Luyaqhanqalazelwa unyuko lwamaxabiso ka loliwe

Isikhulo sika loliwe sase Khayelitsha
Khayelitsha, Cape Town, Western Cape, South Africa

Umbutho wasekuhlaneni iSobahlangula, nombutho wabasebenzi iCOSATU eNtshona-Koloni kwakunye neminye imibutho emele abantu abangathathi-ntweni baqhanqalazela unyuko lwamaxabiso lwamatikiti ka Metrorail.

Le mibutho ithe yabamba uqhanqalazo inyazelisa u Metrorail ukuba asijike isigqibo sokunyusa ixabiso lwamatikiti ka loliwe. Endwaneni yokunyusa amaxabiso, le mibutho ithi u PRASA (Passenger Rail and Agency of South Africa) makaphucule inkonzo zakhe. Unyuko lwamaxabiso luqale ngomhla wokuqala ku July. iSobahlangula ethi ingumbutho emele amahlwempu, ithi uninzi lwabantu abahlala e Khayelitsha abakwazi ukubhatala amaxabiso aphezulu amatikiti ka Metrorail, kwaye ukonyuka kwamaxabiso kwenza izinto nzima ebantwini abahluphekayo. Itikiti lwenqanaba lwesithathu olusuka e Khayelitsha lusiya e Kapa lonyuke ngesenti ezi yi 50, olwenqanaba lokuqala lonyuke nge 70c.

Ongunobhala we Sobahlangula u Mandisi Mrwebi uthi sebembhalele u PRASA bemcela ukuba kubekho ixabiso elingenyukiyo lwabo bangasebenziyo.

“ Uninzi lwabantu base Khayelitsha bahluphekile, kwaye uninzi alusebenzi, lonto ithetha ukuthi abazukwazi ukukhwela u loliwe ongoyena unamaxabiso afikelelekayo”. Utshilo u Mandisi.

“ Namaxabiso ale bhasi ka MyCiti ehamaba apha e Khayelitsha ngoku, awafikeleleki ebantwini. Umasipala no rhulumente basemva kokwenza imali qha. Uzakuhamba njani umntu ongaphangeliyo ngo MyCiti”.

Kwimbalelwano ethunyelwe kwi Elitsha ngu Metrorail bathi isinyanzeliso sika Cosatu neminye imibutho wokuba banyuse imali xa bephucule inkonzo zikaloliwe azivakali. Bathi ukuba abawanyusi amaxabiso kuzakuchaphazela inkampani nekuzisa inkonzo ebantwini.

Also read:  Urhulumente udilize izindlu kwindawo yogobityholo

Copyright policy

Creative Commons LicenceThis work is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial 4.0 International License.

Should you wish to republish this Elitsha article, please attribute the author and cite Elitsha as its source.

All of Elitsha's originally produced articles are licensed under a Creative Commons license. For more information about our Copyright Policy, please read this.

For regular and timely updates of new Elitsha articles, you can follow us on Twitter, @elitsha2014, and/or become a Elitsha fan on Facebook.