Bhodl’ingqaka: “Ndinexhala yindlela endibona isiXhosa sidodobala ngayo.”

Imbongi u Bhodl'ingqaka eseqongeni. Ithunyewlwe nguye umfanekiso

Owaziwa ngelika “Bhodl’ingqaka”  kumaqonga okubonga, kwaye ebutsheni balonyaka isiphiwo sakhe sokubonga ngesiXhosa sibangele ukuba anikwe uphuma-phele kwimicimbi karhulumente eMpuma Koloni u Akhona Mafani.

UBhodli’ngqaka yinzalelwane yesixeko seengcwele, ukhulele kwizitalato zaseVukani. Uthi ungumthandi wesiXhosa xa ezicacisa.

“Ndiyimbongi, umbhali, imvumi, umdlali weqonga kunye nombhali ophumelele iimbasa. Eligama likaBhodl’ingqaka ndilifumene ebantwini ngenxa yendlela endivakalisa ngayo izimvo zam xa ndiseqongeni,” utshilo.

Ndinomdlalo weqonga endawubhalayo, othi “Befile nje Basathetha” ndiwubhale kunyaka ophelileyo kwaye waphumelela iwonga lokuba ngowona mdlalo ugqwesileyo kwiMakana Drama Development neyayibanjelwe kwiDyunivesithi yaseRhodes.

“Ukutshiseka kokufuna ukubhala kwandifikela ngonyaka ka 2011. Ekuqaleni ndandibhala imibongo rhoqo,usuku ngalunye. Enye into endenza ndaba yimbongi kukuba ndingumXhosa, kufuneka ndizingce ngalonto kwaye ndibhiyozele ulwimi lwam, hayi iilwimi zaseNtshona,” ucacisa atsho uBhodl’ Ngqaka.

Uthi isingqi sesiXhosa siso esibangela umdla kuye.

“Ndizibhaqe ndisithi nca kwisiXhosa kuba kudala ndasithanda ndisafunda amabanga aphantsi esikolweni. Siyakhula isiXhosa, kuba iimbongi zimana ngokuvela kancinci. Into ebuhlungu kukuba akukho mntu ufuna ukusixhasa kuba xa sithetha sigubhulula nezingcwatyiweyo iimfihlo.”

“ Andikaneliseki ncam kuba asikaziwa kakhulu nemisebenzi yethu nje ngeembongi zesintu,” utshilo.

Le mbongi ithi ayikhalazeli nto, kuba xa ifuna ukushicilela umsebenzi wayo, uncedo iyalifumana kwisebe le’ International Library of African Music (ILAM) elizinze kwiDyunivesithi yaseRhodes. “ Into eba buhlungu kukunqaba kwabantu abaza kumamela umyalezo onqwenela ukubavisa wona. Ndicinga ukuba xa sifumana amaqonga afana neli wokuba saziwe ngabantu kubalulekile kakhulu.”

“Ndinexhala yindlela endibona isiXhosa sidodobala okanye sihleleleke ngayo. Kodwa likhona ithemba kuba ezinye iimbongi endisebenzisana nazo, siyaqinisekisa ukuba umyalezo wethu siyawugqithisa ebantwini kwaye siyavakala,” ucacise watsho.

U Bhodl’ ingqaka ngenyanga ka Canzibe ejoliswe kwi-zwekazi le Afrika kunyaka ophelileyo

Njengezinye iimbongi endiye ndathetha nazo, uMafani ukhankanye ukunqaba kwenkxaso esuka kuRhumente njengoyena mceli-mngeni ubabuyisele emva kakhulu.

Also read:  Umlilo ushiye abahlali bengodingi-ndawo e Phillipi

“ Mna ndixhomekeke kwinkxaso endiyifumana ebantwini esitalatweni, ndiyazi zabalazela. Ngabantu abakholelwa kumsebenzi wam abancama iimali zabo, abanye bayeva nje ngegama lam nokuba ndiyimbongi ebalaseleyo. Bakholelwa kumgangatho womsebenzi wam, indlela ozimisela ngayo nje ngembongi yiyo eqinisekisa ukuba uyayifumana inkxaso ebantwini.”

Uthi nangona engekabhali ncwadi ngalo mzuzu, kodwa uqinisekile ukuba leyo yinto azakuyenza ekuhambeni kwexesha.

 “Andikashicileli encwadini ngoku, yonke imisebenzi yam irekhodiwe ukulungiselela icwecwe lam endifuna ulikhupha. Yazi nje ngomntu oqhele ukuthetha phakathi kwabantu, akululanga ukuba ndithulise izimvo zam , ngokubhala incwad,” utshilo.

UMafani uthi sikhona isidingo sokuba kwenziwe amatheko azakubhiyozela isiXhosa esimnandi, kodwa ezolonwabo kweli loMzantsi Afrika zisekelezwelwe kwizinto zase Ntshona.

“Abathandi besiXhosa kunye nabo basizebenzisayo kufuneka badibanise iintloko mhlawumbi ikhona into enokuthi ivele.”

Loka Mafani uxelele iElitsha ukuba wathi ezilungiselela ebetha komofu ezakungena eqongeni elaliququzelelwa ngabaseberhulumenteni wathetha ngokuba uMongameli welizwe u Jacob Zuma ngumrhwaphilizi. Uthi waye wabizelwa ecaleni ngabaququzeleli waxelelwa ukuba akanokuze aphinde alifumane ithuba lokubase qongeni kwizinto zikarhulemente. uMafani uthi wayethetha ngezityholo ezibekwa loka Zuma.

 

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.