Umzobi omncinci wase Gugulethu ufuna ukuba nefuthe elizweni

Esebenza komnye umzobo wakhe uLitha encediswa ngu Lee du Preez notishalakazi wakhe u Nompumelelo Rakabe. Umfanekiso uthathwe ngu Phinda Kula
Guguletu, Cape Town, Western Cape, South Africa

Iintanga zakhe ziqhumisa uthuli zidlala imidlalo eyohlukeneyo ezitalatweni kodwa uLitha Mayiya yena uhleli nephepha nepensele. Hayi akabhali koko umaxhaphetshu uyazoba.  Ledyongwana ineshumi elinesine leminyaka isidla amazimba kodwa imizobo yayo iyamangalisa. Waqala ukuzoba enesixhenxe seminyaka ubudala. Loka Mayiya ungumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo iID Mkhize nezinze eGugulethu kweli leKapa, nalapho enza khona uGrade 8.

Kungokunje uLitha ufumene inkxaso engagungqiyo yokufumana izixhobo zokuzoba isithuba esingangonyaka nangaphezulu. Oku kulandela emva kokuba ushomashishini umnumzana uLee du Preez nomgumnini wenkampani iBEEnovation ebone umbhalo kwikhasi leTwitter obhalwe ngulowo ungutishalakazi nongumncedisi kaLitha unkosikazi Nompumelelo Rakabe.

Oka Du Preez uthi emva kokuba ebone lombhalo khange alale buhlayo ngelifuna ukuzama ukunceda le nkwenkwana ngelithi khange amangaliswe kuphela sisakhona sakhe sokuzoba koko imkhumbuze ngaye njengomntu ongusomashishini ukuba akwazi ukunikela kwabo badinga uncedo ngelithi naye ekulendawo akuyo kungenxa yenkxaso awayifumana kwabanye abantu.

Kungokunje alukho luzizi iphupha likaLitha kwizifundo zakhe zobuchweli bembali (iArt History ngesiNgesi). Loka Mamiya wathengisa umzobo wakhe wokuqala kumhlali welizwe laseScotland ngonyaka ka2015 ngethuba wayeneshumi elinesibini leminyaka ubudala.

Omnye umzobo kaLitha ontsingiselo yawo ingokubaluleka kwemanyano yabantu abamnyama abahluphekileyo. Ithathwe Ngu Phinda Kula

Ngomhla wesine kule yeDwarha ngethuba benomboniso wemisebenzi abayenzileyo kuphindwe kwathengwa umzobo wakhe ngusodolophu kwisixeko esimbaxa saseKapa unkosikazi uPatricia de Lille. Ukanti eminye imizobo yakhe ikhe yaboniswa kwiziko lemidlalo yeqonga iArtsCape Theatre eKapa.

Uvakalise uchulumanco ngalenkxaso unina kaLitha uNosipho Mayiya ngelithi unyana wakhe waqala ukuzoba ngokumane ebukela ipopayi kumabonakude.

Isakhono sokuzoba sikaLitha sikhule ngakumbi emva kokudibana notishalakazi uNompumelelo Rakabe nosebenzela umbutho ongekho phantsi kolawulo lukarhulumente iProject Playground nephuhlisa ulutsha ngezakhono zokuzoba kwindawo zabangathathi-ntweni. iProject Playground ikho kwingingqi ezintathu kwaLanga, eSamora Macheal naseGugulethu.

OkaRakabe uthi uLitha ungumntwana othembekileyo nozimisele kakhulu kwizifundo zakhe. Uthi izixhobo zokuzoba ziyabiza kakhulu kufuneka umtu angene nzulu epokothweni. Ukanti uLitha uthi ngenye imini unqwenela ukuba abe nendawo yakhe egcine imizobo yaye ayithengise kubemi beli loMzantsi Afrika nakubathengi abaphuma kumazwe ngamazwe.

Also read:  Umbhali ohlala eDelft ubongoza abantu bazithande indawo abahlala kuzo
Omnye umzobo welityendyana lase Gugulethu uLitha Mamiya. Umfanekiso uthathwe ngu Phinda Kula

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.