5%, ibe ekazwelonke inyuke nge 7%. Loka Silber ebexoxa nomphathiswa wephondp we candelo le Human Settlement kwi Ntshona-Koloni u Bonginkosi Madikizela. Ngokwemigaqo-nkqubo karhulumente abantu abanelungelo lokufumana indlu mahala kurhulumente ngabo bafumana ngaphantsi kwe R3,500 ngenyanga, kwaye ukuze ubani afumane imali yebhanki yokuthenga indlu, kufuneka arhole phakathi kwe R12,000/13,000 ngenyanga. “ Ukuba sihamba ngale ndlela, malunga 370 000 zezindlu kwisixeko zifanelwe ukuba ibe zizindlu zamahala”, utshilo loka Silber.

Ngokutsho kuka Madikizela kukho indawo zembacu ezimalunga nama 540 kwiNtshona-Koloni, ukanti kuzwe-lonke kukho malunga ne 2300. “ Urhulumente uchita malunga namakhulu amabini amawaka ( R200 000) ukokha indlu azakuthi ayinikezele fele-fele kubantu abafuna izindlu kwaye akazokwazi urhulumente ukuqhubeka esenza oku”, utshilo loka Madikizela.Urhulumente, ngokutsho kuka Madikizela sele okhe malunga nezigidi ezine zezindlu. “ Sizifumana sisembindini wokwakhela abantu abarhola ngaphantsi kwamawaka amathathu anamakhulu amahlanu nabo barhola kancinci ukuba bafumane uncedo lwebanka, kwaye oku kuyinto enzima ukujongana nayo”, utshilo lo ka Madikizela nosele eneminyaka esibhozo ebambe intambo zobuphathiswa kwiphondo.

I Ndifuna Ukwazi ithi kuyafuneka urhulumente ajonge into yokuba hayi wonke umntu ufuna indlu eyeyakhe. “ Abanye abantu bafuna kwaye urhulumente kufuneka eqwalasele into yendawo zokurenta ezakhiwe ngurhulumente kodwa ibe ibanika isiqinisekiso sokuba abanakukhutshwa nanini na umnikazi efuna. INdifuna Ukwazi ithi kubalulekile ukuba ukuze kudityaniswe intlanga zeli kwakunye nokusondezwa kwabantu abahluphekileyo kwinkonzo nakwindawo abasebenza khona, ukuba kwakhiwe kwindawo ezisondeleyo kwidolophu.

Also read:  Otyholwa ngokubulala itsha-ntliziyo lomzabalazo womhlaba ufumene ibheyile

Kutshanje isiXeko sigxekwe kabukhali ngento yokuthengisa umhlaba osedolophini kwizinhanha endaweni yokwakha indawo zokuhlala zabantu abangathathi-ntweni. Malunga nendawo ezintandathu, ezinye ingamabala zizakuthengiswa.Kwaye ingxelo zakutshanje, zithi iSixeko SeKapa malunga nezigidi ezingamakhulu anamashumi amathathu wemali ibibekelwe ukwakha izindlu izakukhutshelwa kunyaka mali ka 2016/17.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.