Umbutho wabasebenzi oonompilo uthi inyani kufuneka ivezwe ngokwenzeka eEsidimeni

Oonompilo abasebenza eKhayelitsha. Ithathwe ngu Lunga

Umbutho wonompilo uthi kufuneka bathathe uxanduva abo babandakanyekayo kwibholo lase Esidimeni

Umbutho wonompilo osandula ukusekwa I National Union of Careworkers of South Africa, NUCOSWA uye wavakalisa ilizwi lawo ngokuthe kwenzeka e Life Esidimeni kwiphondo lase Gauteng. Kutshanje, igunya lezikhalazo kwezempilo ebelikhokhelwa ngu Malegapuru  Makgoba idize ukuba ngaphezulu kwamakhulu lezigulane laye lwaseleka emveni kokuba bedluliselwe kwinkampani ezingekho phantsi korhulumente (Non Governmental Organisations-NGO).

Ingxelo ka Makgoba iveze ukuba ezi NGOs zingamashumi amabini anesixhenxe azinaziqinisekiso kwaye azinazixhobo kwakunye nemali eyoneleyo yokuba zingakwazi ukujongana nabo bagula ngokwasengqondweni. Lengxelo iye yabangela ukwehla kwalowo ungumphathiswa wezempilo eGauteng uQedani Mahlangu.

Kwingxelo ekhutshwe ngulo mbutho wabasebenzi igxeka kabukhali into yokudlulisa koxanduva lwakhe urhulumente elidlulisela kwinkampani ezingekho phantsi korhulumente (outsourcing). “Kucacile ukuba lorhulumente akabakhathalelanga abantu abahluphekileyo kuba akafuni ukufaka imali ezokuqinisekisa ukuba wonke umntu ufumana inkonzo eziphucukileyo zezempilo, usuke ajonge indlela zokunciphisa indleko ibe ingabantu abahluphekayo abangafumani inkonzo eziphucukileyo”, itshilo ingxelo ekhutshwe ngulo mbutho.

Ethetha nephepha iElitsha umongameli walombutho u Makhosazana Ganamfana uthe akwanelanga ukuba loka Mahlangu ukuba ehle esihlalweni kodwa kufuneka urhulumente ethathe uxanduva lwento eyenzekileyo.

Ngelixa izigulana bezikhutshwelwe kwinkampani ezingekho phantsi korhulumente (NGO) bebehoywe ngonompilo. Loka Ganamfana ugxeke indlela urhulumente angabathatheli sweni ngayo onompilo. “Sisebenza phantsi kwe NGOs, hayi urhulemente kwaye imeko zomsebenzi aziginyisi mathe.

Okokuqala asifumani izinto zokusikhusela kuba sisebenza ngezigulane kodwa asifumani izinto ezifana ne gloves. Akukho luphuculo lwezakhono esilufumanayo, naba nompilo bebesebenzela eza NGOs ndiqinisekile ukuba abanazakhono zokujonga abantu abagula ngengqondo”, utshilo loka Ganamfana.

Ngokwengxelo ye Nucoswa, urhulumente uzimisele ukutshintsha indlela ezenzeka ngayo izinto kwisebe lezempilo ntoleyo ayibiza ukuba yi “Re-engineering of Healthcare strategy”, nto leyo lombuthu uthi iquka ukuthoba inani lonompilo ukusuka kumawaka asixhenxe ukwehla ukuya kumawaka amane.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.