Abahlali basemaholweni kwa Langa basalujonge enkalweni uphuhliso lwezindlu

Izindlu zasemaholweni kwaLanga e Kapa ziyadilika. Ithatyatwe ngu Mandla Mnyakama

Luhamba ngonyawo lolovane uphuhliso lwezindlu ekuthiwa kusemaholweni kwilokishi yakwa Langa eKapa.

Abahlali bengingqi yamaholo ase zoni nakwabizwa njengeMigrant Hostels kwaLanga bavakalise ukuxhalaba nokudana okukhulu yinto abayichaze njengokusalela kukaMasipala wedolophu yaseKapa ngokunxulumene nophuhliso nophuculwa kwendawo abahlala kuzo.

Amaholo okhiwa kwiminyaka engaphezu kwamashumi amahlanu ngurhulumente wengcinezelo esenzela ukuhlalisa ababasebenzi abantsundu bokuqala ukuzinza kulelokishi besuka eMpuma Koloni. Lelokishi ikwa yeyokuqala ukusekwa ukwenzela abantu abamnyama nabantetho isisiXhosa eNtshona Koloni.

Lamaholo athi aduma ngokunyazelwa kwabantu abangazaniyo abamalunga nesithoba kumagumbi amathathu.Lemeko yathi yanyazela ukuba abahlali abo baxinane bengamakhaya amathathu kwigumbi elinye ze bohlulelane ngekhitshi elinye kunye nendlu yangesese enye.

Uphahla lwenye indlu emaholweni. Ithatyatwe ngu Mandla Mnyakama

Ngokwengxelo yabahlali umasipala wayethembise ngokuphuhlisa lamaholo emveni kokonakala kwaye amanye achatshazelwa ngumlilo omkhulu owathi watshabalalisa ingingqi yamatyotyombe yase Joe Slovo nesondelele nawo ngonyaka ka2005.

Kuvakala ke ukuba izithembiso ezo zange zizalisekiswe, ntonje umasipala wafudusa iqaqobana lamaxhoba alomlilo ukuyowahlalisa kwizindlu zethutyana kwilokishi yaseDelft.
Utyelelo lentatheli zeliphepha kulengingqi kutshanje lufumanise lamaholo ekwimeko ebubugxwayiba, amadonga egcwele iintanda eziqaphelekayo usekude, kunye namaphahla agqobokileyo kunye nalawo athi agqunywa ngamazinki enkcenkce kunye neeseyile ukuthintela amazi angangei endlini.
Abanye abantu kuba bengenanto esandleni besesenzisa amatye amakhulu, amaplanga, ibhedi ezindala namavili emoto ukucinezela ezoseyile phezukwamzinki e Asbestos.

Kuye kwakho kunye namacala ezakhiwo abonakele edilikile okwamabhodlo ukusekela kwisehlo somlilo lowo. Ukwanda kwabemi bamakhaya lawo kuthe kwenza ukuba kubekekho ukwanda koxinaniso lamatyotyombe anxuse amadonga amaholo lawo nakwizikhewu zomhlaba phakathi kwawo.Uqhagamishelo lombane lona lukhona  ntonje kubonakale uba ziinkonzo zoqokelelo lwenkunkuma ezinqongopheleyo.

“Lemeko sihlala kuyo isenza uba sivakalelwe kabahlungu kakhulu kuba kubonakala uba amalungelo ethu ayetyeshelwa ngabasemagunyeni kulemeko ngelixesha singabemi abahlawula irhafu kunye nabavoti kwelilizwe. Basithembisa ngokuphuhlisa lamaholo emveni kwesehlo somlilo kodwa baye bavela nje babonelela abahlali base Joe Slovo ngezindlu ezintsha zebasicalula thina kwaphela. Besikade sinethemba lokuba kwade kubekho intshukumo evelayo xa kulelixesha kodwa kusathe cwaka, siqhubekeka siphila ngokuhlala ebugxwayibeni. Sihlalala ngokuxinana singamakhaya amathathu ahlukeneyo kwisahlulelo seholo esinye, zesidibanae ngekhitshi nangendlu yangasese.

Also read:  Ugxininise ukumisa ulwazi nengxoxo phambili uTembeka Ngcukaitobi

Sekukhangeleka ingathi sesalahlwa kwelinomhlwa izindlu zangasese ziyonakala neempompo zamanzi ziyonakala, nemibhobho yelindle iyagqabhuka  rhoqo, akho mntu usikhatheleleyo. Sihlala sixhalabile njalo xakusina imvula naxakududuma izulu ngenxa yamaphala avuzayo neentanda ezikhulayo kumadonga ezizakhiwo,” ukhalaze watsho uEunice Kwayi ominyaka eyi 42.
Iqela elikhulu labahlali bengingqi zaseZoni ezingekaphuhliswa neziquka uZone 17, 18, 19, 20, 23, 24, 25 kunye no26 nababeligcwabevu ngumsindo bazibandakanya kuqhanqalazo nolwakhokhelela komonakalo  omkhulu emva kokutshiswa kweziko lePosi yalelokishi ngabaqhankqalazi abo.Oludushe lwathi lwaquka nokonakaliswa kwezithuthi zikarhulumente ukubhodlozwa nokuzithathela kwabo kwivenkile zabemi bangaphandle.

UNomaAfrika Matyeli one 37 yeminyaka nohlala kwelinye lamaholo nodade bakhe ababini kwiholo lase Zone 26 emveni kokokaba utata wakhe ogama linguShota Mthosi one 80 yeminyaka wathatha umhlala phantsi  Ugxeke abasemagunyeni ngokuqhubekeka ukuhombisa ilokishi yakwaLanga ngentlobo ezibukekayo zezakhiwo zeeFlats ngelixesha besalela ukuza no nophuhliso olo kwingingqi yaseZoni ekumbindi wakwaLanga.

“Into ekuthiwa ngamalungelo abantu siyibona njengento efana nephupha elingenoze lizaliseke apha kulengingqi sihlala kuyo. Nditsho ukuthi nalenkululeko kuthiwa iyabhiyozelwa ngabemi boMzantsi Afrika kulenyanga sikuyo yinto esingayiboniyo thina apha ekuhlaleni. Sinoloyiko kanjalo ukwenza udushe le toyitoyi ukuvalakisa amalungelo nezikhalazo zethu kumasipala norhulumente kuba baye basifundze ngamapolisa uba asidubule aze asibambe kananjalo xasisenza ezontshukumo, njengoba babenzile kunyak’ophelileyo apho bathi basiswantsulisa ngeembumbulu zenjolomba baze basibamba,” utsho uNkosikazi Matyeli.
UAlbertina Nohashe oneminyaka eyi67 ukhalaze wathi indlela abaxinane ngayo kwiholo ahlala kulo yenza ubomi bakhe bubenzima mihla yonke ngenxa yokuhlukunyezwa kwakhe lulutsha ahlalisana nalo apho.
“Mna ngasendibone kusithiwa luyaqosheliswa  iphulo eli sasithenjiswe ngalo ngabomthetho ukuze nathi sizibone singena  kwizindlu ezizezethu nezizimeleyo. Mihla yonke le andilali apho ndihlala khona ngenxa yoba abantwana endihlala nabo kwiholo endikulo batshaya iziyobisi kwaye benza ingxolo yokumbhakraza amacango  ubusuku bonke,” Uququmbele watsho uNkosikazi Nohashe nohlala kwindawo yomyeni wakhe uWellington nowathi wabhubha ngonyaka ka 2009.
Ngokuka Lindokuhle Qina, oyinkokheli yokuhlala eZoni ingxoxo phakathi kwamagosa kamasipala, uceba uSamkelo John kunye nabahlali zathi zabuya nelize emveni kokuba abahlali bathi babona ngasolinye namagosa lawo.

Also read:  Abantwana babhenela kumaqula ongqongopheleyo eKapa
Izindlu ezikwimeko emaxongo emaholweni kwa Langa. Ithatyatwe ngu Mandla Mnyakama

Abahlali bengingqi yamaholo ebizwa ngoba yiNew Flats ekumgama oliqela apho eZoni nabo bavakalise  izikhalazo zabo  nokunganeliseki ziikqubo zikamasipala ezibhekiselele ezilokishini zeliphondo emveni kokunqunyanyiswa kwephulo elibizwa njengeFamily Units nebelijoliswe ekuphuhliseni ingingqi leyo.
Apha ke kuyekwaqapheleka amadonga abonakala uba akhiwe aze ashiywa esithubeni engagqitywanga ngexesha esithe sandwendwela khona.

Isebe lezoqhagamishelwano likamasipala waseKapa livakalise uba lusemaxhaphetshu ukuqhuba uphando lwalo mba.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.