Abafundi abangamantombazana banqwenela amalatshana angaphantsi abe khona lonke ixesha

Amalatshana angaphantsi asetyenziswa ngumntu wasetyhini osexesheni.
Khayelitsha, Cape Town, Western Cape, South Africa

“Sibulela naluphina uncedo esilufumanayo ukuzama ukukhawulelana nengxaki yabantwana abangaziyo esikolweni ngenxa yokuba besexesheni, siyalwamkela utyelelo lukasekela mphathiswa wezonxibelelwano kweli”.

La ngamazwi enqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iMasiyile eSite B eKhayelitsha, uSisa Sodlaka ukuthethe oku ngethuba usekela-mphathiswa uThandi Mahambehlala etyelele esasikolo eyokunikela ngamalatshana angaphantsi asetyenziswa xa amabhinqa esexesheni.

“Nangona silwamkela oluncedo kodwa singathanda ukuba ebefika nyanga nanyanga lamalatshana kuba ayimfuneko kubafundi nanjengoko abanye bengayi esikolweni xasukuba besexesheni kuba bengenawo. Abanye baba nentloni ukuya kucela. Akhona esiwathengayo kwimali yesikolo kodwa alungiselelwe ingozi yokuba umfundi ebengaziqaphelanga ukuba usexesheni sinqanda ukuba bagoduke phakathi ngeliyakuzilungiselela” utshilo loka Sodlaka.

UMawande Mbeki oneminyaka elishumi elinesixhenxe ofunda ibanga lethoba kwesa sikolo uthi “azakusinceda kakhulu lamalatshana, abazali bethu singabanye abanamali yaneleyo yokusithengela. Nangona ndingazange ndaphoswa sisikolo kuba ndisexesheni kodwa ndiyayazi bakhona endifunda nabo abaphoswayo sisikolo”, utshilo xa ecacisa.

Ukanti uThamela Lindelo oneminyaka elishumi elinesithathu okwibanga lesithandathu uthi “kungangcono kakhulu ukuba lamalatshana angabakhona nyanga nanyanga apha ezikolweni kungapheleli ukuba kuziswe kwesi sethu sodwa, koko kusiwe nakwezinye ngohlobo ekusiwa ngazo idyasi zikamkhwenyane”.

Ethetha nonondaba uMahambehlala uthe bekunye nomphathiswa wonxibelelwano basaxakekile kungoku bezamela ukuba leprojekthi yokuhanjiswa kwalamalaphu ezikolweni kube ngumthetho. ” Sifuna athengwe ngemali yerhafu ahanjiswe kuzo zonke izikolo zeli lizwe. Ukuya exesheni kuyindalo kwaye lamalatshana azisa isidima, asifuni abantwana abaphoswa sisikolo ngenxa yokuba besexesheni. Oko ndiqalile kweliphulo selebekhona osomashishini babucala nabantu ngokubanzi ababonakalise umdla wokuncedisa ngokuthenga lamalatshana ahanjiswe ezikolweni. Okwangoku ndisebenzisa imali eyabelwe iofisi yam, ngenzame zokuzisa isidima kubafundi ababhinqileyo”, utshilo loka Mahambehlala nokhaya lakhe lise Samora Machel kweli le Kapa.

Usomlomo wombutho olwela umakulinganwe ngokwemfundo i Equal Education uMila Khakhaza uthi bengulombutho sekulithuba besebenzela ukufumaneka kwalamalatshana kwaye kudala bewuqwalasele lomcimbi wokuba baphatheka kakubi abanye abafundi xa bengenawo lamalaphu esikolweni.

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.