Ityala lalowo utyholwa ngokudlwengula nokuphatha gadalala abantwana lisakuviwa kungekudala

Uzakuqhuba nesicelo sakhe sebheyile, umrhanelwa kwityala lokudlwengulwa kuphathwe gadalala ngokwesondo abantwana baseKuyasa.

Indoda eneminyaka engamashumi amane anesithoba (49) ubudala yaseKuyasa ijamelene nezityholo ezilishumi elinesine ekuquka kuzo, ukudlwengula nokuphatha gadalala ngokwesondo abantwana abaselula abangamakhwenkwe nabangamantombazana ekula ngingqi. Aba bantwana baphakathi kobudala obuyiminyaka esixhenxe ukuya kwishumi elinesine nekurhaneleka ukuba iziganeko ezi zaqala kunyaka ophelileyo ukwenzeka.

Umrhanelwa ufake isicelo sakhe sebheyile kwinkundla kamantyi yaseKhayelitsha nalapho avakalise ukuba akafuni ukuphendula malunga nezityholo azibekwayo logama esafaka isicelo sebheyile. Lo utyholwa ngokuba wayebabizela endlini aba bantwana ze abenze ezi zenzo ukanti kukwavakala nokuba wayebabukelisa imifanekiso yamanyala.

Kwezinye izityholo azibekwayo ummangalelwa udize ukuba nangona ebezivumile kumphandi wetyala kodwa akafuni kuthetha ngazo kwesi sicelo sebheyile. Logama ezinye azikhanyeleyo esithi aziyonyani.

Abamangali batyhola ngelithi le ndoda yayibaphatha-phatha ngenjongo zesincwaso xa beyokuthenga iilekese kwisikroxo sayo, ukanti abanye bathi wayebabizela endlini abenze la manyala. Nangona kunjalo ummangalelwa yena uthi wayebaphatha kuba ebadlalisa njengabantwana.

U Mantyi kweli tyala umnumzana Xolani Patrick Menyiwe udize ukuba akafuni esi sicelo sebheyile sitsale ixesha elide, kuba wazibona ingxelo zamajelo eendaba kwityala likaSinoxolo Mafevuka nalapho  kwakubhalwa khona ixesha esasenzeke ngaso isiganeko.

Ityala lizakubuyela enkundleni kwinyanga kaOktobha.

Also read:  Abahlali basemaholweni kwaLanga balwela izindlu

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.