Ayibaxolisanga ingxelo kanobhala neka nondyebo abathunywa benkomfa ye KDF

Isigqeba esitsha se Khayelitsha Development Forum, iphoto ithatyathwe ngu Unathi Tuta
Khayelitsha, Cape Town, Western Cape, South Africa

Abathunywa ebebephuma kwinkalo ezohlukeneyo nabebethathe inxanxheba kwinkomfa yesithoba yenqwanqwa elijongene nophuhliso e Khayelitsha i Khayelitsha Development Forum (KDF) bavakalise ukungaxoli kwabo yingxelo kanobhala neka nonondyebo.

Abathunywa abaphuma kwimibutho yezopolitiko,imibutho yoluntu kunye nabathathi-nxaxheba be KDF abohlukineyo baye bavakalisa ukungaxoli ngengxelo kanobhala nonondyebo  nalapho baye babalula imicimbi efana nengxelo kanobhala engananto iyithethayo ngesikhalazo esafakwa kwelinqwanqwa ngezityholo zobuqhophololo obenziwa ngethuba kusonyulwa ibhodi eyongamele iZibonele.

Ukanti kwekanongxowa bakhalela ukuba ebanike ingxelo engaphicothwanga kwaye engenabo ubungqina obusuka ebhankini ngezinto azithethayo.

Nontando Mhlabeni osuka kumbutho woluntu  iSocial Justice Coalition uthi “nangona inkomfa ihambe kakuhle kodwa sibuye nemibuzo eliqela kwingxelo kanobhala kodwa sakulinda okuzakuza nesikhokelo esi sisonyulileyo”.

Ukanti uManelisi Mampane ophuma kwi Pan Africanist Congress (PAC) uthi abaphathekanga kakuhle yindlela ekwenziwe ngayo kule komfa kuba yonke imibutho yezopolitiko ibize ngamagama abathunywa baze bazibhalisela ukuba ngobani abathunywa kodwa xa kufikwa kwi PAC   bawabiza ngokwabo amagama abathunywa abafanele ukuthatha inxaxheba.

Usihlalo weli nqwanqwa u Ndithini Tyhido uthe  “siyawuqonda unobangela wokuba abantu bangaxoli ngezingxelo. Unondyebo akakwazanga ukufumana iziqinisekiso zebhanka kuba akafumenanga unobhala okanye isekela lakhe ukuze bancedakale ebhankini nanjengoko umntu omnye enganakwazi kuncedwa kwi akhawunti yenqwanqwa”, utshilo loka Tyhido nowonyulwe isihlandlo sesibini ukuba ngusihlalo.

Uye waqhubeka wenza izityholo zokuba kukho amalungu ebesiya ebhankini ngaphandle kolwazi lwabanye abatyikityi bayofuna ingxelo ebhakini. “Kodwa ke ayikokwam ukuthetha ngabanye abantu ngoku. Zonke ezi zinto sizakuzilungisa kwindibano esizakubanayo emva kwentsuku ezingamashumi amabini ananye sonyulwe isigqeba.”

Kumba wokungaqondakali kwendlela eyonyulwe ngayo ibhodi yesikhululo i Zibonele uye wathi bazakudibana nale bhodi kungekudala kwaye angakwazi ukuphendula kulomba ngeloxesha.

Ngenxa yokulibaziseka kwezinto alikhange libekho ithuba lokwenza ezinye izinto ezifana nokuchotshelwa kwekomishoni ezahlukileyo nokuhlengahlengiswa komgaqo-siseko welinqwanqwa.

Also read:  Umngcelele ochasene nokubulawa nokuphathwa gadalala kwabasetyhini nabantwana

U Ndithini Tyhido wonyulwe njengosihlalo ukanti uMalibongwe Badi wonyulwe njengonobhala. Isihlalo sikanongxowa siye kuSiyamcela Jingose.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.