Abasebenzi bazezigaraji bazakuchaphazelwa sisiphakamiso semivuzo

uAsanda Rhasmeni nomngumsebenzi wasegaraji e Monti. Credit: Chris Gilili.

Emva kwengxelo eze nosekela mongameli uCyril Ramaphosa kwinyanga ephelileyo, eza nesiphakamiso sokuba imivuzo ephantsi kufuneka ifikelele kwi R3,500 ngenyanga, abo basebenza kwigaraji bazochaphazeleka.

East London, Eastern Cape, South Africa

uAsanda Rhasmeni, 29, ngumsebenzi kwigaraji yakwa-Engen, eBuffalo Flats eMonti. Ungomnye wabo bazakuthi bachaphazeleke, xa le mali iphakanyiswayo ingathi ipasiswe. Ngoku imali ayirholayo liwaka namakhulu amabini (R1,200) ngeveki.

“Ndineenyanga ezilishumi elinanye ndisebenza apha ngoku, kwaye andinasikhalazo ngendlela endisebenza ngayo. Kwaye noko nemali endiyifumanayo iyakwazi ukuziqabelisa iingxaki zam nasekhaya,” utsho uAsanda.

Xa bendifuna ukuqonda ngendlela abasebenza ngayo, nokuba banazo na izinto ababonelelwa ngazo xa umntu unokuthi enzakale uthe akaqondi kwaye zange achezelwe ngento ezinjalo.

“Ingatshintsha kakhulu imeko kum xa ingehliswa imali endiyirholayo, kuba abaninawa bam ababini bajongwe ndim. “Ithamsanqa ke kukuba nomama wethu uyaphangela, naye uyandincedisa apha naphaya. Abanye bethu banabantwana abajonge kwakule mali ukuze batye sokanye banxibe umzekelo,” wangeze ngokutsho u-Asanda.

uRamaphosa uqinisekisile ukuba le mali ise sisiphakamiso nje, ayikaqinisekiswa kusafuneka kwenziwe ingxoxo mpikiswano ngayo, phambi kokuba iqinisekiswe.

“Kuba ndisoloko ndiphangele ixesha elininzi, nditya isopholo kuphela endlini ndithenga ukutya ngewaka ngenyanga. Kwaye ndanceda ngozakhela igali (ityotyombe) lam, andibhatali rent kule ndawo ndihlala kuyo,” utsho uAsanda.

Abasebenzi bale garaji bavumelekile ukuba umntu angathatha ikhefu leeveki ezintathu ngexesha. Into ebuhlungu kukuba basebenza ngepetroli enobungozi, kwaye basebenza phakathi kwemoto kodwa akukho siqinisekiso ngobomi babo kwimeko ezinjalo.

Asikwazanga ukufumana izimvo zemibutho yabasebenzi kwisebe labo basebenza kwigaraji. Kodwa ke ngenyanga ka July kulo imiyo umbutho wabasebenzi iCEPPWAWU (Chemical, Energy, Paper, Printing, Wood and Allied Workers Union) omele abo basebenza ngamafutha emoto ubuke wagwayimba. Ezinye zemfuno zabo ibizezokuba imivuzo ephantsi ibe yi R8,000 kwaye nabo bangasebenzi isigxina bafumane le mali.

Also read:  Bhodl’ingqaka: “Ndinexhala yindlela endibona isiXhosa sidodobala ngayo.”

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.